Ityiwa njani I-Amaranth

© Tubifex

Iinkozo ze Amaranth

Iinkozo ze Amaranth yingqoloa ethandwayo eMexico, Guatemala nase Peru kwiminyaka engama waka eyadlulayo kwaye inokuba yayi thandwa njengo mbona kule mihla. Iinkozo zazixutywa nencindi yenyosi ukwenza amaqebengwane asetyenziswa kwimisitho yenkolo ze zityiwe. Amagqabi nawo ayatyeka kwaye anezinongo kakhulu. Iinkozo ze Amaranth zinga dubula. Pula icephe elinye lenkozo kwikomityi enesivalo. Pula rhoqo ngee yure ezisibhozo. Sebenzisa iinkozo ezidubulileyo kwi zidlo zesonka ezihlohliweyo okanye kwi saladi.
Iinkozo ze Amaranth ezine protein eninzi zenziwa esitovini okanye kwisishushubezi (microwave). sebenzisa ikomityi enye yenkozo ze amaranth, kwi komityi ezintathu zamanzi ablilileyo anetyuwa, isiselo se apile (apple juice) okanye isiselo esenziwa ngenyama yenkukhu (chicken broth). Bilisa uyiyeke emveni koko imizuzu engama 20 de amanzi afunxeke. Ukuba iyekwe ixesha elide ingancangathi. I-Amaranth ikulungele ukusetyenziswa ukuqinisa isuphu.
Iinkozo zinga qhotswa, zenziwe njengama qhashu (ungasebenzisi -oli) okanye udibanise kwezinye izidlo ezifana ne rayisi ukunikeza ubuswiti obufana noba mandongomane. I-amaranth inomahluko kwezinye iingqolowa. ayiphulukani nobu gram-gram bayo ncam, kodwa iye ithambe ngaphakathi logama ingqolowa ilaba-laba phakathi kwamazinyo.

Izondlo Zempilo Ezikwi Amaranth

©Adrian Ceron
Ngokwe World Grains Council, i-amaranth yiyo yodwa ingqolowa eno vitamin C ngokwezibhalo. Ukongeza, inomyinge we 14% we protein kwaye ityebile kwi amino acids, kuquka ilysine.
Umgubo we Amaranth awunayo igluten kwaye awunako ukusebenza endaweni yomgubo we flawa xa kusenziwa isonka- tshintshisa ngomlinganiselo we 30% womgubo we flawa nge amaranth ukwehlisa igluten kwisonka xa sele sigqityiwe ukuphekwa. Umgubo we Amaranth ungasetyenziswa kumaqebengwana ipancakes, ibhiskithi kunye ne pasta.

Amagqabi e-Amaranth

Amagqabi e-amaranth avunwa ngesandla kwaye kungcono ukuwatya esematsha – ngosuku owakha ngalo. Angabiliswa emanzini anetyuwa (ngenje spinatshi) iphakwe ne sosi ye tomato netswele okanye amazambane netswele. Amagqabi asematsha angafakwa kwi saladi okanye aphekwe kancinci adityaniswe kweminye imifuno ephekiweyo efana ne brokholi netswele.
Iti ye amaranth (ikomityi enye yamanzi abilisiweyo kwisiqingatha samagqabi asandula kukhiwa) zinga nceda isifo se gazi elisezantsi i-anaemia ngesibhulu, ukuhlala udiniwe umzimba, isifo sorhudo, ukukhohlela, kunye nokuya ngamandla exesheni komama. Ukusebenzisa iti epholileyo njengesigcobo sokuthambisa kunganceda isikhuma esirhawuzelelayo esitshisayo kwaye ingasetyenziswa ukucoca amanxeba. Ezona zincedi zempilo kwi amaranth ziquka icarotene, vitamin A, iron, magnesium, phosphorus, potassium kunye ne calcium. I- amaranth enamagqabi abomvu ityebile kwi anthocyanins – intwana -ntwana eziphezulu kwi antioxidants.

Translated by Zikhona Plaatjie