iVredefort nge Minyaka ye Stone Age

© David Fleminger

Ixesha le Later Stone Age

Njengokuba iWorld Heritage site eyi Cradle of Humankind site, ikumgama oli 100km kuphela ukusuka kumntla we Vredefort, kusenokwenzeka ukuba abantu babekhona ixesha elide kulendawo ine, mhlawumbi kangangezigidi zeminyaka. Okwangoku ke kodwa akukafumaneki mathambo abantu abubungqina boku kulommandla wase Vredefort.
Umlando nomkhondo wobukho babantu kwindawo eneDome uqala kwixesha le Later Stone Age (phakathi kweminyaka engama 25 000 kunye nama 20 000 yeminyaka eyadlulayo).Ubungqina bokuhlala kwabantu kulendawo abukho buninzi, kuba lendawo ingakhangeleki njengendawo eyombiwe gqithi. Noxa kunjalo, ingqokelela yamatye azizixhobo sele esuka kufunyanwa ecaleni womlamb iVaal, kufuphi nakwi bhulorho iSchoemansdrift, kwakunye nakwifama iParson’s Rus.
Ezi zixhobo ziquka iibhleydi, amazembe,izixhobo zokukhuhla nezokutsheza. Umqolomba okwi fama iBuffelskloof nawo uqulathe ubungqina bokuhlaliwa ngabantu ithutyana. Kwaye kukholeleka ukuba wawusetyenziswa ngethuba le iron-age.Kwaye kukho neqela lemizobo yaBathwa ezotywe ematyeni.

Translated by Zizipho Silwana