Ingcinga Zobuntwana zoo Makhulu be Grandmothers Against Poverty and Aids

iGrandmothers Against Poverty and Aids (GAPA) (Oomakhulu abachasene nentlupheko nengculaza) babalisa ngemini zabo beseba ncinci besakhula, besafunda esikolweni befumana ubunzima bese kwiminyaka eselula.

uBeauty Skefile

Enye yezinto zokuqala endizikhumbulayo kukudlala imidlalo yabantwana, enje ngo gqaphu, no hula hupsi ezitalatweni zase Retreat eKapa. Sasingabantwana abamnyama, abamhlophe, nabebala, sidlala sonke. Ndandingazazi nokuba ndiyintlanga. Ndangena isikolo se Afrikaans ndalwazi nolwimi kuba ndandi khula phakathi kwabantu abathetha ulwimi lwesi bhulu.

Exesheni kwatshintsha oko. Ngezo mini, indlela yokubona okokuba ukulungele ukungena isikolo kwakuxa ubeka isandla sakho phezu kwentloko yakho, uchukumise indlele kwelinye icala. Lilonke andizazi ndandine minyaka emingaphi ukuqala kwam isikolo kodwa ndandisele ndimdala kunabantwana xa beqala isikolo kwezi ntsuku.

Izinto zazingcono ngezo mini. Abantwana namhlanje bano bulumko. Awuna kukwenza nto bangakubuzi okokuba uyenzelantoni lonto. Ngezo mini, xa ubuza lo mibuzo abazali babe kuqhwaba bathi‘ uyibuzelani yonke lemibuzo?’ iphelele apho. Namhlanje, abantwana banento eninzi zokuthetha, bephikisana nawe becinga bane mpendulo.

uTenjiwe Tutu

©Eric Miller

Njengabantwana, sasonele koku sasinako, kuba akukho okunye esasikwazi. Yayi yindawo entle. Kwakho ingca engqunge indlu yethu, kumgama we kilomitha kwindlu yethu yayizi ntaba ezigqunywe ngama hlathi atyebileyo.

Ndabuyela khona kwiminyaka edlulileyo ndandi neminyaka eyi 53 okanye 54 kwaye ndingakwazi nokunyuka ezantaba, kodwa ndiseyi ntombazanana ndandisonyuka kuzo ngoku khawuleza ndingena ngxaki, oku kwe bhokhwe, tlok tlok tlok.

Mna netshomi zam sasizenza onodoli ngezikhwebu zombona ezomileyo emveni kokugraya umbona. Senza izindlu ngenkuni sisenzela onodoli bethu, sifaka ingca ukuzigcina zimile sichola intyatyambo ezintle endle ukubeka kulama khuni.

uGoldie Qayiya

©Eric Miller

Ebuntwaneni bam, sasinyuka intaba siyinyukela ubumnandi. Ngexesha elininzi sasiba lishumi elinesihlanu, utata, umama, usisi nabantwana bakhe bonke. Siphatha amapheyile omngqusho sitye phezulu, sifaka amafutha awaziwa ngokuba yi Holsum.

Sasinee hagu ezininzi ekhaya, xa sisando kuxhela sasinyuka nenye inyama sizonwabise ngayo phezulu emveni kokwenyuka iyure enesiqingatha sasiphezulu sibona iintaba ezingqunge indawo zokuhlala zingqunge i-St Marks, umlambo onqumla indlela yawo phantsi komhlaba ngamanye amaxesha ekudeni, izilwanyana zase ndle. Ngamanye amaxesha sasibona imbabala kodwa ixesha elininzi odyakalashe.

uFelicia Mfamana

©Eric Miller

Ndandine minyaka eyi 11, njengesiqhelo, abahlobo bam, uNombeko, Nomvulazana no Jongikhaya babezo dlala. Onodoli bethu benziwe ngompha wombona owawukhuliswa ngomakhulu bethu emasimini. Imidlalo yobuntwana sisakhula yayi mnandi, kodwa ekukhuleni ndaziqonda okokuba andifuni ukutshata. Ndandi kuthanda ukufunda, ndathatha isigqibo sokuba ngu tishalakazi.

Ndandizakuba nomsebenzi omnandi ukunceda abantwana. ndikwazi nokunceda abazali bam. ‘Kufuneka ufunde’, wayehlala esitsho utata. ‘Hamba uyokufunda ukubhala nokuthetha kakuhle. Ndifuna nina bantwana nibeno bomi obungcono kuno bam, fundani konke enikwaziyo ukufunda. ‘Wayethetha enolwazi. Esengumfanyana wasebenza ngaphantsi emayini, exesheni wasebenza nzima emasimini ejonga imfuyo ye nkomo.

Yayibubomi obumnandi, kodwa obunzima. Wayefuna izinto zibeno mahluko kuthi. Kodwa iminqweno yakhe yayingo nelanga. Ngexesha ndisenza ibanga lesihlanu, umama wam wasweleka. Zange silambe ekhaya. Kwakuhlala kukho imifuno esuka egadini nobisi lwenkomo.

Kodwa emveni kokusweleka kuka mama imali yempahla zesikolo nezihlangu, nencwadi yayingo nelanga. Ndandikhathazekile, notata ngokunjalo kodwa kwakungekho esinokukwenza. Kwanyanzeleka ndiyeke isikolo.