I-Mpepho Ngoku Phangaleleyo

© Louise Brodie

Imvelaphi yempepho isuka kwelase Southern Europe nakumazwe ase Mediterranean Asian. Iintlobo zempepho okanye isityalo iSalvia zingapha kwewaka kunye nezilimo zazo. Ngenjongo yeziityalo eziveliselwa intengiso, zimbini  ezona ntlobo ziveliswayo okanye ezilinywayo kwaye maxa wambi ziye zidityaniswe zonke maxa wambi ngenjongo okanye ngempazamamo ngenxa yokufana kwazo.

Igama le sayensi: Salvia officinalis 
Igama eliqhelekileyo: Impepho eqhelekileyo (Common sage) okanye iDalmatian Sage
Kuba iyeyona ixhaphakileyo kwaye inevumba elinamandla kunye nentlobo ze oli, apho ke ichiza liye lilinywe khona.
Kwakhona
Iigama lesayensi: Salvia Triloba
Igama eliqhelekileyo: Mediterranean Sage okanye Wild Sage
Ilinywa kakhulu e-Europe ze ikhule endle kwelo lase Europe.

Iinkcazelo Yesityalo

Isityalo esiyi mpepho sinako ukomelela kwaye zingakhula siyokuma kuma 700 mm ubude. Esi sityalo sisihlahla esihlala sihlaza ngombala esinamagqabi angumbala ohlaza-grey anokumenyezela okuthile ngumbala osilivere. Impepho ivelisa izityalo ezingumbala hlaza, mfusa okanye ezimhlophe. 

Imisebenzi

Impepho nokuba isandula kukhiwa okanye yomisiwe isetyenziswa xa kuphekwa iintlobo ezahlukileyo zokutya ukunikeza incasa. Omnye usebenzi wayo yimveliso ye oli ezisetyenziswayo. Amagqabi ane oli yodidi oluphezulu kwaye impepho eyomileyo kunye ne oli zisetyenziswa kakhulu kwinyama ecoliweyo ngenjongo yokunikeza incasa kunye nokuyenza ihlale ixesha elide ingonakali. Yaziwa njenge sincedisi mzimba (antioxidant) kwaye iyasetyenziswa nakwimveliso zeziqholo zomzimba ukugxotha izinambuzane.

Impepho ibaluncedo emzimbeni kwaye iyakwazi nokunyanga kwizigulo ezifana nempawu zomkhuhlane okanye ingqele, umzekelo umqala obuhlungu okanye umkhuhlane. Iti ephungwayo yempepho yaziwa ngokuba iyazinceda intlungu zomkhuhlane.

I-Zidingo Zomhlaba Nokuwulungisa

Impepho ikhula kakuhle kumhlaba ongaxinenanga kakhulu kwaye iyakhula  ngobubanzi kwi pH ephakathi ko 5 kunye no 8 kodwa yenza ngcono nangaphezulu kwimihlaba ene pH ephakathi ko 6.5 no 7. Phambi kokuba kulungiswe umhlaba kufuneka kuthabathwe isampula yomhlaba usiwe elaboratory ukuze uhlolwe kunikezwe nengcebiso malunga nezinongo (nutrients) zomhlaba. 

Umhlaba kufuneka uhlulwe ukuze umhlaba uthambe ukuyokuma kuma 600 mm ukuze ukhameke kakuhle. Ilamuni iyasebenza ukulungisa i-pH yomhlaba kunye nezuchumisi okanye umgquba kufuneka ufakwe uphinde ukhofolwe kumhlaba ongaphezulu ongama 400 mm kwiveki ezine ukuya kwezintlanu phambi kokutyala. Kwintsuku zokugqibela phambi kokutyala faka izinongo ezifanelekileyo ze udibanise isichumisi esifakwa phambi kokutyala  emhlabeni kunye ne disc harrow ne rotavator ku 20 cm womhlaba ongaphezulu. Oku kucoca ukhula oluthe laphuma. Xa ukogquma nokusonga kwenziwe kwesisihlandlo iibhedi zembewu zi sele zilungiselwe ukutyala.

Isimo Sezulu

Impepho yomelele, ihlala iluhlaza kwaye ikhula kwindawo ezomileyo kwaye ikhula kakuhle kakhulu kwindawo ezinobushushu obungu 20℃ no 30℃. Iyali nyamezela ikhephu nakwimeko zezulu zase busika. Ingqele engamandla iyasibulala isityalo ngaphandle kokuba sikhuselwe.

Izilimo

Zimbini iindidi ze mpepho ezivunelwa intengiso, impepho eqhelekileyo eyi Common Sage kunye ne Mediterranean Sage.

Izilimo ezityalwa kakhulu ngenjongo yokusetyenziswa luluntu zezi: Alba, Albiflora, Aurea, Berggarten, Extrakta, Icterina, Lavandulaefolia, Purpurascens, Purpurea kunye ne Tricolor.

Translated by Zikhona Plaatjie