Iindlela Zendalo Zokulawula Iinkumbi

© Marinda Louw
Kukhona iimveliso ezithengiswayo ezifana ne ‘neem oil’ nesepha yezinambuzane iyathengiswa, kodwa ikhona eyenziwa ekhaya enokunceda ukugxotha izinambuzane.

Isifafazi se Galikhi

Isifafazi se galikhi sibulala izinambuzane ezininzi. Nqunqa amagaqa egalikhi amakhulu abemathathu, uxube nge litha enye yamanzi abilileyo namacephe amabini we paraffin - inceda ukudibanisa umxube emaxolweni. Yiyeke yonyele iintsuku ezimbini; xuba ngee litha ezilishumi (10) zamanzi ufafaze kwizityalo.

Itshili ne Sifafazi se Galikhi

Nqunqa igalikhi ezintathu ezinkulu ucumze iitshili ezintlanu. Xuba konke oku ngelitha enye yamanzi abilayo namacephe amabini we parrafin engamanzi. Yiyeke iintsuku ezimbini; xuba ngelitha ezilishumi (10) zamanzi ufafaze kwizityalo. Itshili ne galikhi xazifafaziwe zibulala izinambuzane ezininzi.

Isifafazi Sika Rhalajana

Yikha urhalajana, ugcwalise ibegi kodwa ingagcwali kakhulu. Nxiba izikhuseli ezandleni kuba izakuluma kakhulu ezandleni xa unganxibanga zixhobisi. Ngeza ilitha ezintlanu (5) zamanzi abilayo namacephe amahlanu we parafini engamanzi. Yiyeke ithuba elingange veki (ingagcineka ithuba elingange nyanga). Ngeza iilitha eziyi 20 zamanzi. Lomxube ungasetyenziswa kwizityalo rhoqo kwiveki yesibini kwaye iluncedo kakhulu ukugxotha izinambuzane.
Qaphela: kufuneka oku kwenziwe rhoqo kwiveki ezimbini kwaye yindlela yokuthintela.

iKhaki Bush

ukukha iKhaki bush igcwale ibegi (Tagetes minuta) – uyibophe iqine. Galela ilitha ezintlanu zamanzi abilileyo uyiyeke ixesha elingange veki (ingagcinwa ixesha elingange nyanga). Akunyanzelekanga ukufaka iparafini, njengoko sele kukho ii-oli kwi khakhi bush. Ngeza umlinganiselo oyi (15ml) ngesepha yokuvasa nee litha eziyi 20 zamanzi. Fafaza rhoqo kwiveki yesibini ukugcina izinambuzane kude.

Uthuthu

Uthuthu lwalusetyenziswa ngokhokho bethu ukulawula izinambuzane. Iilungile emhlabeni kwaye linezinongo zomhlaba iphosphorus (P) ne potassium (K). Fafaza uthuthu olucolekileyo, oludala, olomileyo apha kwizityalo. Qinisekisa uthuthu aluziphazamisi izityalo. Ungaze usebenzise uthuthu lomsizi. Uthuthu lweenkuni nalo lusetyenziswa ngempumelelo ukugcina izinyeke kude.

“iSuphu Yentshulube noo Qongqothwane”

Qokelela ooqongqothwane okanye iminyiki eyenza iingxaki njengaba qongqothwane batyheli namnyama abatya iintyatyambo okanye iminyiki enokwenza umonakalo omkhulu. Faka iintsulube noqongqothwane kwibhotile ugqume ngamanzi ukuzirhaxa. Ngoku galela amanzi ashushuphezulu koqongqothwane okanye ntshulube wenza isuphu eluqilima “qongqothwane nentshulube”. Yeka iintsuku ezimbalwa usebenzise njenge sifafazi kumaxolo angqunge izityalo. Lendlela ke isebenza kakhulu ukushabalalisa iminyiki.

Translated by Zikhona Plaatjie