Indlela Zokutyisa Iinkukhu

© Chris Daly
Ukutyisa iinkukhu yenye yezinto ezibizayo kuma fama, ngamanye amaxesha kubalwa isiqingatha esingapha ko 50% yendleko zokufuya iinkukhu. Zikhona indlela ezithile zoku phula iindleko kwaye wenze okuninzi ngokuncinci onako.

Ingqokelela Yolwazi

©Chris Daly
Ukuthenga ukutya okuncinci, ebantwini kunyusa iindleko zemali. Ukoyisa lengxaki, uDr Charlotte Nkuna we South African Poultry Association waye wacebisa kwincwadi yabafama eshicilelwa rhoqo ngeveki apho babhala khona bafune ukuva noluvo, ngezinto ezinje ngamantshontsho, ukutya, ugonyo, nebhedi ngobuninzi ngqo kubavelisi. Ezinje nge feed mills okanye hatcheries oku akubikho lula xa amafama eqelelene, kodwa ke amafama kufuneka athethe, bonke beze nezisombululo kwingxaki abanazo.

Sukusebenzisa Ukutya Okungekho Semgangathweni

Xa uthenga ukutya, qinisekisa okokuba ukutya ukuthenga kwindawo eyiyo. Ingxaki ngokuthenga ukutya kwindawo ezingezizo kukuba ingenzeka iinkukhu zingafumani izakha mzimba ezidingekayo nezaneleyo, oku kungenza iinkukhu zingazali kakuhle, zingakhuli kwaye zibeze cicini lokufumana izifo. Ukutya okudala kungenza izifo ezithile.
Ukutya kufuneka kube semgangathweni ukuze izidingo zezilwanyane zakho zifezekiswe. Ukutya kwenkukhu ezaziwa ngokuba zi broilers, umzekelo kufuneka ukutya kunikeze Amandla, nezakha mzimba iprotein ukodlula ukutya kwenkukhu ezaziwa ngokuba zi layers kuba ibroilers kufuneka zikhawuleze zityebe kune layers.
Lilonke, yintoni ukutya okusemgangatweni?
  • Ukutya kufuneka kungabina kungcoliseka nantoni na unokwenzakalisa.
  • Kufuneka kube kutsha kwaye kungabi kudala. Kunganuki kakubi okanye kube kudala kwaye maku khangeleke kukutsha maxa onke.
  • Kufuneka ukutya kwenziwe ngemveliso esise mgangathweni
  • Imveliso kufuneka zifane, zingohluki ngokwe miqulu nomnye
  • Kufuneka kubekho inani lomqulu, umhla wokwenziwa, ne nkcukacha ukuze kubelula ukunxulumana xa kukhona okungahambi kakuhle.

Indawo Elungileyo Yokugcina

©Chris Daly
Ukugcina ukutya endaweni eyiyo kunceda ukukhusela ukutya. xa ukutya kuye kubakudala, kuye kuphulukane nezakha mzimba, oku kuthetha okokuba kudingeka ukutya okuninzi ukugcina intaka zisempilweni, kuna xa kusetyenziswe ukutya okunezi nongo. Ukutya okungacacanga kwandisa amathuba okufumana izigulo.
Ilizwe lenkukhu limacebiso okugcina ukutya:
  • Ukutya kufuneka kugcinwe komile, kupholile, kungekho selangeni kwindawo engena umoya.
  • Kufuneka kukhuseleke kwizinambuzane ezitya Imfuyo, hayi ngenjongo yokunqanda ilahleko yokutya, kuba ezizinambuzane ziyakungcolisa ukutya.
  • Ukutya kufuneka kungabekwa phantsi, ukuze kungangcoliswa ngumhlaba.
  • Kufuneka kugcinwe kude kwi khemikhali neziyobisi.
  • Xa kugcinwe kwinkonxa, ezinkonxa kufuneka zicocisiswe phambi kokuba kongezwe okunye ukutya.
  • Indawo zokugcina ukutya kufuneka zigcinwe zicocekile.

Zenzele Okwakho Ukutya

©Chris Daly
Xa ukwazi ukuzifumanela iziphekisi ezikudidi oluphezulu ezinje ngomgubo, isoya, ingqolowa kunye ne sunflower ungakwazi ukuzenzela okwakho ukutya. Cela umntu osebenza ngokutya kwezilwanyana akuncede wenze ukutya okunezakha mzimba nemilinganiselo eyiyo ezakuxhasana nezidingo zenkukhu njengoko zimane zikhula ngokwamanqanaba.
Kwimiqolo ebhalwe kwi Poultry.com uJan Grobbelaar we Dumela Poultry Solutions unezingcebiso zilandelayo kuma fama angakwaziyo ukutenga ukutya. Okokuqala angavelisa eyabo ifly larvae ukutyisa iinkukhu. Oku kwenziwa ngokubeka ukutya okudala okunje nge khaphetshu, kwi pheyile elingabekwanga epalini. Ezi mpuphu zokutya kuzakutsala izinambuzane, ezizakubeka amaqanda azo kuyo. Imingxuma kufuneka yenziwe emazantsi we pheyile ukuze ezilumayo ziye emazantsi we pheyile iwe kwimingxuma. Elinye ipheyile lingabekwa phantsi kweli livelisa imibungu ukuze ukuze iwubambe.
Elinye icebo, kukuvuna itermites. Ukuze imveliso ixhaseke, uGrobbelaar ufundisa amafama ukuba asuze indawo ingxenye ye ndlwana ye termite ngokwenza umngxuma kuyo. Lomngxuma ugqunywa yingca eyomileyo ukuze ivuseleleke indlwana. Ithatha inyanga ezilithoba bambi kokuba indlwana iphinde ivunwe.
Elinye icebo kukwenza umgubo ongatyiwayo ngabantu uwenzele intaka. Nangona oku kuzisa umngcipheko wezifo umngcipheko umncinci kwi nkukhu ezihamba zisitya kuba ziqinile kune nkukhu uziveliselwa ukuthengiswa kwaye ziyakwazi ukutya indidi ezithile zokutya.

Translated by Zizipho Silwana