Imo Yentlalo Yoluntu LwabaTswana

© Dr Peter Magubane

Ubukhosi beeNgingqi

Namhlanje uhlanga lwaba Tswana lungohlulwa ngokwamakomkhulu amaninzi azimeleyo (nangona imithetho yala makomkhulu kufanele ihambelane neyo Mzantsi Afrika okanye eye Botswana). Ubukhulu bobu khosi ngabunye buyashiyana. Abantu basenokuba ngamawaka ambalwa ukuya kumakhulu amawaka.

Obona bukhosi bukhulu buquka phantse zosibhozo iizizwe zabatwana. Isizwe ngasinye sisombulula iingxaki zaso ngokuya enkosini (kgosi) zaba Tswana ezise Mzantsi Afrika kwanezo zise Botswana. Kukho umahluko omkhulu phakathi kweentlanga zaba Tswana ezise Mzantsi Afrika nezo zise Botswana. AbaTswana abase Mzantsi Afrika babekade bephantsi kolawulo lwasemakhaya lwe Bophuthatswana Bantustan. Uhlanga ngalunye lwalune ndawo yalo kunye negama lalo.

Iindawo abahlala kuzo zazithiywa ngalowo ebesakuba yinkosi okanye ngalowo wayeseke eso sizwe. Maxa wambi yayithi ithiywe ngesilo sosapho lwase bukhosini, indawo yekomkhulu abasuka kulo okanye ngesiganeko esadlulayo. Isizwe ngasinye sinemvelaphi exubeneyo. Oku kuthetha ukuba amalungu esizwe esinye angohluka kwesinye ngokwamasiko kunye nolwimi.

Oku kuqapheleka kakhulu apho abantu abadityanisiweyo basisizwe esinye, baye bakhethe ukuzahlula kwaye basebenzise oku ukuzicalula. Uhlanga lwaba Tswana aluzange lwaphelela okanye lube namalungu angatshintshiyo. Abantu bolu hlanga bangahlobana ngokuzalwa, ngokudibana kwezizwe, ukoyiswa okanye ngokuzidibanela ngentando yabo. Amalungu asenokugxothwa yinkosi okanye azihambele aye kuzimanya nesinye isizwe.

©Dr Peter Magubane

Namhlanje, abantu abaninzi bohlanga lwabaTswaba abakwii dolophu ezifana ne Johannesburg abafane bazayamanise nasizwe sithile. Nangona baye bazayamanise nesilo esithile, kwaye bambona njengesihlobo omnye umntu ozayamanisa nesi silo naye. Ilizwe lase Botswana nalo lakheka ngendlela efanayo yokudibaniselana kweentlanga, nalapho kwaye kwadibana iintlanga ezininzi ngamanani aphezulu.

Amaqela ezintlanga adibana emva kokucinezelwa ngabantu abamhlophe, nto leyo eyabangela ukuba amaqela ohlukileyo as Bechuanaland adibane ukuze azikhusele. Iziphumo zoku yaba kukuzimela kwe Botswana esiyaziyo namhlanje. Iinzame zokudibanisa uhlanga lwabaTswana eMzantsi Afrika yaba ngumcimbi othande ukuba nzima.

Oku kwakubangelwa ngu rhulumente wocalulo owenza iBophuthatswana Bantustan, iqela elo elathi lachithwa chithwa emva kwenkululeko yelizwe loMzantsi Afrika. Iinkosi zabaTswana ezazichongwe ngethuba localulo zisaqhubeka nokulwela esi sikhundla, kwaye zilwela nokulawula abantu bazo ngendlela yazo.

Izilo Okanye Izityalo Zekhaya

Sele kulithuba elide izilo, izityalo okanye izinto zekhaya zabaluleka kuluntu lwabaTswana. Umntu nganye uzayamanisa nenye yezi, kwaye bonke abo bazayamanisa nesilo okanye isityalo esithile babonwa njengezihlobo zegazi elinye.

Kuthiwa bahlobene ngendlela yokuba ootata babo nabo babezayamanisa nezi zilo okanye izityalo. Abantu abazayamanisa nesilo okanye isityalo esinye basuka kusapho olunye xa bejonga umnombo wabo. Kungenxa yeso sizathu ke, bezithatha njengokuba bayazalana. Amalungu esizwe ngasinye abaneziduko ezahlukeneyo. Ukwayanyaniswa nezilo okanye izityalo.

Umzekelo, ooNgwaketse bayanyaniswa nezilo/izityalov ezingama 22 ezahlukeneyo, nangona amalungu obukhosi enesiduko esinye. Zininzi iimbali/iintsomo zabaTswana ezibalisa ngemvelaphi yesilo/sityalo ngasinye. Iindlela ezithile zokuziphatha zicatshulwa kwezi ntsomi. Kwaye ukuba ubani uye wahluleka ukulandela ezindlela kuye kunyanzeleke ukuba enze umcimbi wokuhlamba ukuze abe nyulu kwakhona. Oku kukhusea izigulo kunye namabhadi.

Translated by Zizipho Silwana