Imbali nge zo Shishino lwe Mivundla eMzantsi Afrika

©Karoline Steenekamp
Ushishino lwemivundla eMzantsi Afrika luqale emva kwe World War 11. Imivundla yayiyenye yentlobo ezimbalwa zenyama ekhoyo ngethuba le mfazwe e Europe kwaye amagosa abuyileyo abona umtyi omkhulu wokuzenzela ishishini. Iikheygi zokuqala zazisakhiwa ngamazinki enemigangatho emithathu ukuphakama.
Iintlobo zemivundla ezazifuywa kakhulu yayimivundla emhlophe ne bomvu yase New Zealand, neyayi suka e England kwiminyaka yo 1940. Abemi base Carlifornia babesuka e Melika ngeminyaka yo 1960 nentlobo ehlukileyo emhlophe yase New Zealand. Ezi ndidi ke yayizizo ezingcon zentengiso kunezo zimhlophe zase UK. Kuleminyaka yemhlophe Yase Melika I New Zealand ezisetyenziswayo e Mzantsi Afrika.
Ukusuka e Transvaal, imfuyo yemivundla yanda ukuya e Natal kunye nezinye ifama ezinkulu zaye zavulwa. Uninzi lwenyama eveliswa kwezi fama yayithengiselwa abasebenzi benqanawe. Ngaxeshanye imivundla yokuqala yentengiso yayiyi Flemish Giants (imivundla ephezulu kunye nemile kakubi ukuba ingathengiswa njengenyama) kunye ne Silver Foxes (enemisebenzi emibini), ezi ndidi ke zazisuka e UK, kodwa amafama entengiso ayenomdla kwinyama qha ekuqaleni.
uMarion Keller (umbhali wencwadi ‘Rabbit Breeding in South Africa' neyashicilelwa esiphakathii seye 70’s) wayengomnye wabavelisi bentengiso nowaqala ifama yakhe e Johannesburg ngenyama yemivundla kunye nee Angora.
Esiphakathi siminyaka ye 60’s uNks Keller wabanomdla ekuveliseni into yesibini - Uboya bemivundla - Waze waqagamshelana no Thorer e Kapa, nonguchwepheshe kumafele. uThorer wasuka onke amafele akhoyo. Nomenzi wamafele ogama lingu Breger naye waqalisa ukwenza idyasi ezintle, izilamba, iminqwazi kunye nezinto ezintle ngamafele asukiweyo e Fox kunye ne Beveran. Imivundla efuyelwa iimfele zayo yayisele iqalisa ukuziswa kweli ngabasuki bamafele ekuhambeni kweminyaka. Kwafele elingakulungelanga ukuthengiswa lwaluthengisa kwimiboniso yezolimo olufana ne Goodwood show endala eKapa, lomboniso we Rand show kunye ne Royal Show e Pietermaritzburg.
iThe South African Rabbit Council yabunjwa ngomnyaka ka 1950 eJohannesburg. Injongo yoku yayikukuxhasa ukukhula kweshishini lwe mivundla ngolwazi, imiboniso, intengiso kunye nokuxhaswa. I Rand Show yangomnyaka ka 1952 yabanemangenelo angama 1000 emivundla, neyathi yajajwa ngu Marion Keller, Bill Elliot, Ronnie Watters kunye nengangamsha uNksk. G M Stewart. Ukuzothi ga ngoku, akukabikho mboniso unamangenelo amaninzi ukodlula lawa.
Ngelishwa, onobumba bemali ekhawulezayo bangenelela kweli shishino, bebangela ilahleko enkulu kumafama afikayo. Oku kwanyuswa bubuhrumsha bangeminyaka yama 1980, nalapho amafama angacingelanga ayekhuthazwa ukuba bafuye imivundla phantsi kwesivumelwano. Amawaka emivundla yafuywa yazala ngelaxesha kodwa ayizange ifikele kwithuba lokuxhelwa, kuba kwakungekho ntengiso zayo zazikhona nokuyiphuhlisa ukuze ithengwe. Amakhulu abantu alahlekelwa ngamawaka eRandi laze ishishini labhanga kwaphela. Yabangamalungu anemali nababefuya kuphela uhlobo oluthile lwemivundla abangazange bachaphazeleke. Abafuyi bethu ngoku kufanele babenolwazi namava ukuze baphumelele. uMzantsi Afrika lelinye lamazwe ambalwa ehlabathini elingenazo izifo ezikhulu zemivundla – ezifana ne myxomatosis kunye ne viral hemorrhagic. Kangangokuba, imida yeli ivaliwe kwimivundla engenayo elizweni ukuze kungabikho kosuleleka.
Ngaphandle kwelishwa lango 1980, uMzantsi Afrika uneendidi zamafama, ephantsi kwe Coniglio Rabbit Meat Farms. Le Nkampani ithengisa kumazwe angaphandle, inendawo zokuxhela, kwaye inika amafama uhlelo lweshishini olululo. Naxa kunjalo, amafama afuna ukuzenzela imakethi yawo, kukhona imigaqo yokukhulisa nokwenza ingeniso ebonakalayo ngokuvelisa inyama yemivundla. Nceda ukhumbule ukuba kufuneka wenze uphando kangangoko unakho phambi kokuba uqale- Uqinisekise ukuba indawo zokuxhela ne makethi ikhona ngaphambi kokufuya.

Translated by Zizipho Silwana