I-Dragon Fruit – Imisebenzi kunye Nemivuzo

© Pete Birkinshaw

Iziqhamo ezikhulu ezinamaqweqwe zesityalo se dragon zixhaphake kakhuu kwilizwekazi lase Asia. Esi siqhamo sikuluhlu lwesihlanu esihamba phambili, emva kwe lychee kunye ne banana. Sikwaziwa njenge pitaya, ithandwa ngenxa yombala nendlela emile ngayo kwelase China. Ezi ziqhamo zisempilweni, zinamandla aphantsi zohlukene kwaye zinezinongo ezise mpilweni. Kulula ukuzixobula kwaye zilungele ukutyiwa zinjalo, zibene ndawo ebandayo. 

Abavelisi abafana ne Amorentia Estate & Nursery kwiphondo lase Limpopo bakwiphulo lokufundisa oosomashishini beevenkile kunye nabathengi malunga nemivuzo ye dragon fruit eMzantsi Afrika.

Imisebenzi ye Dragon Fruit

©Fairie Anne Acebedo-Domingo

I-dragon fruit ikhuliselwa ukuze ityiwe injalo kwaye ivamise ukuthengiswa kwiimarike zeziqhamo nemifuno eMzantsi Afrika. Kungenziwa izinto ezininzi ngesi siqhamo, ezifana ne miqwayito yeziqhamo, fruit bars, ice cream, iijem, pastries, kunye ne yogathi. Esi siqhamo sinemibala ebomvu eyohlukeneyo singasetyenziswa nangenge dayi ebomvu. Iti ze herbal, amanzi nevodka zikwa dityaniswa ncasa ye dragon fruit, kaye esi siqham singasetyenziswa ukwenza iwayini. 

Intyatyambo engeka dubuli ingaphekwa ze ityiwe njengemifuno. Iintyatyambo zisenokufakwa emanzini abilayo ze zonwatyewe njenge ti. Esi sityalo sisetyenziswa kakhulu njengesityalo sokuhombisa kwiigadi, sikwasetyenziselwa ukusitha amacingo eeyadi. 

iDyunivesithi yase Pitoli yenza uphando ngemisebenzi yencindi ye dragon fruit kwii khosmethiksi. Kwafunyanisa ukuba amanzi edragon fruit asenokuba ee propathi ezifanayo nezo zamakhalo ohlobo lwe Aloe ferox kunye ne Aloe vera. Kwaye kungenzeka ukuba ziphindaphindeke kalishumi kunezo zala makhala. Iiprophathi ze dragon fruit ziyathambisa, zithintela ukuguga/ukushwabana kwesikhumba, ukuqinisa isikhumba kunye noku vuselela icollagen synthesis.

Ubunzima bamaxolo se dragn fruit angafikelela kuma 22% kubunzima besiqhamo sonke. Kodwa amaxa amaninzi lamaxolo ayalahlwa. Amaxolo edragon fruit aqulathe izinongo ezifana anthocyanins - neyi antoxidant enamandla. Amaxolo edragon fruit angasetyenziselwa izizathu eziliqela: Xa esikwe aba yimicu ase aqhotswa nge oli ye sesame okanye asetyenziselwe ukwenza iti. Umgubo owenziwe ngalamaxolo sele sele evavanyiwe kwaye kwafunyaniswa ukuba anganegalelo kumgangatho wegazi lamafutha kwiimpuku. Kwilizwe le Philippines, lomgubo wawusetyenziselwa ukwenza iinoodles ezipinki.

Imivuzo ye Dragon Fruit

Imivuzo esempilweni ye dragon fruit ibangelwa yii antioxidant yaso, ukukwazi ukulwa iintsholongwane kunye nee prophathi zezakha mzimba nezinongo. Ikwanceda nasekmelezeni amajoni omzimba, kuba inamaqondo aphazulu evithamin C, enza imethabholism ihambe ngokukhawuleza kwakunye nokucolwa kokutya emzimbeni. ii-Oligosaccharides, nezifumaneka kwi dragon fruit, zinganceda ekuphuhliseni iprobiotic bacteria esiswini nasemathunjini. 

I-Dragon fruit izele yi fyabha (fibre) inganceda ekwehliseni iswekile, ngoko ke inganceda kwizidlo zabantu abane swekie. Esi siqhamo sikwane antioxidants eziphezulu kwaye siqulathe izakha mzimba ezifana ne vithamin B1, B2 kunye ne B3, polyunsaturated fatty acids, carotene, protein, calcium, potassium, iron kunye ne phosphorus. Iintanga ze dragon fruit ziqulathe iiomega-3 fatty asidi.

Iziqu kunye neentyatyambo ze dragon fruit zisetyenziselwa ukunyanga isifo seswekile, kwaye zinceda nasekupholiseni izilonda. Esi siqhamo sikwanalo negalelo ekuthinteleni isifo sentliziyo. 

Nceda uqaphele:
Le nkcukacha ingentla inikwe ngenjongo zokufundisa nokunika ulwazi kuphela, kwaye ayinanikusetyenziswa njenge ngcebiso ka gqirha. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenelela endaweni yengcebiso zika gqirha okanye kumachiza okunyanga owanikwe ngugqirha.

Translated by Zizipho Silwana