Ingca Yamadlelo

©Pannar Saad
Ingca, ikwabizwa imonocot okanye isityalo esimagqabi amxinwa, ibalulekile emadlelweni. Xa ixutywe nembotyi emadlelweni, ingca ingehlisa umngcipheko wokuqunjelwa xa izilwanyana zisitya emadlelweni. Ingca zingathintela nokukhula kokhula, inganceda amadlelo anyamezele ubusika kwaye avelise imiyinge elungileyo. Intlobo zengca zamadlelo zithetha okokuba kukho ingca Lungile phantse nasiphi na isimo sezulu okanye naphantsi koluphi na uhlobo lolawulo.
Iingca ingohlulwa ngokuba yeyexesha lemvula okanye ikhula ehlotyeni kwaye ikhula kwisimo sezulu esipholileyo.
Cela nakweyiphi na inkampani esebenza ngembewu ukuba ikubonise iingca ezingcono ezilungele amadlelo ukuze akhule kwindawo yakho nakuhlobo lwakho lomhlaba.

Intlobo Zengca Zamadlelo Ezikhula Ehlotyeni

©Pannar Saad
Iingca ezivelisa umyinge ophezulu nezikhula kumaxesha ashushu ehlotyeni zibizwa ngokuba zintlobo zengca ezikhula–ehlotyeni kwaye zityalwa kwimimandla eshushu kweli lo Mzantsi Afrika.
Ingca zasehlotyeni ezikhula kwingcambu enye
Ezintlobo zengca azilungelanga okokuba izilwanyana zitye kakhulu zibenesisu azicoleki kakuhle esiswini. Ukucolwa kubhekisa kubuninzi bezinongo isilwanyana esingathi sizifumane kwidlelo.
Umzekelo wezintlobo zengca zikhula ndawoninye yi weeping love grass (Eragrostis curvula), idlelo elisisigxina kwaye linyamezela imbalela ibuffalo grass (Cenchrus cilliaris) kunye ne finger grass njenge Smuts finger grass (Digitaria eriantha).
I-Weeping love grass ilungele umhlaba okhamekileyo one asidi ne pH ka 4 - 7. Uhlobo lwe Buffalo grass likhetha umhlaba one pH ephakathi ko 7 - 8, ikhula kumhlaba one santi endle kwaye ayidibani ne aluminium ne manganese. Lengca inencasa iSmuts finger grass ikhula kumhlaba onamatye onobunzulu kunye ne santi kwi pH ephakathi ko-6 - 7 kodwa iyasokola kumhlaba ongachumanga ncam.
Ingca ekhula ngoku khawuleza iRhodes iyakhula kwintlobo nemeko ezahlukileyo zomhlaba kwaye ivelisa imiyinge ephezulu ukusuka kunyaka wokuqala ityaliwe. Kungcono xa idityaniswe ne Smuts finger grass.
Ingca ezikhula kwisiqu
Ezintlobo zengca ziye ziphinde ziphume lula emveni kokuba izilwanyana ziye zatya kakhulu kuzo, kodwa njengazo zonke iintlobo zengca ezikhula ehlotyeni, ayicoleki lula esiswini.
Imizekelo yentlobo ezikhula esiqwini zinabe ziquka ikikuyi – yona ithanda imihlaba echumileyo - kunge ne bhai enyamezela imbalela iphinde idibanise nomhlaba, okanye ingca engasokolisiyo yenkwenkwezi (iintlobo ze Cynodon).

Ingca Zamadlelo Ezikhula Ebusika

©Pannar Saad
Izityalo zase madlelweni ezithanda ubushushu zikhula ngcono ngamaxesha apholileyo afana ne ntwasahlobo kunye nokwindla. Ezintlobo zengca zihlala zihlaza ebusika, ziyali nyamezela ikhephu kwaye zicoleka lula esiswini kunengca ezikhula ehlotyeni.
Ingca ezikhula kwingcambu ezithanda ubushushu
Khetha ingca elungele indlela etya ngayo imfuyo yakho. Umzekelo, ingca ezithanda isimo sezulu esitshintsgayo ziyakwazi ukumelana nemfuyo etya kakhulu emadlelweni, kodwa ingca icock’s foot ikhula ngcono xa izilwanyana zisitya kancinci kuyo.
Irye grass yase Italy ingatyiwa ixesha elide kune Westerworld ryegrass. Irye grass njenge ngca etyiwa zizilwanyana idinga initrogen namanzi amaninzi.
Uhlobo ifescue ende ilungele imihlaba emanzi kakhulu nengca ekhula kufuphi kumachibi nemilambo kwaye inyamezela umhlaba one asidi.
I Cock’s foot (Dactylis glomerata) inencasa kakhulu. Le ngca ingamelana nezilwanyana ezitya kakhulu kwaye ikhula kakuhle kwindawo ezonyukayo ku mazantsi nakwi ndawo ezisithekileyo, ilunge kakhulu ukutyalwa ku masimi ekutyalwe imidiliya kunye nakwigadi.

Translated by Zikhona Plaatjie