Imveliso yo Mdiliya we Tafile

Imveliso Kwilizwe Jikele

©Louise Brodie

Abona bavelisi bomdiliya wetafile bafumanka kwi Northern Hemisphere. Ilizwe elivelisa eninzi okwangoku yi China kulandele ilizwe lase India, Uzbekistan, Italy, ne United States. Kwi Southern Hemisphere, abona bavelisi bakhulu yi Chile, Brazil, Australia kunye no Mzantsi Afrika.

Imveliso yase Mzantsi Afrika

©Louise Brodie

Ilizwe lase Mzantsi Afrika sekulithuba livelisa, kwaye lithengisela namazwe angaphandle imidiliya yetafile ithuba elingapha kwe nkulungwane. Lentengiso ivelisa umdliliya kakhulu ukuze uthengiswe kumazwe angaphandle kwaye uyaqhubeka ukwanda kakhulu nyaka nonyaka. Umdiliya uveliswa kwelase Mzantsi Afrika ukusuka phakathi ku November ukuya phakathi ku April.

Indawo ze Mveliso

©Louise Brodie

Zintlanu ezona ndawo zemveliso kweli lo Mzantsi Afrika. ukuvunwa komdiliya kuqala kummandla yakuqala ze kuhanjelwe ngase mazantsi ngendlela ethile ngendlela isivuno esikhula ngayo. Eyona mveliso yakuqala kumandla wephondo leNorthern Province ye Mpumalanga, ne Limpopo apho isivuno siqala ngo November. Kulandela ukuvuna kumazantsi we Orange River eNorthern Cape ukususela ekupheleni ku November ze kuhambele kwi Olifants River ne Hex River, eziyi mimandla yemveliso apho uvuno luqala ekupheleni kwenyanga ka December. Imveliso esekugqibeleni ikumandla we Hex River Valley, apho uvuno luqhubeka de kubese siphakathini kwinyanga ka April.

Iintlobo

©Louise Brodie
©Louise Brodie
©Louise Brodie

Uhlobo lomdiliya wetafile wase Mzantsi Afrika lingapha kwe nkulungwane kodwa lihlala litshintsha. Kungenzame zokuzimisela zabavelisi kunye nenkampani eziziveliselayo, kunye nabakhulisi nabathengisi bamazwe angaphandle, abazimisele ukunikeza abathengi imveliso ekumgangatho, kunemveliso entsha kunye nentlobo zomdiliya wetafile olungisiweyo ukususela kubavelisi beli ukuya kubavelisi bamazwe angaphandle, oku kwenza lentengiso ihlale ingaphambili kwezobu chwephesha naku khuphiswano lwamazwe angaphandle.

Intengiso Manani

©Louise Brodie

Imidiliya yeli lo Mzantsi Afrika ithengiselwa i-Afrika, South East Asia, China, Middle East, Iziqithi zase Indian Ocean, European Union, United Kingdom, Russian Federation, Canada ne USA. Ubuninzi bomdiliya weli lo Mzantsi Afrika usathengisela amazwe abalulekileyo afana ne Europe ne UK. Ingxenye yentengiso kumazwe angaphandle esuka kweli lo Mzantsi Afrika athunyelwa kwelase European Union kwaye malunga no 25% ithunyelwa e-United Kingdom.

Imisebenzi

©Louise Brodie
©Louise Brodie
©Louise Brodie

Imidiliya yetafile ityiwa njenge siqhamo esilungele ukutyiwa okanye sisetyenziswe kwi saladi okanye zidityaniswe nentlobo zesonka samasi ezixutyiweyo. Imidiliya inikeza uvitamin C no K kunye nezinye izinongo ne vitamins. Imidiliya ityebile kwizikhuseli mzimba, kuquka I resveratrol ne flavonoids kunye ne fibre encedisana nomzimba.

Translated by Zikhona Plaatjie