Inzalo yeeNkukhu

© Chris Daly

Iindidi ezininzi zenzalo yeenkukhu ziyafunamenka eMzantsi Afrika, udidi ngalunye lunempawu zokomelela kunye neempawu zobuthathaka. Ukukhetha inzalo, abalimi kufuneka baqaphele indlela abavelisa ngayo iintaka, abantu abazifunayo kunye nendlela abazifuna ngayo.

Inzalo yorhwebo yiyo ebhethele kwimveliso enzulu yeenkukhu, nangona ukuzisebenzisa zombini okanye iintaka zemvelo izizo ezingcono kuba zibhabha khululekileyo kwaye zincinci ngokophuhliso.

Inzalo yeeNkukhu zoRhwebo

Cofa apha xa ufuna ukufunda banzi ngenzalo yorhwebo, inzalo esetyenziswa kabini, okanye inzalo yeenkukhu zemvelo. Iinkukhu zorhwebo zikhethekile kakhulu, kuba zikhupha amaqanda amaninzi okanye inyama eninzi, kodwa hayi zombini.

Zenzelwe iimveliso enzulu yeenkukhu. Umaleko wezorhwebo ufumaneka kakhulu pha kwinzalo eneveki ezilishumi elinesibhozo. Inzalo yorhwebo efumanekayo namhlanje yenziwe ngokudibanisa i-White Leghorn kunye ne New Hampshire, kubekhona ne Amberlink, iHyline kunye ne Lohmann ezisetyenziswa kakhulu eMzantsi Afrika. Intaka nganye, ixhomekeke kudidi lwayo, inekhono lokuvelisa amaqanda amathandathu ukuya kwasixhenxe ukusuka pha kwiveki yeshumi elinesibhozo ukuya kwiiveki ezingamashumi asixhenxe ngokweminyaka.

Umaleko ugcinwa ixesha elide kwamanye amazwe, ngamanye amaxesha ude asetyenziswe nakwenye imveliso yamaqanda elandelayo, abavelisi abaninzi bamaqanqa base Mzantsi Afrika bathengisa umaleko xa iintaka zineveki ezisixhenxe ngeminyaka. Okokuqala, kuyabiza ngexabiso ukugcina ezintaka ithuba elide, okwesibini uMzantsi Afrika usakhasa kwezorhwebo kwimveliso yeentaka eziphilayo okanye iinkukhu ezisetyenzisiweyo. Abavelisi benza iimali ngokuthengisa iinkukhu, ukunika inkxaso kwintengiso yomaleko omtsha.

Uninzi lweenkukhu zorhwebo olufumanekayo lukhutshwe phakathi komxube we Plymouth Rock kunye ne Indian Game, kube khona ne Ross, i-Cobb, i-Hubbard, i-Arbor Acres kunye ne Hybro, iyiyo esetyenziswa kakhulu eMzantsi Afrika. Iintaka zifumaneka zisenosuku olunye lokuzalwa. Ufuzo oluthe lwaphumelela kwenziwa iintaka ezincinci ngawo, pha eminyakeni.

Apho kwathatha ixesha elingange ntsuku eziyi 84 ukuvelisa intake enesiqu esilingana ne 1.8 kg ukusuka pha kwisondlo esingange 3.25 kg, iintaka zanamhlanje zorhwebo zinekhono lokufumana umzimba wazo emva kweentsuku eziyi 33 ukuya kwezi 35, kwaye sisitya isiqingatha somlinganiselo wokutya kwazo. Iindlela ezininzi zokuzalisa azijonganga amazinga abhethele emveliso yamaqanda okanye inyama, kodwa nenzalo ephilileyo eyomeleleyo.

Translated by Aviwe Damane