Indlela Yesintu Yokuzala Umntwana

© Dr Peter Magubane

Amadoda Awavumelekanga

Ukuzalwa komntana kuhlanga lwamaZulu oko yaye iyinto yabafazi bodwa. Kwaye akukho ndoda ivumelekileyo xa kubelekiswa umfazi. Abantu abazalisayo iba ngoomama abadala bo muzi lowo, naba sele begqithe lee kwinqanaba lokuthwala abantwana. Emva kokuba amasana ezelwe, ahlanjelwa emsamo (indawo ekhethekileyo esemva kwendlu), ngamanzi ane ntelezi.

Emva koku aye aqiniswe ngokwenziwa kwamasiko athile aqatywe nabayeza athile. Nanamhlanje, oomama kunye nabantwana bahlaliswa bucala, de kube kanti usana luyawisa inkaba. Ngeli xesha oomama bathethwa njengaba ‘mdaka’kwaye bangaba nobungozi kwizinyanya zekhaya lomyeni. Abavumelekanga ukuba baphathe kwacephe, kwaye kufuneka batye ukutya okuphekwe ngaba fazi abadala abazalisayo. Kufuneka batyele esityeni esikhethekilleyo, ngecephe elikhethekileyo.

Oku kuhlaliswa bucala kuvamise ukuthatha iintsuku ezi ntlanu ukuya kwezilishumi, emva koko umdlezane uye ahlanjwe. Kufuneka atshizwe nge ntelezi ngaphambi kokuba aqhubeke nobomi bakhe. Indlu ebehlala kuyo kufuneka icocisiswe, kusindwe ngobulongwe obutsha kubaswe nomlilo eziko. Emva koku, umyeni angangena aze abone usana lwakhe okokuqala.

Nangona ootata abasebenza kude namakhaya bengafane babekhona kwiziganeko ezifana nezi. Kuye kusilwe umqombothi ukubhiyoza nokubulela aba bafazi bebezalisa. Lo msebenzi uyaphindwa xa utata wekhaya ebuyele ekhaya (esuka empangelweni edolophini), eze kubona umntwana wakhe okokuqala.

Translated by Zizipho Silwana