Intlobo zama Dlelo we Mbotyi

© Gary D Robson
Imbotyi zingohlulwa ngamaxesha ashushu enyakeni kunye namaxesha apholileyo onyaka, kuxhomekeke kwelona xesha zikhula kakhulu ngalo. Ukukhetha iimbotyi ezilungele idlelo, kwaye ezizakulungela nesimo sezulu sefama, ulwazi lokuba zizakudinga amanzi angakanani kunye nohlobo lomhlaba zizinto ezibalulekileyo. Umsebenzi wembotyi xasele zikhulile kufuneka waziwe kwasekuqaleni, umzekelo, ingaba zizakusetyenizselwa ukutyisa izilwanyana, imveliso ye hay okanye isilage?

Amadlelo Embotyi eMzantsi Afrika

Zombini isoybeans kunye ne cowpeas zimbotyi ezikhula kwisimo sezulu esishushu, kwaye zikhula ngonyaka – zikudidi oluphezulu, zingasebenziseka lula kwidlelo lasehlotyeni kuhlelo lokutya iforage. Icowpeas zine protein engu 14 - 24%, kuxhomekeka kwinqanaba lokukhula.
I-Lucerne yimbotyi ethanda ixesha lonyaka elipholileyo elikhula kwihlobo lonke nomlinganiselo we protein ongu 16 - 18%. Amadlelo we Lucerne atyalwa kakhulu kodwa asetyenziswa kakhulu kwimveliso ye hay nangona ukukhula kwayo kubalulekile kumhlaba owomileyo kumadlelo anembotyi kwindawo ezithile eMzantsi Afrika.
Ezinye iintlobo zembotyi zamadlelo zonyaka yi Medicago nohlobo lwe clover kwiphondo le Ntshona Koloni kunye ne clover emhlophe nebomvu kwindawo ezilungileyo naphantsi konkcenkceshelo oluthe gqolo.

Ulawulo lee-Mbotyi Njengama Dlelo

©Commonwealth Scientific and Industrial Research Organisation (CSIRO)
Amadlelo embotyi afuna ulawulo. Hlanganisa imfuyo kunyaka wokuqala emveni kokutyala ukunciphisa ukuba imfuyo itye de amadlelo avelise imbewu, ze emveni koko uvumele imfuyo itye kancinci Kanye, okanye kabini ngexesha lase hlotyeni/kwindla.
‘Ukuqunjelwa ngenxa yama dlelo’ kwenzeka xa ukutya (forage) kunembotyi ezingapha ko 50%, ingakumbi iwhite clover ne Lucerne okanye xa imfuyo isitya kumadlelo amanzi. Berseem clover ayifane yenze isisu esiqunjelweyo kwisilwanyana. Yongeza ukutya okomileyo, ze unikeze oko kuchasene nokuqunjelwa kwizisu zezilwanyana.
Amadlelo embotyi avelisa iminyaka emithathu (3) ukuya kwemihlanu (5) emveni koko ‘aphele’ oko kungenzeka xa initrogen emhlabeni ingasekho. Ukuchumisa kunganceda idlelo ‘lingaphelelwa’. I-Phosphate potassium kunye ne pH yomhlaba zibalulekile kwimbotyi.
Uyacelwa qaphela: Ulwazi lwenzelwe ukufundisa kunye nokunikeza ulwazi ngoku phangalelelyo kuphela, kwaye akufunekanga lubonwe njenge ngcebiso yokutyala,ukondla imfuyo okanye ulwazi ngezinongo. Xa ufuna ulwazi oluthe vetshe ngokutyisa izilwanyana zakho okanye ukutyala amadlelo nxulumana nalowo usebenza ngempilo yezilwanyana okufutshane kuwe okanye umthengisi wembewu.

Translated by Zikhona Plaatjie