iLogo yoRhulumente wePhondo laseRhawutini

Okuthethwa yile Logo

Esisekelweni sale logo kukho izitena ezibini zegolide ezibhalwe imotto yeliphondo-UNITY IN DIVERSITY nethetha UMANYANO LWABOHLUKILEYO. Ikhaka liluhlaza okwesibhakabhaka, lombala umele isambatho esinxitwa sisithethi esikwi Provisional Legislature. Kweli khaka kuboniswe igaba eligolide neliluphawu lokuqalwa kwemigodi kweli phondo kwaye lihlobene negama leli phondo.

Ngaphezu kweli khaka kukho izikhali ezitsolo, nezifana nezo zikwintloko ye swedi yeliphondo. Eli khaka lixhaswe ziingonyama ezimbini ezigolide, lombala ugolide uluphawu lwegama leliphondo kwaye ezingonyama ziluphawu lwesabelo sengonyama kwezoshishino lwesizwe. Le logo kufuneka isetyenziswe kunye ne slogan soHrulumente wePhondo lase Rhawutini: Kuyasheshwa: Gauteng Working Better

Translated by Zizipho Silwana