Ii-Nkolelo ze Sintu zama Ntwana

Iinkolelo Ezinomfuziselo

©Dr Peter Magubane

Ama Ntwana, imvula akusiyiyo nje into ebambekayo yokuhlaziya. Ikwayiyo nembonakalo yokuchuma ngokomoya kunye nembonakaliso yokuba indalo kunye nabantu zinoxolo. Ukuze kuqinisekiswe ukuqhubeka okungenawo amagingxigingxi ehlabathini, amasiko okwenza imvula enziwa rhoqo ngonyaka.

Phambi kwalendibano imvula iyabizwa ngembonakaliso yentaka yombane (tladi). Kukholelwa kakhulu okokuba lukhozi (Cape fish eagle), lentaka ingumbala obomvu ocace gca, namhlophe, nentsiba ezimnyama. Kukholelwa okokuba lentaka yombane ivalelekile kwinto ebizwa lehadima, iimpondo zenkunzi yenkomo ezihonjisiweyo ukubonakalisa intaka enezangqa ezinendawo ezibomvu, mhlophe namnyama.

Ilehadima isetyenziswa kakhulu ngamadoda nabafazi abanezipho zomoya (ngaka okanye mapale) ukucela imvula ezakuqinisekisa uhlaziyo lokuchuma komhlaba noluntu. Amantwana anezimilo ezixakayo ngalembonakaliso yokuchuma kwenzala. Umzekelo, umbala obomvu ubonakala njenge mbonakaliso yokuchuma kwenzala kunye nengozi.

Ukubaneka kubonwa njengabahamba phambili bemvula, kodwa ama Ntwana akholelwa okokuba ingavalelwa ngabathakathi, isiwe kwenye indawo ukujongela phantsi indlela yobomi bokuchuma ngokwendalo. Ngokufanayo, abafazi, abanolawulo lokuchuma kwenzala ngokomhlaba nesibeleko, babonwa njenge ngozi kwimpumelelo yase kuhlaleni okungacaci icala kubonakala ngoko hambiswano phakathi kwabafazi neenkomo.

Zombini zibonakala ziyingozi kwenye, kwaye zichasene. Zombini zinembonakalo zokuchumisa kwaye zombini zibonakalisa ingozi kwenye ngokwamandla endala. Umzekelo abafazi abaya exesheni abavumelekanga ukungena ebuhlanti. Isizathu soku kukuba xa umfazi ongakwaziyo ukuzala engena ebuhlanti, oku kuyashiyeka kwenze iinkomo nazo zingakwazi ukumitha nokuzala.

Abafazi bangangena ebuhlanti emveni kokugqitha kwiminyaka yokuya exesheni, kuba xa kunjalo ‘bakhuselekile’ ukungena, sele bekhuphe namabhanti wabo anentsimbi, ngapahndle kwebhanti elisezantsi elimbala opinki. Xa upinki ethathiwe njengo kubonakalisa indibaniso yombala obomvu nomhlophe, lombala ubonakalisa ucantsi, ngokuka moya.

Oku kuchaza okokuba ama Ntwana enza ubudlelwano obunzima, obungacacanga nemibala, phakathi kwalemibala, okwenziwe ngayo kunye nokubalulekileyo empilweni ngoku kamoya nangokuphathekayo. Imibala ibonakalisa ubushushu nokuphola, ubunyulu nengozi, ezithi zinikeze ama Ntwana nomfuziselo wolwimi olunceda indlela yokubona ihlabathi ethi ibonakale ingenako ukuhlakanipha, ulaka nokusoloko kutshintsha izinto.

Translated by Zikhona Plaatjie