Indawo Yolondolozo Lwembali yase-Mapungubwe

Ukubonisa kunye Nokuninzi

©Roger de la Harpe
Ingxenye yomsebenzi wendawo yolondolozo lwembali, kukugcina ingqokelela yembali ukuze izizukulwana zethu zingcamle. Lisebenza kunye ne South African Institute ekuveliseni isebe le-Metallics ukwenzela uphuhliso wommandla wendawo kwicala lokubuyisela imvelo. uSian Tilye, umgcini wakuMyuziyam yase-Mapungubwe, ukhawuleza akhombe ukuba indawo yolondolozo lwembali yenza umsebenzi omkhulu ngaphezulu kokubonisa izinto ezisebhokisini zeglasi. Imyuziyam yenza umsebenzi ofana nophando lwembali, ulondolozo lwembali, imfundo ngokunjalo. Ikwayiyo indawo eyaziwnaayo enembali emayela ne-Mapungubwe; inikela ngoxwebhu, iifoto, kunye nezakhiwo kubantu abafunayo.

Ubambiswano

Ndibuze u-Sian malungsa nobudlelwana obuphakathi koMyuziyam wase Mapungubwe kunye ne SAN Parks. Uphendule wathi buyaphila, “Isan Parks iphethe inkcubeko yomhlaba wase-Mapungubwe, kunye nemvelo yomhlaba. Iyunivesithi ibonwa njengo mphathi kunye nomgcini wengqokelela yembali yase-Mapungubwe. Lengqokelela ayiqulathanga ubuciko kuphela, kodwa uvimba wolondolozo lwembali, ulwazi kunye nembali. Kwaye senze ubudlelwano ekuphatheni i-Mapungubwe yonke.”
“Kude kufike ixesha lokuba i-Mapungubwe ibenendawo yogcino olusemgangathweni, sisebenza njenga bagcini bethutyana nje. Futhi emva kweminyaka emibini, sifumane ubuciko obutsha ngethuba sihlaziya imigodi endala. Kodwa asinandawo emnyuziyem, kungoko sikhuthaza lengqokelela yase Mapungubwe ukuba iyobekwa pha. Ngenye imini xasele beneziko labo lophando, bangazenzela eyabo ingqokelela.”

Imiboniso ka-wonke Wonke

Ndimbuzile ukuba ingaba bazakuwubuyisela na umkhombe wegolide yodumo e-Mapungubwe? uSian uphendule wathi “Ewe, iyunivesithi iyawuxhasa umbono wokuba umkhombe kufuneka abuyiselwe kwindawo yawo yemvelo. Kodwa kwelizinga, asiququzeleli ukuba umkhombe abe kwindawo yolondolozo lwembali kuphela. Senza imiboniso yethutyana, umbono uthi i-Mapungubwe mayaziwe kulo lonke ilizwe, nakwimiboniso yaphesheya njalo njalo. Indawo yolondolozo lwembali inezixhobo zomgangatho ngaphezu kwePaki yeLizwe. Ngenxa yalonto kukho iingxoxo. Kodwa sisebenze neepaki zase SAN ngaphezu kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu. Kwaye singamahlakani alungileyo.”
Ingxoxo mayela nendawo yokugqibela yokuphumla komkhombe wegolide isaqhubekeka. Ingu mba ohlonipheke ngokumangalisayo, kwaye unentlobo-ntlobo zentsingiselo kumaqela ahlukileyo. Ndakhe ndava ibali lesangoma elakhe lazotyelela emyuziyam. Sithe xa sijonga umkhombe, sabonakala sixhalabile kakhulu. Izinyanya zimngxolisile, ngokutso kwakhe. Zifuna ukuba athathe umkhombe ahambe nawo. Ukuba akawuthathanga, ucengile wathi, amadlozi azoqalekisa usapho lwakhe. Emva kwengxoxo ethile, umgcini umxelele ukuba umkhombe ngowesizwe futhi umongameli nguye qha ongamnceda. Ngenxa yalonto, isangoma sihambile eMnyuziyem saya ngakwindlela yase Union Buildings.

Ukutyelela eMyuziyam wase-Mapungubwe

©Roger de la Harpe
Icala elingundoqo lwe-yunivesithi yase Pitoli ligcwele imimangaliso. Liyindawo elinomtsalane, elibekwe kubuchungechunge lwentlanti kunye namagceke, kwaye ilikhaya lenani leendawo ezintle zolondolozo lwembali. Ezoziquka imyuziyam i-Edoardo Villa (usaziwayo wemizobo eqingqiweyo), ingqokelela ka Anton van Wouw (omnye usaziwayo wemizobo eqingqiweyo), ingqokelela ka Van Tilburg (osebenza ngezobumbo lodongo pha e-Europe nase China), ingqokelela yobugcisa yase Yunivesithi yase Pitoli kunye noMyuziyam i-Mapungubwe. Umhlaba wendawo yase-Univesithi ugcwele yimizobo emikhulu eqingqwe ngu Edoardo Villa, kwaye kukhona nomxube wezakhiwo zakudala, ukusuka kwixesha le Union ukuya kumxube okhethekileyo wangoku, owaye xhaphaxile pha nge 1970s.
iMyuziyam yase Mapungubwe ifumaneka pha kwisakhiwo esidalo sobugcisa (Old Arts Building), isakhiwo esidala esihle selitye lesanti elinezitepsi ezinkulu kunye nezahlulo zeefestile zenziwe ngeglasi. Ngokufanelekileyo, eli ibilikhaya lesebe leMbali apho uProfessa Fouche wafuna iindaba ze Mapungubwe kuJerry van Graan.

Ukubalasela Kwengqokelela

Nangona ibina batyeleli abangaphezu kwe 20 000 ngonyaka, uninzi lwabo luziswe lukhenketho lwezikolo, iMyuziyam yase Mapungubwe incinci. Kukho umboniso omnye qha kwigumbi lokubonisa, iqhayiya lendawo lunikwe kumkhombe, isongo kunye nezitya zobumbo. Ukubona ezizinto ngawakho amehlo, luluvo olubalulekile. Nangona zincinci ngomzimba, ububugcisa kunye nobunzima bazo, bezixhaphakile. Kunzima ukukholelwa ukuba zingange minyaka eyi 700 ngobudala. Ubushushu benkazimlo yegolide bubonakala luphikisana neenkulungwane yeminyaka. Luzizinto zemvelo ze-oda yokuqala ezifumaneka apha elizweni lethu kunye naphesheya.
Ezinye izinto ezimangalisayo kule ngqokelela ziboniswe kwiikheyisi ezilungiswe ngakwii ndonga zangaphandle, luchungechunge lweziboniso zetekis kunye neebhodi zolwazi ezikuncedayo ekuqondeni ibali lase-Mapungubwe.

Translated by Aviwe Damane