Inzalo yeeNkukhu Enjongo Zimbini

© Chris Daly

Inzalo yeenkukhu enjongo zimbini ilungele imveliso zombini zamaqanda kunye nenyama. Inzalo eninzi yeenkukhu iwela apha koluluhlu, iquka ne Black Australorns, i-New Hampshore kunye ne White Leghorns.

Iinkukhu ezibizwa i-Australorp zavela pha e-Australia kwiminyaka ye 1900s, ngenxa yokhetho nzalo lwentaka ezibizwa iBlack Orpington: Abantu base Australia, ngempumelelo, bajika lenzalo yentaka yase-British beyisusa kwintaka yomboniso bayijika yabayintaka edumileyo yorhwebo. Inkukhu yokuqala emnyama ebizwa iAustrolorp yafika eMzantsi Afrika pha kwiminyaka ye 1910s. uMzantsi Afrika unomahluko ekukhuliseni zonke intlobo ezimibala-bala zalenzalo.

Ziintaka zenyama, kwaye imiqhagi ekhulileyo ingange 3.9 kg ukuya kwi 4.7 kg ngomzimba, iinkukhu zona zinomzimba ongange 3.7 kg ukuya kwi 4.5 kg. Kuthiwa zezona ntaka eziwazalayo amaqanda, ukusuka pha kumaqanda ayi 250 amakhulu ngesiqu, ambala ontsundu kunyaka ngamnye.

Inkukhu ebizwa ukuthi yi New Hampshire yona yazalwa e Rhode Island Reds yaze yamkelwa njengenzalo ezimeleyo pha e-Amerika ngonyaka ka 1935. Iintaka zokuqala, ngabula umbutho wolungiselelo lweeNkukhu lwaseMzantsi Afrika, lwafika pha ngonyaka ka 1947 eMzantsi Afrika.

Lenzalo yayikhethelwe ukukhula msinyane, ubudala, ukutyhala kunye nemveliso yamaqanda amakhulu antsundu. Imiqhagi emidala inomzimba ongange 3.5 kg, zona iinkukhu zinomzimba ongange 2.6 kg. Abanye abazalisi bathi lenzalo yeentaka iyakwazi kwaye inekhono lokuvelisa amaqanda amaninzi njengo maleko wezorhwebo.

I-White Leghorn yeyona nzalo indala eyaziwayo ngabantu. Ziphuma pha e-Italy kwaye zazibizwa njenge “Italians” ukuya pha kunyaka ka 1865, emva koko zabizwa i-Leghorns e-Amerika. i-Leghorn apha eMzantsi Afrika iye yaphuma emva kothutho olusuka pha kwiminyaka ye 1940s, iphuma pha kumazwe afana ne England, i-Denmark, i-Australia, i-New Zealand, i-United States kunye neGermany. Ezintaka ziye zakhuliswa kwaye zazaliswa exesheni ukwenzela imeko kunye neemfuneko zase Afrika.

Ii-White Leghorns ngokwemvelo zisetyenziswa kwimveliso yamaqanda kwaye iyenye yentsika yenzalo kwezorhwebo. Imiqhagi yona inomzimba ongange 3.5 kg xa ikhulile, zona iinkukhu zinesiqu esingange 3 kg kwelixesha.

Translated by Aviwe Damane