Imveliso yama Dlelo

© University of Maryland Extension
Amadlelo zizityalo ezityalwayo okanye zihlwayelwe ngumfama ukuze ondle izilwanyana zakhe. Izityalo zamadlelo ingasisityalo esinye okanye umxube wengca kunye neembotyi. Iimbotyi zizityalo ezisebenzisa initrogen esuka emoyeni ukuze kulunge initrogen emhlabeni ngoncedo lwe ntsholongwane inodular kwingcambu zezityalo. Ukubuyisela initrogen emhlabeni kunceda ezinye izityalo ezikhaphayo, ezikhula kunye neembotyi.
Eyona ndlela inexabiso eliphantsi yoku sebenzisa amadlelo kukuvumela izilwanyana zitye ngaphakathi kwidlelo xa zingekho izityalo zendalo zokutya ezifumanekayo. Elona xesha lilungileyo, ngenene, kukuba namadlelo xa ukutya kwendalo kunqabile okanye umgangatho uphantsi. Kunge njalo, amadlelo angavunwa agcinwe njenge hay okanye silage.
Lilonke, ixesha lemveliso kwidlelo nomxube wezityalo kwidlelo, kuchaza izinto ezizakuba negalelo kwixesha lokutyala nentlobo zesivuno kumadlelo.

Izinto Ezichaphazela Ukutyalwa kwama Dlelo

©Pannar Saad
Phambi koku khetha izivuno onokuzityala kwidlelo, ubone izinto ezizakuthi zichaphazele ixesha lokutyala kunye neentlobo zesivuno kwidlelo.
Imvula nokufuma
Ingaba amadlelo azaku tyalwa kwindawo enemvula ehlotyeni okanye eyasebusika? Ingakanani imvula enethileyo ngexesha lonyaka? Xa imvula incinci, uzaku kwazi ukunkcenkceshela? Xa ungazukwazi khetha izityalo zamadlelo ezilungele ukukhuliwa kumhlaba owomileyo.
Amazinga obushushu
Amadlelo wengca ahlulwa ngamaqela amabini ngokwe xesha lonyaka akhula kakhulu ngalo - khetha phakathi kwengca zexesha lonyaka elipholileyo okanye ingca yexesha lonyaka elishushu. Iimbotyi zikhula kakuhle entwasahlobo.
Lilonke kubalulekile ukukwazi indawo ezishushu kakhulu nezingekho shushu kakhulu, naxa kuvela ikhephu.
Indawo
Ingaba indawo yokutyala iyenyukela, nomhlaba othanda ukonakala ngenxa yokuphela kwamanzi nomoya? Ingapha uphephethekela ngase mantla (ushushu) okanye ngase mazantsi (upholile) umoya?
Uhlobo lomhlaba
Ingaba ifama inomhlaba onesanti ongadibenanga okanye owomileyo onomdongo omninzi? Ingaba umhlaba unzulu okanye uphelela phezulu? Ingaba umhlaba uyakugcina ukufuma kakuhle okanye ingaba amanzi nezinongo ziyaphuma lula emhlabeni?
Umzekelo, ingca iNapier (Penisetum puppureum) nengca ibana (P. purpurem x P. americanum) zikhula kakuhle na kumhlaba odame amanzi. Kusenjalo, imbotyi iserradella ikhula kakuhle kakhulu kwimihlaba ehluphekileyo enesanti.
Ukunkcenkceshela
Ingaba amadlelo azakutyalwa ngexesha lemvula? Ingaba amanzi ayafumaneka ukuze kunkcenkceshelwe? Xa kunjalo, ingaba kuzakusetyenziswa oluphi uhlobo lokunkcenkceshela? Ingaba unazo na izixhobo zokunkcenkceshela?
Amadlelo akumhlaba owomileyo adumileyo eMzantsi Afrika, weeping love grass okanye ‘oulandsgras’ ngesibhulu (Eragrostis curvula), kunye ne Smuts finger grass ne foxtail buffalo grass okanye ‘bloubuffelsgras’ ngesibhulu.

Ngeliphi ixesha lonyaka?
Ingaba amadlelo adingeka ngeziphi iinyanga? Ehlotyeni/ebusika/ekwindla/entwasahlobo okanye amaxesha onyaka adityanisiweyo? Ingaba kuzakutya imfuyo okanye lizakuvunwa kugcinwe?
Ingaba izichumisi ziyadingeka?
Kubalulekile ukuvavanya umhlaba phambi kokufaka isichumisi ukuze uqonde zeziphi izinongo ezingekhoyo.
Ukufaka isichumisi esifanelekileyo kunga nceda ukukhula kwedlelo kunye nomgangatho kwaye incede idlelo likhawuleze liphinde likhule emveni kokuba imfuyo ityile kwaye likwazi ukumelana nembalela. Eyona nto ingcono ngezichumisi ibonakala kumhlaba olungileyo, hayi kumhlaba ogqolileyo oknaye ohluphekileyo, lomihlaba ke izinongo ziyaphuma kuyo. Ezinye izityalo zamadlelo zidinga izichumisi ezithile ezifana ne Lucerne, edinga amazinga oneleyo we phosphorus.
Ukuyeka ukusebenzisa idlelo?
Ingaba izilwanyana zizakufakwa zitye kwidlelo? Ingaba lizakusetyenziselwa ukondla izilwanyana nge hay okanye silage? Isilage zizityalo ezisuka kwidlelo ezithi zinqunyulwe zisentsha, zidityaniswe, ziyekwe zivunde.
Amadlelo angasetyenziselwa (foggage) – ukufaka izilwanyana ziphinde zitye xa idlelo sele linqunyuliwe okanye izilwanyana zityile - okanye haylage – iyafana ne silage kodwa yona inamazinga okufuma aphantsi kunye nezinga lokuvundiseka elisezantsi.
Esiphi isilwanyana?
Ingaba amadlelo azakusetyenziselwa izilwanyana ezifana nenkomo, igusha, ibhokhwe, okanye kudityaniswe inkomo/igusha/ibhokhwe, amahashe, alpacas, imivundla, okanye iinkukhu ezifana ne free-range?
Ingaba izilwanyana zizakube zineminyaka emingaphi, zikweliphi inqanaba lemveliso? Umzekelo, ingaba sizakusetyenziselwa izilwanyana zemveliso yobisi, ukutyisa ezinye izilwanyana ezisencinci okanye nengokutya kokuncedisa ukukhula kwizilwanyana ezindala?

Translated by Zikhona Plaatjie