Iingxaki kunye Namathuba Okukhulisa iInyosi eMzantsi Afrika

© Dawid Smit
Due to the decline in native bees numbers farmers have to rely on managed bees for pollination of blueberries.

Iingxaki Zokukhulisa iInyosi e-Mzantsi Afrika

Eyona ngxaki inkulu e- Mzantsi Afrika ekhokhelela kwesisithuba kukunqongophala kwezinto zokuvelisa incindi. E Mzantsi Afrika, ngu – 15% kuphela oveliswayo wobusi oluphuma kwizityalo zemvelo ngokuthelekisa no – 70% wase Ausralia. Ngokommo ubusi lwalapha ekhaya luveliswa lusuku kwimithi i – ‘Bluegum’. Oludidi, ngohlobo oluthile, luphantsi koxinzelelo olumandla. Imigudu karhulumente, Ukusebenzela Amanzi, ngezimini kukususa lemithi kunye neminye imithi engeyoyalapha ngokwemvelo kwimilambo kunye nezinye iindawo zokubamba amanzi.
Upapasho olugxekayo nalo luye lwalukuhlela abanini-mhlaba ekugeceni imithi ye- bluegum. Akunangeniso yomnotho ukutyala nasiphi na isityalo usenzela nje qha ukuvelisa incindi. Imithi ye – bluegum ityalelwa ukuvelisa iphepha kunye namaplanga, njengokuba ii – (sunflowers kunye ne Canola) zityalelwa ukuvelisa ifutha lokupheka. Izityala zeziqhamo zidinga iinyosi ukuze kusasazeke imbewu yazo, kodwa ukuvelisa incindi kwezizinto kunqabile kakhulu, ukuba kuyenzeka kwaphela.
Ukhuliso lweenyosi eMzantsi Afrika luqhutywa ngokumandla ngabakhulisi benyosi ababucala, mhlawumbi ngaphaya kwewaka. Kukho ngaphantsi kwamashumi amahlanu (50) eendawo ezinkulu zokugcina iinyosi, amafama oshishino anegquba leenyosi ezingangewaka nangaphezulu. Amafama eenyosi amatsha eMzantsi Afrika anqabile ngenxa yokunqongophala kwezinto zokuvelisa incindi. Ebutsheni bomnyaka ka 2000 intetho yenziwa eyokuba imveliso yobusi eMzantsi Afrika ingakhuliswa iyekufika kumawa angamashumi amahlanu ee – thoni (50 000 Ton).
Oku kubonakala kungathi ngumnqa kwaye kudinga ukuphicothwa ngobunono. Kukho, ngaphaya koko, igumbi lokulungisa ngokunxulumene nokuphatha izicuku zeenyosi ngokuphucukileyo. Ngokufana nayo neminye imisebenzi yokufama, uhoyo lwamaxa onke luyafuneka. Ukuvele nje uyekele indalo izenzekele, kungazonzakalisa iinyosi.

Amathuba Okukhulisa iInyosi eMzantsi Afrika

Sithethile njalo ngezingxaki zingasentla, kukho ukubonakala ukuba kukho ithuba elikhulu kushishino lweenyosi lwase – Mazantsi e Afrika. Ingeniso yokusasazeka kwembewu yezityalo ingaphezulu kunengeniso yokuvelisa ubusi. Kuleminyaka ilishumi igqithileyo, isidingo somsebenzi wokusasaza imbewu siye sakhula phakathi ko 10% kunye no 15% ngonyaka. Yabakho nemiqondiso emandla kushishino lwase macadamia, ingakumbi kwiindawo ezikhula izityalo, imithi, nezinamathafa eMzantsi Afrika ezinjengamaphondo i -Limpopo kunye ne Mpumalanga.
Uqikelelo lokutyala malunga nomda ongange 6 000 ha yamaqunube i-(blueberries) ikwakho emakhasini. Lamaqunube azakutyalwa kwisithuba esingange minyaka esixhenkxe (ukusuka ku 2017), ingakumbi kwiphondo lase Ntshona Koloni. Phakathi kwamawaka angange 30 000 kunye ne 40 000 esigqubu seenyosi sizokufuneka ukuze zisasaze imbewu yamaqunube i-(blueberries). Abakhulisi benyosi banga, zixhobisa isthuba esivakalayo.
Ulungiso kwixabiso lokusasaza imbewu yezityalo nako kuzokuqinisekisa ingeniso eqhubekekayo kunye nenkuthazo kubaceli-mngeni kushishino lweenyosi. Njengokuba uMzantsi Afrika wohlukile kumanye amazwe, ushishino lokukhulisa iinyosi kuzokufuneka lumelene neemeko zasekhaya.

Uphando Ngokufama iInyosi eMzantsi Afrika

Uphando nzulu ngoshishino lokufama iinyosi nalo alunzulu kuyaphi, kube kukho nje umphandi omnye oqashwe liqumrhu labaphandi-nzulu bamafama. Isango lezemfundo ephezilu lase-Pretotia, nalo, likwanenkxaxheba kuphando-nzulu ngeenyosi. Kuba ishishini lokufama iinyosi lilincinci kwaye lisasazekile, imali yokwenaza oluphando ayifumaneki lula. Inkxaxheba karhulumente ayivakali kwaphela. Ungenelelo lwamanye amashishini, njengeleziqhamo, kunye namashishini embewu luzokudingeka ukuze usasazo lwembewu yezityalo luqhubekeke ngakubafama beenyosi.

Translated by Aviwe Damane