Idolophu Yase Vredefort

© David Fleminger

Ilali Ezolileyo

Nangona idolophu yase Vredefort yanikisa ngegama layo kwi Dome, zimbalwa ezinye izinto ezithi zibenomtsalane kubatyeleli bale lali izolileyo. Yasekwa ngesithuba esinye ne Parys, caba ngenxa yokungavumelani kwabaphuhlisi bezindlu kunye nabanini mhlaba bendawo. Kwaye ekuqaleni kwakhe kwabakh ukungavani phakathi kwezi dolophu zimbini. I-Vredefort yahlelwa ngomnyaka ka 1876 yaze yabayidolophu ngomnyaka ka 1881.
Eli gama, nelithetha iNqaba yo Xolo, akukho bani waziyo ngemvelaphi yalo. Bambi bathi eligama lichaza uxolo oluviwa luluntu lwalendawo olulimayo, kuba ngoku sele benayo nendlu yecawe phakathi kwabo. Bambi bakholelwa ekubeni lisukela kwingxabano phakathi kwamabhulu ase Transvaal nawase Free State, neyathi yasonjululwa nge branti kunye ne
koeksusters kwifama ekufutshane.

I-Riemland

Ekuqaleni, abantu base Vredefort babeyingxenye yohrwebo lokuzingela, nolwalunwenwela kumntla ntshona wonke we Free State. Lo mmandla wawubizwa nge Riemland, ngenxa yembadada zofele (rieme) ezaziveliswa njengenxalenye yokuzingela. Ethubeni, ulimo lwathatha indawo njengeyona ndlela yohrwebo. I-Vrederfort iqhayisa ngamatanki amakhulu wee ngqolowa kumda wedolophu.
Namhlanje,eyona nto idumengayo iVredefort’s yi‘ground-zero’; indawo apho iVredefort bolide yankaleka eMhlabenu Earth, yaze yabayeyona ndawo kwakhe kwenzeka ingozi enkulu kwihlabathi lonke. Ngelishwa, akusekho mpawu zibonakalayo zale monstrous impact. Ikhona indulana enamatye, emaphandleni aledolophu, neye idanise abatyeleli kuba becinga ukuba yeyona Vredefort Dome, kodwa bayaphazama. Qabela ngephezulu kweliqhinana uze ujonge phezu kwentaba, ngalendlela uzakuqala ukubanofifi lobukhulu besisiganeko.

Idolophu Encinci Entle

Le ndulana inganikisi mdla ikwahlelelwe ukwenziwa indawo entsha yabatyeleli (Visitors Centre). Isigaba sokuqala soluphuhliso sasimiselwe ukuvulwa ngomnyaka ka 2009 nge ofisi yeenkcukacha, indawo enkulu yemiboniso(exhibition) kunye nemifakelelo ye Dome, iposi kunye nemisebenzi yezandla yasekuhlaleni kunye nevenkilana yezibambisi-mphefumlo. Isigaba sesibini yayikukwenza indawo yangaphandle, imidlalo yesintu, izitiya ezenziwe kakuhle kunye nendawo ye pikiniki. Kodwa ke inkqubela yale projekthi kubonakala ngathi ime ngxi, akukho themba lokuba iyakuze iqhubeleke.
I-Vredefort oko yabasesithunzini sommelwane wayo, omkhulu, iParys, nemi kwi 15km nje ukusuka kuyo. I-Vredefort ayinamlambo, ayinavenkile ye antique okanye iicafé ezisemgangathweni ophezulu. Endaweni yoko kukho iqaqobana lweendawo ezingacacanga ezithengisa ukutya osekulungile, iqela levenkile ze hardware kunye nendawo yokwenza iinwele. Nangona kunjalo, iVredefort yidolophu entle encinci enendlu yecawe eyenziwe ngelitye elihle lesandstone kwaye inalamoya wasemaphandleni unomtsalane. Kuninzi okungenzeka apha, kwaye ndinethemba lokuba kusezakubakho uphuhliso oluninzi kwixesha elizayo.

Translated by Zizipho Silwana