Imivundla Izindlu

© Karoline Steenekamp

Izinto Ezifunekayo Ukwenza Indlu ye Mivundla Ekudidi Oluphezulu

Phambi kokuthenga imivundla kubalulekile ukugqiba ngendlu yayo - ukugqiba ngohlobo lwendlwana, ubukhulu ne nendawo ezohlala kuyo. Ziyathengiswa ke indlwana zemivundla, kodwa ke yeyona ndlela ibizayo ngokwe mali, kungcono ukuzakhela, londlela ke isebenzisa imali encinci. Izinto ezifunekayo ekwakheni indlwana ye mivundla nazi:

Indlwana ekhuselekileyo, enokhuseleko kwisimo sezulu, oku kuquka umthunzi okhusela ilanga, kwaye nokhuseleko kwimvula no moya.

Indlwana kufuneka ibenobuncinci be 0.6 m² womlinganiselo apha phantsi, kwakhona ubuncinci be 0.5 m yobude. Umvundla kubalulekile ukuba ukwazi ukuxhuma xhuma, kwaye ulale ngobude bawo bonke ngaphandle kokuthinta amacala. Oku balulekiyo, kufuneka ikwazi ukuma ngenyawo ezimbini zangemva ilaqaze ngapha nangapha. Kufuneka ke umvundla ukwazi ukujonga uhlafune uginye ukutya ukuthintela ingxaki esiswini. (Khangela isihloko seMpilo). Indlwana eyenziwe kakuhle kufuneka ikwazi ukukhusela kuzo zonke intshaba zemivundla. Imivundla ke ikukutya kwizilwanyana ezininzi ezinje nge zinja, iinyoka, ikati zase ndle, impuku nentaka ezinje nge zikhova

Imivundla kufuneka isoloko ikhuselwe kwi langa. Ubushushu obungaphezulu kwe 25℃ buyingxaki kwaye kufuneka kunakekelwe ukuqinisekisa okokuba indlwana zisemthunzini okanye kwindawo engena umoya kakuhle. Kwimeko zikaxakeka kuyanceda ukutshiza amanzi ephahleni ukunceda kwehle ubushushu. Ingqele ke ayisiyo ngxaki kwimivundla esele imidala, kodwa yingxaki kumantshontsho emivundla ekufuneka ikhuselwe engqeleni.

Xa imivundla ihlaliswe kwindlwana eyenziwe ngamacingo kubalulekile ukubeka indawo etofotofo yokuhlala nokuphumla. Oku ke, kukhusela inyawo zemivundla ubakwindawo enocingo lonke ixesha. Kodwa ke, okubalulekileyo inikeza imivundla indawo yokuphumla ngaphandle kokulala ngesisu. Indawo yokuphumla ingenziwa ngemithi yamaplanga, ngama khalibhodi okanye intwana ye tiles. Kubaluleke kakhulu ukugcina ezindawo zokuphumla zicocekile maxa onke.

Eluleki okuzomele abonise indlela aphinde afundise ukuqinisekisa ukuthi umlimi uyaphumelela nokuthi azikho izingcuphe zokungabaphathi kahle onogwaja ngenxa yokuthi umlimi uswele ulwazi olwanele.

Translated by Zikhona Plaatjie