Imveliso Yobisi Lwebhokhwe

© Jon Sullivan

Ubisi lwebhokhwe lunesondlo, kwaye ukwakheka kwe-protheni lwayo luyafana nobisi lomntu futhi lungcono kunobisi lwenkomo. Kubisi lwenkomo, icasein ngundoqo womxholo weprotheni, kodwa kubisi lwebhokhwe uxinzelelo lwayo lusezantsi kakhulu. Oludidi lubangela ukuqunjelwa kwesisu ingakumbi ebantwini ngenxa yezinto eziqinileyo esiswini.
Ubisi lwebhokhwe lune-globules ezityebileyo kunye ne-asidi ezisemaphakathini kunobisi lwenkomo. Lento yenza ukuba luseleke lula ubisi lwebhokhwe.
Ukongezelela, ubisi lwebhokhwe lune zakha-mzimba i-A, E, B1 (u-50% ongaphezu kobisi lwenkomo), B2 kunye no C iphinde ibe-neeminerali ezifana ne-phothasiyam, i-khalsiyam, i-magnesiyam, i-phosphorus, i-ayoni (iron), ikhopha kunye ne-zinc.

Umjikelo Wokuzalisa Iibhokhwe Zobisi

Xa ibhokhwe ziphethwe kakuhle, uzalo lwetakane lokuqala luyenzeka pha kwinyanga eziyi 12. Ihafu yezobhokhwe iyozala amatakane angamawele, kuzaliso lwesibini, zonke iibhokhwe zizala amawele. Emva kokuzala, ukuncancisa (imveliso yobisi) lwenzeka kangange nyanga ezilishumi. Ukuba zincancisa ixesha elingaphezu koko, iibhokhwe ziyalumlwa.
Kwiindawo ezinemvula yehlobo amatakane azalwe ekuqaleni kwehlobo adlangokuqhuba kakuhle kunamatakane azalwe mva. Licebo elihle ukuba lisasazwe ixesha lokuzalisa ukuqinisekisa inkqubela-phambili yemveliso yobisi.

Intengiso Yobisi Lwebhokhwe

Ubisi lwebhokhwe lungathengiswa njengobisi olungamanzi nanjengobisi olungumgubo kubathengi nabavelisi okanye lwenziwe i-kefir (isiselo sobisi olunotyiweyo), nesonka sobisi, ne yogathi, ne ayisi khrimu. Ezinye izinto eziveliswa ngobisi lwebhokhwe ezenziwa e-India ziquka i-chhana, khoa, kunye ne paneer (esisonka sobisi). I-Cajeta yase-Mexico kunye ne gjetost yase-Norway ziilekese ezixutywe ne-carameli ezidumileyo ezenziwa ngobisi lwebhokhwe. Imveliso yezinto zeziqholo njenge sepha kunye nammfutha okuthambisa izandla, ezinziwe ngobisi lwebhokwe ziveliswa kumazwe amaninzi ukuquka i-Melika.
Ubisi lwebhokwe ngesiqhelo luthengiswa lungamanzi okanye lingumkhenkce kwaye kufuneka lube kwizikhongozeli ezivalekayo (i-plastiki okanye i-botile ye glasi okanye i-sathsethi). Ubisi lwebhokhwe lubangumkhenkce kakuhle – umgangatho walo awuphazanyiswa ngumkhenkce. Isonka samasi singenziwa ngobisi lwebhokhwe loqobo okanye ubisi lwebhokhwe oluxutywe nezinye iintlobo zobisi. Imveliso yokugqibela kufuneka ifakwe kwii pakethe ezibukekayo, ezinomganga ongapheliyo, zifikeleleke lula kwaye zibenexabiso elihle.
Ubisi olungamanzi oluthengiswa kubathengi ngqo lunexabiso elihle kunobisi oluthengiswa kubavelisi besonka samasi. Cwangcisa ixesha lokukhulisa iibhokhwe (elona lexesha lokuvelisa ubisi) ukuze lisasazeke kwiinyanga eziliqela ukuqinisekisa ukuba ubisi oluyintsalela aluzokubayingxaki.

Translated by Aviwe Damane