Iingxaki zeeHagu Ezixhaphakileyo Zocoleko Lokutya kwiiHagu

Iingqaqambo zeSisu

©National Pork Board, USA
Iingqaqambo zesisu zisenokubengelwa zii ulcers, iziphakathi ezihleli kakubi, ukuqunjelwa kunye nezinye iziof, ezifna nezifo ezibizwa nge African Swine. Iimpawu ziquka iihagu ukupenepena kweehagu, ukuncwina, ukutswina nengxolo engaqhelekanga.
Unyango
Ukunyanga iingqaqambo zesisu, umfama udinga ukuqala azi unobangela wengqaqambo aze andule ukuwunyanga.

IiUlcers zeSisu

Iimpawu zokuba ihagu kusenokuba ihlaselwe zii ulcers zesisu ziquka ukugabha, iingqaqambo zesisu kunye okanye nobulongwe obunegazi elimnyama elikhangeleka okwekofu. Amantshontsho eehagu achaphazeleka kakhulu sesi sigulo ngaphezu kweehagu ezindala.
Ii-ulcers zisenokubangelwa zinto ezahlukeneyo. Ngokwe phepha elibhalwe yi The Pig Site, Gastric Ulcers, kungenzeka ukuba ukutya akuna proteni yaneleyo, faybha okanye izinc. Kungenjalo, umgangatho wamandla usenokuba phezulu kakhulu okanye ubenengqolowa eninzi okanye amafutha amaninzi. Iihagu zisenokuba kanti azifumani zakha mzimba/zinongo zaneleyo ezifana ne Vithamin E okanye iSelenium.
Xa sisiya ekutyeni kweehagu, kusenokuba ukutya kuzinkozo ezincinci kakhulu okanye amanzi asekutyeni maninzi. Ukufuduswa, indlala, ukungatyi ngamaxesha afanayo kunye nokunqongophala kwamanzi kusenokuba negalelo kule ngxaki.
Unyango
Ii-ulcer zesisu zingathintelwa ngokondla iihagu ukutya okunezakha mzimba ezilinganayo, kwaye nokutya kungacoleki kakhulu. Umbutho wabavelisi beehagu i-The South African Pork Producer’s Organisation (SAPPO) kumkhomba ndlela wawo wokuvelisa iihagu obizwa nge Pigs for Profit, ucebisa ukuba amafama ongeze ama 50% we bran kukutya kweehagu. Ukunika ithuba lokuba iihagu zixhamle ukutya oku luhlaza okufana nengca, kunye nokuzitofa nge potentiated sulphonamide (Trimethoprim).

Ukugabha

Iihagu zingaqala ukugabha ngenxa yezizathu ezahlukeneyo, ezinye iimbangela ziyaxhalabisa kakhulu kunezinye. Umzekelo, zisenokuba ne ulcers zesisu, zigule, kube kanti zitye into enetyhefu okanye engahambelaniyo nesisu sazo, okanye kube kanti kukho uphazamiseko oluthile ngaphakathi okanye ukunqongophala kwezakha mzimba.
Unyango
Ucoceko ludlala indima enkulu kakhulu ekuthinteleni ukugabha. Kufuneka zinonotshelwe ukuze zingadibani netyhefu. Umlinganiselo wetyuwa kufuneka uncitshiswe kwaye iihagu kufuneka zifumane amanzi oneleyo, ukuthintela ityhefu yetyuwa.
Unobangela wokugabha kufuneka unyangwe. Ngoko ke, ukuba awuqinisekanga dibana nogqirha wezilwanyana. Umbutho oyi The American Minim Pig Association ucebisa ukuba amafama angazityisi iihagu kangangee yure ezintandathu ubuncincane, emva kokuba iihagu igabhile. Oku kunceda ekubeni isisu sithomalale, unciphise namanzi okusela ibe sisiqingatha sekomityi kwi yure emva kokugabha. Iinkonkxa zokuselela zingaphinda zibuyiselwe ukuba iihagu azikhange zigabhe kangange yure ezintandathu. Ukutya kufuneka kuthiwe chu nako ukubuyiselwa, kuqalwe ngokutya okuthambileyo kangange veki phambi kokuba ihagu ibuyiselwe kwisidlo sesiqhelo.

Translated by Zizipho Silwana