I-Oregano ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie

Igama lesayensi: Origanum vulgare
Igama eliqhelekileyo: Oregano okanye

Origanum I-oregano isuka ku Mazantsi we Europe kunye ne Mediterranean North America.

Inkcazelo nge Sityalo

Isityalo se Origano siqinile sikhula kubude bama 500 mm kwaye amagqabi ambala ungwevu-luhlaza. Isityalo sivelisa amahlahla amaninzi emacaleni apho amagqabi akhula khona. Iintyatyambo eziphuma ekupheleni kwamahlahla amhlophe, kwaye avelisa eyona oli isetyenziswayo, embala upinki kunye no mfusa, kwaye asetyenziswa kakhulu ekuphekeni amafutha.

Imisebenzi ye Oregano

I-Oregano nokuba isandula kukhiwa okanye yomile, isetyenziswa ukupheka ukutya okwahlukileyo ngenjongo yokunikeza incasa. Omnye umsebenzi kukuvelisa ii-oli ezisetyenziswa ngabantu. Le oli isetyenziswa ngaphakathi nangaphandle ngenxa yokuba ilungile ekulweni nokuchasana nentsholongwane. Yaziwa ngokuba iyayinceda icandida, inyawo lwabezemidlalo (athlete’s foot) kwaye ipholise nokurhawuzelela ngenxa yokulunywa zizinambuzane kwaye iyasetyenziswa ukugxotha izinambuzane.

Iimfuneko zo Mhlaba kunye Namalungiselelo

I-Oregano ikhula kakuhle kumhlaba onesanti owomileyo one pH ephakathi ko 6.5 kunye no 7.5. Phambi kokuba kulungiswe umhlaba kuye kuthathwe umhlaba omncinci uthunyelwe elaboratory ukuze uhlolwe nokuba kuchazwe izakhamzimba ezifumanekayo. Umhlaba kufuneka uqhaqhwe ukuze umhlaba ungaqini ukuya ku 500 mm ukuqinisekisa okokuba umhlaba uyaphefumla. Lungisa amazinga we pH ngoko ngeza ilamuni.
Umgquba okanye isichumisi kufuneka sifakwe okanye sikhofolwe ngaphezulu kuma 400 mm omhlaba iiveki ezine ukuya kwezintlanu phambi kokutyala. Kwintsuku zokugqibela phambi kokuba kutyalwe yongeza iintwana ntwana nezichumisi esifakwa emhlabeni phambi kokutyala, emveni koko faka iteletele ama 20 cm ngaphezulu komhlaba. Oku kucoca nokhula ebesele lukhona. Bethelela ezokunkcenkceshela kunye nokuchumisa umhlaba.

Isimo se Zulu

I-Oregano sisityalo esihlala siluhlaza ngombala, esomeleleyo esikhula kwisimo sezulu esishushu kwindawo ezinamanzi kwaye sikhula ngcono kwindawo ezinobushushu obuphakathi ko 16℃ kunye no 28℃. Iyanyamezela kumbethe. Ubushushu bomhlaba kufuneka bubengaphezulu ko 12℃ ukuze usasazeko lwenzeke kakuhle okanye kukhule izithole.

Izichumisi

Zimbini iintlobo ze Oregano eziveliswa ngenjongo yokuthengisa. Ukukhetha ezifanayo kusandula kuxabiseka kuba ixabiso le oli ebalulekileyo esetyenziswayo lithe lenyusa intengiso yemveliso. Ezincinci kwezintyatyambo zi pinki namfusa zisetyenziswa kakhulu ekuphekeni kwaye umhlobo omhlophe usetyenziswa kakhulu ukuvelisa umyinge we oli esetyenziswayo kakhulu.
Imihlobo ethile efumanekayo yile : Aureum, Crispum, Country cream, Dark Leaf, Gold tip, Nanum, Variegata kunye ne Zorba.
Zininzi ezinye iintlobo kwaye kungcono ke ukufumana ingcebiso yalowo ukufuphi usebenza ngezityalo kunye noongcaphephe nge mbewu ukuze kufumaneke iintlobo zemveliso ezahlukileyo kwindawo yemveliso kunye nabathengi.

Translated by Zikhona Plaatjie