Imizi YeSintu YamaZulu

Indlela Eme Ngayo Imizi

©Dr Peter Magubane

Usapho lusisiseko sobomi besintu bamaZulu, nalapho yonke into isekelwe phezu komzi (umuzi). Kudala umuzi ngamnye wawune ntloko yekhaya (umnumzane), kunye nabafazi bakhe kunye nabantwana bakhe, abaninawa bakhe kunye nabafazi babo neentsapho zabo. Kumaxesha amaninzi babehlala nabo noonyana babo abatshatileyo.

Ngokufika kwempucuko yedolophu, ubume beentsapho baya butshintsha kwaye umuzi uya uba mncinci ngokuba mncinci. Kulemihla, amaxesha amaninzi umzi ngamnye ubane ndoda enye kuphela kunye nenkosikazi wayo (okanye abafazi) kunye nabantwana babo. Mandulo, usapho olongezelelekileyo lwalukwazi ukuziphilisa ngokupheleyo bengakhange baye kuthenga venkileni.

Usapho ngalunye lwalunee nkomo zalo kunye nobisi, lwalubanayo nentsimi yalo yombona kunye nemifuno eyonele ukondla usapho lonke luphela. Indlela owakhiwa ngayo umuzi yayifana kwilali zonke zamaZulu kwaye yayibonakalisa izikhundla zabafazi abohlukeneyo. Izikhundla zabafazi zazixhomekeka ekubeni bende nini. Umfazi inkosikazi) wokuqala yena uba ngu ndlunkulu. Ikumkani kunye nezinye iinkosi ezibalulekileyo, umfazi omkhulu yayingafane ibe ngumfazi wokuqala.

Yayisiba ngumfazi okhethwe emva kokubonisana nabacebisi/ izibonda zenkosi, xa sele ifikelele ebudaleni kwaye iselungelweni lokuthwala isicoco. Umuzi wawusakhiwa ube sisangqa kwaye wawusakhiwa kumhlapha omqengqelezi, ze ujonge ngasempuma ukuba kuyenzeka. Ezi zindlu zazisakhelwa ngendlela yokuba umzi we nkosi ube kumhlaba ongasentla, ukuze ujongele ezantsi yonke eminye imizi yelali. Embindini kwakubakho ubuhlanti (isibaya) nalapho iinkomo zazivalelwa khona ebusuku.

Umbona nokunye ukutya okuzinkozo kwakugcinwa kuma pitsi agrunjwe phantsi komhlaba. Ubuhlanti babusakhiwe ngamahlahla axinanisiweyo, okanye ukuba akukho mithi ikufutshane, yakhiwe ngamatye. Ubuhlantu babufana netempilo yomzi: Kwakulapho, phofu kwilali ezininzi kuselapho kukholelwa ukuba izinyanya zosapho zihlala khona. Ngoko ke, imithandawo yenzelwa khona apho ebuhlanti. Kukwalapho kuxhelelwa khona izinyanya, kubulelwe amanyange kufunyanwe neentsikelelo.

Mandulu, abafazi babe ngangeni ebuhlanti, kwaye kwakungekho bhinqa elingazalwa kulomzi lalivumelekile ukuba lingene ebuhlanti, ngaphandle kwa xa kukho imicimbi ethile. Kodwa ke ngethuba leminyaka ye sentyuri 20, ukwanda kwamadoda ahambayo aye kufuna imisebenzi ezidolophini, kwanyanzela amabhinqa amaninzi ukuba ashiyeke ekhathalela imfuyo yabayeni babo. Umzi ngamnye wawusakhiwa phakathi kobuhlanti kunye nodonga olubiyele umzi. Ngapha kothango kwakutyalwa imithi yetolofiya okanye iminga enameva amade ukukhusela umzi.

Umzi Womfazi Omkhulu

Undlunkulu okanye umfazi wokuqala wayehlala kwindlu yakhe ekhethekileyo ebizwa nge ndlunkulu, eyakhelwe ngasentla komzi kanye. Unyana wakhe wokuqala wayeba yinkulu ethatha indawo ka tata wakhe xa sele engasekho. Useyinkulu kwiindawo ezisalandela amasiko nezithethe. Wayekwahlala kwisikhundla esibalulekileyo kwimiba yezenkolo.

Ngase kunene komnyango womzi, kanye ecaleni kwendlunkulu kwakubakho indlu yomfazi wesibini (iqadi). Indima yalo mfazi yayikukuncedisana nomfazi wokuqala. Omnye wemisebenzi yakhe yayikukuzala indlalifa ukuba umfazi wokuqala akanakho ukwenza oko. Ngase khohlo kwakukho umfazi wesithathu (ikhohlo) nowayekwisikhundla esingemva somzi.

Kwi nkosi, lomfazi wayevamisa ukuba ngumfazi wokuqala ukutshatwa. Yena kunye nabo bonke abanye abafazi abalandelayo, babeba yinxalenye yokugcina ikhaya (amabibi). Babe ziwere entirely independent of the chief dwelling.

Social Order

©Dr Peter Magubane

Nangona indoda yomZulu isenokuba neqela labafazi, kwakungafane kubekho ngquzulwano okanye mona, njengoko abafazi bonke babezimele. Umfazi ngamnye wayenekhaya lakhe, iintsimi zakhe kunye nemfuyo yakhe. Onke amalungu omzi ayenendawo yawo nendima yawo ekhethekileyo anokuyidlala.

Kodwa izikhundla nemisebenzi yayitshintsha ngokuye umntu ekhula. Umtshakazi, wayeqale abe phantsi kolawulo luka mamazala wakhe, abe ngumama yena buqu, aze abe ngumakhulu ekugqibeleni abe yingwevu ehloniphekileyo eluntwini. Inkwenkwe yayisolusa iibhokwe yandule yoluse iinkomo. Emva koku yayisenyukela ibe ngumfana onamaxanduva akhethekileyo, kwaye de kuphazamiseke ubukumkani bamaZulu ngomnyaka ka 1879, wayekwa noxanduva lasemkhosini lobujoni.

Emva koku vezekisa konke okulindelekileyo kuye, waye selungelweni lokuba ngumyeni kunye notata. Ngexesha elifanelekileyo waye samkelwa njengelungu elidala kwi khansile yabantu abadala belali. Umntu ngamnye wayegqitha kumanqanaba acacileyo, akukho nalinye inqanaba ekwakungenwa kulo kungakhange kwenziwe isici namalungiselelo afanelekileyo.

Translated by Zizipho Silwana