Imibutho yezo Politiko yama Venda

© Dr Peter Magubane

Amaqela ezo Poliko Ezilalini

Ubume bezopolitiko zesintu busekhona ezilalini. Eyona incinci yindlu (mudi), usapho okanye iqela lweentsapho ezizalanayo, apho bahlala bonke kwingqokelela yezindlu ezingo ngquphantsi. imudi okanye usapho luphantsi kwe mukoma engutata we mudi ebalulekileyo. Ukuphumela kwi mukoma idla ngokuba lufuzo, kodwa imvume esesikweni kufuneka inikezwe yi khosi (inkosi) eliqela eliphantsi kweyo le mudi.

I-Mukoma inoxanduva lokuzisa ucwangca kunye nolawulo lwe mudi. Ulawulo lwakhe luphelela kwimiba exoxwayo emincinci phakathi kwamalungu we mudi, kunye nemvume zayo ziyabaleka kwimvume yokulindela intobeko, umsebenzi ongabhatalwayo kunye nokunconywa ngamalungu walo mudi. Kwimisebenzi yakwa nkosi uncediswa ngobekekileyo (khoro).

Ekwenziwa ngayo ayikho semthethweni othe ngqo kwaye alukho uvoto: emveni okuba kugqitywe ingxoxo, imukoma iye ifikelele kwisigqibo ze awise esosigqibo esithi sihambelane noninzi. Xa ethe waphikisana ne khoro uye azame ukubazisa kwimbono yakhe. Xa engaphumeleli ukwenza oku, imeko iye ihanjiselwe kwabase magunyeni abaphezulu.

Kodwa ke xakufanele kwenzeke oku, kuba indlela yama Venda ayinamithetho ingqongqo kwaye ihlala inomnqweno wokuzama ukubalEka ukungangqubani. Iindawo ezithile (midi) zenza ikavhelo ephantsi komalusi, lowo ke umsebenzi wakhe namandla afanayo nawe mukoma, xa kujongwa konke. Uncedisa ngabaphetheyo be midi, namadoda amadala asuka kwi mudi I-Lushaka abantu abasuka kwiziphaluka, abaphantsi kolawulo lwenkosi enye, ungowesithathu, elona qela lakhe lalikhula phakathi kwama Venda.

Namhlanje, iilali zesintu ezinamadonga anamatye ayafumaneka phantsi kwentaba. Ngesiqhelo inkosi yeyona iphakamileyo elalini, inkosikazi yayo nabantwana phambi kwayo. Abanye bathabatha iindawo ezisemazantsi nezingqongileyo, bekhusela inkosi namakhosikazi ayo. Indawo engena kwikomkhulu lenkosi, imele ne khoro (inkundla kawonke-wonke); ukufikelela kumlawuli, ingakumbi ngabantu abangamaziyo, lunqongophele. Emveni kokufumana imvume yokumbona, kuthabathwa izinto zihanjiswe ngephaseji nangezitepisi ukuya kurontabile omkhulu, oyindawo yemihlangano.

I-Gunya le Nkosi

Ngokwesintu, inkosi ibinamandla kwaye isaziwa, igunya lakhe, lizikiswe kumandla ka moya. Ebecela kwizinyanya ecelela uluntu; oku kwabonakalisa umphezulu kanxantathu apho ke imukoma yayi kwazi ukusondela kwizinyanya endaweni yosapho. Kwakungokoko okwenza ikumkani ibengumfundisi ophezulu, kodwa ngoku esisikhundla sisiva ngcono.

Kwindawo zesintu, abancinci nabadala babefumana intlonipho enkulu nozuko: abancinci babesondele kwizinyanya, abadala ekwiphulo lokuba yingxenye yabo, kwaye babe zizinyanya nabo. Ukongezeleka koku, ikhosi yayi sisinyanya esiphilayo. Kwakufuneka xa kusondelwa kuye kuguqwe ngamadolo nezandla; wayethetha naye wonke umntu ngesigezo, ngokungathi akathethi naye, kodwa kwakufuneka kuthethwe naye ngembeko njengoko kusenziwa xa kuthethwa nophakamileyo.

Umahluko wenziwa phakathi kwenkosi kunye nabantu bayo ngokubiza izinto amagama nezenzo ezidityaniswe nenkosi. Umzekelo, xa inkosi inxilile, abantu babesithi ‘iwe echibini lamanzi ‘. Abantu babengathethi ngqo ngokufa kwenkosi, kodwa bathi ‘ichibi alisenawo amanzi’. Ulwimi oluthetha kubukhosi bakhe (ebukhosini) Kwaku nembonakalo kwaye lunomahluko koluthethwa ngabantu abangengabo abase bukhosini.

Kuba wayesasiwa njengalowo unesiphiwo sika moya kancinci, wayenconywa kwinto yonke ayenzileyo, nokuba incinci kangakanani- ukukhohlela, ukusela umqombothi, nkqu noku khupha isikhohlela. Kwakunga qhelekanga okokuba inkosi njengokuba ikhula, yenze umdaniso owodwa (upembela), lomdaniso wawumenza abesi sithixo (mudzimu). Inkosi, enamandla, wayengenawo Amandla angaphikiswayo, kodwa kwakufuneka yonke into iyenzele phantsi kwemithetho nemasiko yase kuhlaleni.

Kwimeko ezinqabileyo nezikhethekileyo wayekwazi ukutyeshela lomithetho, kwaye kwakufuneka imvume komkhulu. iMahosi zazingenawo amandla, zingaqhelekanga kwaye zinamasiko, ukwenza okuthile ngaphandle kwemvume yabantu. Eminye imisebenzi yesintu yayijongwa kudadebo Nkosi omdala owazima njengo (makhadzi), owayeqinisekisa okokuba amasiko ayalandelwa.

Kudala iinkosi zazincediswa kwimisebenzi yazo luluntu kwi komkhulu le magota ne dzinduna, kunye ne Vhakoma (abanako benkosi kunye nabazala abanga madoda benkosi) abahlala kufuphi nendlu yenkosi okanye ipomakazi yenkosi. Iinkosi ezazisithi zizame ukutyeshela kwimithetho ebekiweyo zazisemngciphekweni wokutyiswa ithyefu angamalungu osapho lwasebukhosini okanye abalandeli ‘bavote ngeenyawo ‘ basuke kulondawo yalonkosi, baye kwenye ephantsi komnye umlawuli.

Translated by Zikhona Plaatjie