Impilo Yamihla Le Yama Zulu

Imisebenzi Yemihla Ngemihla

©Dr Peter Magubane

Mandulo, impilo yemihla ngemihla kwikhaya kumzi (umuzi) wohlanga lwamaZulu, yayiqulathe imisebenzi efanayo. Imisebenzi yekhaya yayisahlulwa ngokucacileyo phakathi kwesini, iminyaka, kunye nesikhundla. Amakhwenkwana aselula ayenoxanduva lokukhaphela iinkomo azise emadlwelweni.

Amantombazane wona ayesiya kukha amanzi emlanjeni. Ayesenokuhamba noonina ke okanye azihambele odwa. Oku kwakubangela ukuba abantwana bamaZulu basondelane nendalo beselula, nto leyo yayidala ukuqonda okunzulu kwanokukhathalela indalo kunye noko kubangqongileyo. Emva kwesidlo sakusasa, nesasivamise ukutyiwa ekuqineni kwentsasa, abafazi babezixakekisa ngokutshayela, bacoce iimbiza okanye benze eminye imisetyenzana yaphakathi nekhaya.

Babesiya nasemasimini baye kuhlakula basuse nokhula. Ngexesha lasehlotyeni oku kwakusenziwa xa liqala kuqala ukuthi chapha ilanga, ngaphambi kokuba litshise kakhulu. Ekuqineni kwentsasa amakhwenkwe olusayo ayebuya neenkomo, nezaziye zisengelwe ebuhlanti. Emva kokusengwa, kwakutyiwa isidlo sokuqala sosuku. Kwakuphekelwa eziko eliphakathi endlini.

Kwakuphekwa ngembiza enkulu (ikhanzi). Ngeloxesha, ngokufanayo nanamhlanje, amasi ayeba yinxalenye ebalulekileyo yesidlo sabo. La masi ayetyiwa odwa okanye avutyiswe nomphokoqo okanye nemifuno. Kuna namhlanje, umili-mili, nokukutya okuthandwa kakhulu, uzaveliswa kwamanye amakhaya.

Ukwenza umili-mili ngumsebenzi onzima wokungqusha umbona ngamatye amabini. Amadoda ayengazibandakanyi kakhulu kwimisebenzi yekhaya, kwaye ayechitha ixesha elininzi ehamba iintlanganiso kwinkundla yenkosi (ibandla). Le yindawo ebalulekileyo yeentlanganiso, nevamise ukubanjelwa phantsi kwemithi ngaphandle ko muzi.

Okanye ayecitha ixesha lawo esenza eminye imisebenzi efana nokulungisa amakhakha abo okanye besuk amafele. Kunanamhla abafazi yayibangabo abenza amakhuko, bahlohle neentsimbi. Konke oku babeye bakufundiswe ngoonina babo. Ukubumba ngodongwe, isesisakhono sobuchule esikumgangatho ophezulu, kwaye bambalwa abanaso.

Wonke umsebenzi wamaplanga wenziwa ngamadoda, navamise ukuba nobuchule bokwenza izinto ezithile,ezifana namaphini, izithebe zenyama, kunye namapheyile obisi. Konke oku kukrolwa kwiziqobo zemithi. Banqabile abakroli bemithi abasenza imiqamelo ngeziqobo zemithi, kuba abantu sele besebenzisa imiqamelo. Imisebenzi yeentsimbi, yayingumsebenzi okhethekileyo, nowawusenzelwa ekhusini.

Lo msebenzi wawuvumeleke ukuba wenziwe ngamalungu osapho angamadoda osapho olunye kuphela. Ezona zinto zazisenziwa yayiba ngamagaba, okuhlakula emasimini. Kunye namatolo emikhonto, ezona zixhobo zazisetyenziswa emfazweni. Ukusukela malunga neminyaka yoo 1830, ubunintsi beentsimbi babufunyanwa ngonaniselwano namaNgesi kunye nama Phuthukezi.

Iintsimbi, amalaphu, iibrass kunye neemusket zazitshintsiswa nge ivory, amafele, iinkomo okanye ngokuthi umntu arholiswe ngazo emva kokusebenza. Olu tshintshiselwano lwakhokelela kwintshabalalo ekhawulezileyo yezakhono zesintu zokutshisa intsimbi. Endaweni yazo kwavela intsimbi etshiseka lula, nekwaye kwaba lula ukuyifumana kuba thengisi abagqithayo. Le ntsimbi intsha yayingomelelanga kunaleyo ibikade isetyenziswa.

Translated by Zizipho Silwana