Iindlela Zokuqhuba Phakathi kwe-Paki yeLizwe i-Mapungubwe

Indlela Yendalo i-Tshugulu 4x4

©Roger de la Harpe

Nangona ndixelelwe ukuba indlela yendalo inzima kwaye inamatye, kodwa ayenzelwanga ukuba ngumqobo kuwe nemoto yakho. Iyindlela ebalaseleyo, efundisayo, kwaye enemidlalo ebukelwayo, kungoko kufuneka uthi chu xa uqhuba kulendlela.

Indlela yendalo ilungele ukuhlola icala lase-Ntshona lepaki kwaye lehambo ithatha indlela ezahlukeneyo iphinde ibenomdlalo ofihlakeleyo. Lendlela ingange khilomitha ezingamashumi amane anesihlanu (45km) kwaye ithatha iiyure ezintlanu (5) ukuya kwezintandathu (6). Kukho indleko nganye ngasithuthi kwaye ufumana incwadana enenkcukacha ezibalulekileyo mayela nezinto ekufuneka uzibone xa usendleni.

Ukuqhuba e-Pakini

©Roger de la Harpe

Kukho iindlela ezingange khilomitha ezingamashumi amane anesihlanu (45km) kwaye zonke zinamatye okanye isanti. Uninzi lwezindlela lufikelelekile kwiimoto eziqhelekileyo ze-sudan, kodwa uxhamla kakhulu xa imoto ikumiso olulungileyo emhlabeni. Iimoto zemidlalo eziphantsi zona zingangalonwabeli olu uhambo.

Umphakathi wendlela ulungiswa ngalo lonke ixesha, nangona kusekhona inani lamatye abukhali asendleleni. Lumkela indlela enemingxunya okanye uqinisekise ukuba ivili lakho lihlala liphantshiwe kwaye ikiti ye-jack ihlala isebenza. Kukho iindlela ezininzi ezimakwe ngo 4x4 qha. Ezindlela azikhorhabaxa, kodwa zingaba yingxaki kwiimoto ezinamavili ankenenkene.

Qaphela ukuba ayikho i-petroli eMapungubwe. Iindawo zokuthela i-petroli ezikufutshane zise Alldays kangange khilomitha ezingamashumi asixhenxe (70km) nase Dongola Ranch pha kwikhilomitha ezingamashumi amathathu (30km).

Yiya eKhohlo okanye eKunene

©Roger de la Harpe

Ukusuka esangweni eliphambili kukho indlela ezimbini ongazithatha xa uhamba ngepaki. Xa ujika ngasekhohlo ngakwi nkampu yase-Leokwe, ungatyelela indawo ebizwa i-Treetop Walk, Confluence View Site and Picnic Spot. Xa ujika ngasekhohlo, uyafikelela kwiindawo zemidlalo i-Kannniedood ne-Khongoni kunye nekona ebizwa i-Poachers.

Esisiqingatha sepaki siqulethe idami elinomtsalane i-Shroda kunye nentsalela yenxiwa lendlu eyayihlala uJan Smuts pha kwiibhanki zase-Limpopo. Zombini ezindawo zomtsalane zinomda, umntu uyathemba ukuba zingaphuhliswa kwixesha elizayo. Indlela ezininzi epakini zibhalwe ‘akungenwa’.

Lonto ibangelwa zizizathu ezininzi. Eminye imihlaba inabanini bayo bucala, futhi ezinye indlela zihamba zifikelele kwindawo zokuhlala zabucala zabasebenzi basepakini, ezinye indlela zisalungiswa kwaye zizovulwa xa imeko zilungisiwe.

Translated by Aviwe Damane