Iindidi ze Guava eMzantsi Afrika

©Louise Brodie

Iguava ngumthi okanye ityholo, neliye lithi chuu ukukhua. Imithi elinyiweyo ivamise ukuthenwa ize ibenobude ubuzi 2 ukuya kwi 3 m. Ukuba uthe wawuyeka ezinye iindidi zingakhula zifikelee kwi 8 m. Le mithi iqala ukuthwala isiqhamo ukusukela kwiminyaka yawo yesibini emva kokutyalwa, kwaye ingaqhubeka nokuthwala iziqhamo iminyaka engafikelela kuma. Imithi idubula iintyatyambo ngexesha le ntwasahlobo.

Nangona izinyosi ezisasaza ipholeni, le mithi ikwazi sasazela ngokwayo imbewu. Imithi esele imidala yendidi ezininzi zesi sityao, iyakwazi ukumelana neqabaka, kwaye ingamelana namaqondo aphantsi angafikelela kwisi -4°C. Kodwa amaqondo aphantsi kakhulu anomkhenkce asenokuyibulala okanye ayonzakalise kakhulu imithi eselula. Amaqondo obushushu aphezulu kakhulu angayonakalisa le mithi ngethuba lokudubula iintyatyambo nangelixa lokukhula kwesiqhamo.

Isiqhamo se gwava sirawndi okanye sibe ovali ngokumila. Kuxhomekeka kwindidi yesityalo, esi siqhamo sivamise ukuba sisi 6 ukuya kwi 12 cm ubukhulu. Esi siqhamo sinexolo elityiwayo, nesivamise ukuba rhabaxa. Njengokuba esi siqhamo sisiya sivuthwa, isikhumba siyatshintsha umbala obukade uluhlaza ukuya ko tyheli-luhlaza okanye bu pinkana-tyheli. Umphakathi wesi siqhamo usenokuba pinki ocacileyo (iigwava ezibomvu) okanye zibemhlophe ogqwankcu (iigwava ezimhlophe).

Umphakathi wesi siqhamo uneentanga ezininzi ezincinci, neziqinileyo. Inani nobukhulu bezi ntanga buyaxhomekeka kwindidi yesityalo. Isiqhamo se gwava sine vumba eliqolileyo elimnandi.

Ixabiso le Zinongo

Iigwava zingumthombo olungileyo we vithamin A, B, kunye no C kwakunye ne ayoni. Zinelona lakhe labaphezulu ixabiso nelingama 257%, iVithamin C, nengaphezulu le kwi pawpaw kunye nezinye iziqhamo ezinale vithamin. iVithamin C ihlala izinzile naxa sele sinkonkxiwe okanye somisiwe esi siqhamo. Iigwava ezipheleleyo zingumthombo olungileyo kwe B-carotene kunye ne ayoni, kunye nophakathana we calcium kunye ne potassium. Zikwazele nayi faybha kwaye zinomlinganisela ophakathana we folic asidi.

Iindidi Ezikhoyo

Ushishino lwe gwava eMzantsi Afrika luxhomekeke kakhulu kwindidi yesityalo yeli lizwe, nebizwa nge Fan Retief. Esi sityalo sithiywe ngalowo waqala olushishino. Le ndidi inombala opinki okwe salmon, kwaye sisuka kwii gwava zokuqala ezafika eKoloni. Ezi gwava zafika nabaphambukeli bama Dutch nge sentyuri ye shumi elinesixhengxe. Le ndidi ye Fan Retief imbala upinki ibalelwa kuma 90% ezityalo ze gwava ezenzelwe intengiso. Lombala upinki okwe salmon we Fan Ritief uxatyiswe kakhulu ngabavelisi be jusi kumazwe ngamazwe. 

Ngomnyaka ka 1994, i-Agricultural Research Council’s (ARC) Institute for Tropical and Subtropical Crops (ITSC) yakhupha iTSG2 neyindidi ephuculiweyo yesi siqhamo. Le ndidi ingahlaselwa lula zizifo, ineentanga ezimbalwa kwaye inkulu kune siqhamo se Fan Ritief esiqhelekileyo. Kodwa ke, ayizange idume okanye ithandwe eNtshona Koloni, ngenxa yesivuno esikhulu esifumaneka kwindidi ye Fan Ritief yokuqala.

Amaxesha Esivuno

Iigwava zivunwa ngethuba leenyanga zobusika. Kwilizwe loMzantsi Afrika, kungavunwa ukusuka ngenyanga ka Meyi ukuya kweka Septemba okanye kweka Okthobha.

Translated by Zizipho Silwana