Iintlobo Ezahlukeneyo zeeHagu

©Elsabe Visser
The large white is a big pig with exceptional growth rate.
Kuba kungekho ntlobo yehagu ingenasiphako, kwaye intlobo nganye ineziphako kunye nokuncomekayo ngayo. Ukukhethwa kwentlobo omawuyifuye sisigqibo onokusithatha ngezizathu eziva wena. Xa uthatha esi sigqibo, akufanelanga ujonge nje kuphela izakhono onazo ngemfuyo, kodwa kufanele ujonge nokuba unayo na imakethi emiyo yabantu abazakuqhubeleka nokuthenga imveliso yakho. Kwaye ujonge nokuba unakho na ukunikeza ngesondlo kunye nentlalo ethile edingwa yintlobo yeehagu ozifuyileyo.
Usenakho ukudibanisa iintlobo ezahlukeneyo ukuze zikhwelane ze uphucule umgangatho wenyama. Inzala yezintlobo zohlukeneyo ingathengiswa. Nazi ke ezinye zeentlobo zeehagu ezisetyenziswayo eMzantsi Afrika:

iLarge White

Lentlobo yamaNgesi yaziswa eMzantsi Afrika malunga neminyaka yoo 1890. Njengokuba igama layo lizixela, yintlobo enkulu enesikhumba esimhlophe. Le ntlobo yehagu izala amantshontsho amakhulu asempilweni kwaye akhula ngolona hlono kwaye akuthandayo ukuncanca koo nina. Iimazi zezihagu ziyawakhusela amantshontsho azo. Nangona iinkunzi zikhula kade ngokugqibeleleyo, emva kweenyanga ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo ubudala.
Iihagu eziNkulu eziMhlophe zibonwa njengengohlobo olungasetyenziswa kwizinto ezininzi, kwaye xa zidityaniswe nolunye uhlobo kuphuma inzala ekulungeleyo ukwenza ibacon. Iimazi zalentlobo yehagu zikulungele ukuzala, ingakumbi xa zidityaniswe nohlobo lwe Landrace.

iLandrace

©Glenneis Kriel
Landrace pigs have excellent growth rates.
iLandrace yihagu yohlobo lwama Danish. Le hagu inesikhumba esimhlophe, kwaye yenzeka ngokudityaniswa kwe hagu zohlobo lwe Large White kunye nezama Danish. Ezi hagu zaqala ukuthathwa eHolland zaziswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1952. Le ntlobo yehagu iyakhawuleza ukukhula kwaye ayisokolisi ukondliwa. Iimazi zalentlobo yehagu ziyakwazi ukukhathalela amantshontsho azo; kwaye zizala amantshontsho izihlandlo ezininzi ixesha elide.
Inkqubo yase Mzantsi Afrika yokuvavanya amantshontsho aphume ngokudityaniswa iintlobo ezahlukileyo zeehagu, yaqala ekupheleni kweminyaka yoo 1950.
Kwabakho iziphumo ezihle ngeyona ndlela, kangangokuba lentlobo yaye yaziwa njenge Landrace yase Mzantsi Afrika. Ngokwe ncwadi ka David Visser, ethi Modern Pig Production, le ntlobo yehagu ijamelana neengxaki zokuphila ixesha elide ngenxa yokuba ceke-ceke kwamathambo ayo. Logama iihagu ezinezihlunu ezininzi zingafumana lula uxinzelelo lwengqondo, nolubangwa kakhulu zimo zezulu ezitshisayo kunye nemigama emide ukuya emakethi.

The Chester White

©Liezel Grobler
Le hagu yaqala ukubakho eMelika. Kwadityaniswa iihagu zase Yorkshire kunye nezase Lincolnshire ukuze kuvele yona. IiChester Whites zaqala ukuziswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1983, zabe zisuka eMelika.
Le ntlobo yehagu inesikhumba esimhlophe, kwaye iphakathi ngokomlinganiselo kwaye inamathambo alungileyo. Zikhula kakuhle phantsi kwemeko ezi extensive kunye nezi semi-intensive. Iimazi zezi hagu zithanda ukudityaniswa neenkunzi ze Large Whites okanye iiLandrace. Abekho baninzi abavelisi be Chester Whites eMzantsi Afrika.

iDuroc

©Elsabe Visser
Duroc boars are primarily used in crosses with white breeds.
Ingcambu zale le hagu imbala obomvu-ntsundu, iseMelika. Le hagu iphuma kwiintlobo ezine zeehagu ezibomvu. Yaqala ukuziswa eMzantsi Afrika isuka eCanada, ngomnyaka ka 1980. Yayiziselwa ukuze idityaniswe nezinye iintlobo, ukuze kuphume uhlobo olutsha lwehagu.
Iinkunzi zinomxhelo omde kwaye zithanda ukudityaniswa neentlobo zehagu ezimhlophe. Inzala eveliswa zezihagu ikhula kakuhle, ayisokolisi ukondliwa kwaye inenyama esemgangathweni.
Incwadi ethi Modern Pig Production, icebisa ukuthengiswa kwayo yonke inzala yezihagu zidityanisiweyo, kuba ithatha umbala obomvu-ntsundu we Duroc nto leyo iye ibangele iingxaki efama. Ihagu yohlobo lwe Duroc ivelisa inyama entle, nengcono kunoninzi lwezinye iintlobo zehagu. Iimazi zizala amantshontsho amaninzi, kodwa zibonwa njengezingakwaziyo ukukhathalelela amantshontsho azo. Le hagu ayifane ichaphazeleke luxinzelelo lwengqondo.