I-Oli ye Hemp

I-Oli ye hemp ingafunxwa kwindawo ezininzi kwi sityalo se hemp kwaye inenzuzo ngoko kupheka, ubuhle, emayezeni kunye nokusetyenziswa kwiintengiso.

©Marinda Louw

I-Oli Yenkozo ze Hemp Xakuthelekiswa ne Oli ye Hemp eyi CBD

I-Cannabis sativa (ihemp) iinkozo zisetyenziswa kwilizwe jikelele ngenxa ye zinongo eziphezulu nemithetho engqongqo ebekiweyo ukwehlisa umlinganiselo wayo othi usebenze engqodweni icannabinoid tetrahydrocannabinol (THC). Kwelase Canada, lomlinganiselo ngu 10 ppm ngokwe gram ye nkozo se hemp namanye amazwe afana no Mzantsi Afrika alandela imigaqo efanayo kwinqanaba le THC efumaneka kwi hemp. Ilizwe lase USA livumela malunga no 0.3% we THC kwimveliso ze hemp.

I-Oli yenkozo ze hemp ifumaneka kwinkozo kwaye ungafumana iiphytocannabinoids ezifana ne CBD. I- Oli yenkozo ze hemp iyakhanywa ibanda ukuze ivelise umyinge we oli eluhlaza ngombala etyiwayo enencasa efanayo namandongomane (walnuts) okanye iinkozo ze (sunflower). 

Le oli igcwele amafutha aluncedo lwempilo (poly-unsaturated fatty acids) ezifana ne omega 6 no omega -3 kunye no vitamin E. umlinganiselo we omega -6 ukuya ku omega-3 kwinkozo ze oli ye hemp ngesiqhelo iphakathi ko 2:1 no 3:1 kwaye lomlinganiselo ulungele impilo yoluntu.

I-CBD ithabathwe kwi oli ye hemp eyenziwa ngentyatyambo, amadiza, kunye namagqabi wesityalo se hemp. Ezindawo zezityalo zine phytocannabinoid apho ke i-CBD iyeyona ibalulekile. I-CBD yeyona yaziwa ngokuba ayisebenzi engqondweni njenge phytocannabinoid, kodwa yiyo yodwa kwisininzi se cannabinoids ezifumaneka kwi hemp.

Eyona njongo yokusebenzisa i-CBD ye oli ye hemp kukubuyisa ukulingana kwi khemikhali ezisemzimbeni ngokuthi kuvuselelwe i ‘endocannabinoid’ emzimbeni womntu. Inzuzo ze CBD oli ayenziwa kuphela yi CBD oil kodwa yongezwa ngezinye intwana zezinye iicannabinoid ezifumaneka kwi oli njenge terpenes nezinye. iiphytochemicals. Xa zidityanisiwe, umthelela ubanamandla kuno mthelela we CBD iyodwa, yaziwa njenge galelo le ‘entourage’.

Imisebenzi ye Oli ze Hemp

I-Oli yenkozo ze hemp icekeceke kakhulu, ayina kusetyenziswa nobushushu kuba izakutshabalalisa amafutha asempilweni kodwa ke ilungile kwi mayonayisi, pesto, okanye njengoku kufakwa kwincindi ye saladi. I-oli ye hemp kungcono xa igcinwe kwindawo epholileyo, kwaye xa ithe yavulwa, kufuneka isetyenziswe kwinyanga ezintathu.

Isetyenziswa kwimveliso zokuthambisa isikhuma, i-oli eyenziwe ngenkozo ze hemp inezikhuseli mzimba kwaye inamandla oku khusela umzimba ekusulelekeni okuhamba neentlungu nokudumba oku ke kunceda ukuphilisa amaqhakuva, irhatshalala, eczema, kunye ne zilonda entloko. Ilungile kwisikhumba ezicekecekhe. Izifundo ezenziwe eFinland zibonakalise umahluko kwi eczema nokomelela kwenwele nenzipho kwabo basebenzisa i-oli eyenziwe nge hemp yonke imihla.

Eyesibini, ukutshisa ze kucinezelwe inkozo ze hemp ukuvelisa i-oli engumbala omdaka. Le ke i-oli isetyenizswa kwivanishi, njenge oli eyomisa ipeyinti, kunye ne oli yesibane esisebenza nge oli. Itapeti efana ne linoleum ne dizili enukayo zenziwe nge oli ye hemp.

I-CBD hemp ye oli efunxiweyo, (kumagqabi, kwintyatyambo, kunye namadiza,) zingasetyenziselwa iintlobo zemveliso ezininzi kuquka ezesikhumba nokuphilisa intlobo zemeko zempilo ezininzi.

Owona mqondiso mkhulu we sayensi ngokusebenzisa i-CBD oli njenge yeza kukunyanga isifo sokuxhuzula ebantwaneni. I- CBD ijongana nayo nemeko yokuhlala uxhalabile (anxiety) kunye nengxaki zokulala kunye neentlungu ezithe gqolo ezenziwa kukudumba nosuleleko.

I-CBD oli iyafakwa kwimveliso ezifana ne lekese, lollipop, izidlo ezimnandi zezilwanyana zasekhaya kunye namachaphaza, i-oli efunxwayo, kwimixube kunye nezi fafazi zomqala obuhlungu. Ingathanjiswa esikhumbeni okanye iselwe emqaleni.

Izifundo zophando ezenziwe yi Dyunivesithi yase Nottingham zigqibe okokuba ezinye iintlobo zokutya ezinamafutha amaninzi zingandisa ukufumaneka kwe CBD kwi hemp oil. Ikhokhonathi, olive, soybean ne sesame oli, kunye nentlanzi, inyama, avocado kunye namaqanda, zenza umzimba ufunxe I-CBD kakhulu.

Translated by Zikhona Plaatjie