Indawo Zentengiso Zabafuyi

© Chris Daly
Kufuneka ubale ngokucinga xa ufuna impumelelo njengomfuyi wenkukhu, njengoko abathengi ingamashishini azinzileyo. Mike Bosch wase Boschveld Chickens uthi mibini imicela mngeni xa ujongana nalentengiso: okokuqala kunzima kumafikizolo ukuphikisana nabavelisi esele kudala bevelisa; okwesibini inkukhu ezithengisayo zivelisa kakuhle kwimeko ezilawulwayo kwaye amaxabiso azo aphezulu kakhulu- zizigidi ngezigidi zerandi.

Indawo Zokuthengisa Ezisesithubeni

©Chris Daly
Icebo elingcono kukujonga indawo ezithengisa inkukhu zakudala okanye udidi olwaziwa nge dual breed, elinje nge Boschveld, Australorp, koekoe ne Island Red. Oluhlobo lwemveliso lunganga khuli ngoku khawuleza njengezi zithengiswayo kwaye xa kufanele ziqandusele zingaqandusela amaqanda ambalwa. Kodwa ke azikhawulezi ukufumana izifo kwaye ziphile kwimeko ezinzima kunezi zentengiso – Nkqu xa ziyekiwe ukuhamba hamba estalatweni zingahoywanga.
uBosch ucebisa amafama aqale ajonge abathengi kwaye aqale kancinci, mhlawumbi ngenkukhu eziyi 500. Emveni koko ukhulise ishishini njengoko nabathengi bekhula. Ukuqala ishishini nenkukhu ezininzi kungenza umfama ahlale neenkukhu ezininzi “ezingafunwa mntu”. Inkukhu zingathengiswa xa zinosuku kubavelisi okanye zingakhuliswa ze izinga lazo libephezulu xa zithengiswayo sivelisa namaqanda pha kwi veki elishumi nesibozo ukuyoma kumashumi amabini ananye eveki kuxhomekeke kuhlobo lwenkukhu. Izikhukhukazi zingathengiswa ziphila xa zineveki ezilishumi elina mbini (12).

Ukuphakamisa Umgangatho

Intaka engumvelisi namantshontsho ziphila ngcono xa zifumana indlela yokutya eyongeza Amandla azo, kodwa ke azibina nto naxa ziyekiwe zihamba hambe esitalatweni. Kodwa ke intaka eziyekiwe zihambe estalatweni zisemngciphekweni wezifo, ukonzakala, kwaye nentshaba kune ntaka eziveliswa kwindawo ezinolawulo oluqinileyo.
Umgangatho ungaphakanyiswa, kumantshontsho anosuku ngokuwagonyisa kusuleleko lwe Bronchitis ne Newcastle desease phambi kozithengisa. Ezibeka amaqanda kufuneka zigonywe kwisifo iBursal Disease (Gumboro) ne (Coryza) phambi kokuba zithengiswe. Ukuthengisa amantshontsho omeleleyo asempilweni ukuze angosuleleki zizifo ezixhaphakileyo, kuzakunceda ukuze ishishini lidume kakuhle kwaye nabathengi baquqe bebuyelela, kwaye nabathengi abatsha konke oku kwenziwa kukupapasha ngokwentengiso.
Khumbula ukuzikhetha kakuhle izikhukhukazi ozazisebenzisa kwezinye inkukhu ukuthintela ukuzaliswa zinkukhu ezingafaniyo, oku kungayingxaki exesheni kwimveliso, kwisizalo kwaye kwenze izidalwa zeenkukhu.

Translated by Zizipho Silwana