iCoat of Arms yePhondo la KwaZulu-Natal

Iphondo laKwaZulu-Natal lalinda kwade kwaba ngumnyaka ka 2004 ngaphambi kokuba kubekwe ngokusesikweni iCoat of Arms entsha. Kwiminyaka eli 10 emva konyulo, eliphondo lalisebenzisa iicoat of arms zaKwaZulu kunye nase Natal, enye ibekwe ecaleni kwenye. 

Imotto ebhalwe kwisisekelo esiluhlaza ngolwimi lwesizulu ethi,Masisikume Sakhe, nethetha ukuba “ masiphakame sakhe” Lombhalo ubhalwe ngolwimi lwesiNgesi kunye nolwesiZulu. Kwakuqala kwimbali yoMzantsi Afrika ukuba kubekho umbhalo oku coat of arms obhalwe ngolunye ulwimi ngaphandle kolwe siNgesi kune nesiBhulu. Ukusuka esisekweni kukho ikhaka lesi Nguni kunye nentyatyambo ebizwa nge bird of paradise (Strelitzia reginae).

Lomzobo uluhlaza kweli khaka umele iintaba Zokhahlamba (Drakensburg Mountains), nezahlule eliphondo kwi Lesotho nase Free State. Lo mbala uluhlaza umele umbala ubukhulu becala bombala okwi Phondo laKwaZulu-Natal. Emva kweli khaka kuxananaze igqidu kune nomkhonto, zozibini ezi zikhali ngamaphawu esintu nangawasebukhosini.

Eli khaka lixhaswe yingonyama(Leo leo) neyayiyi nxalenye ye arms endala yaKwaZulu kwaye imele ulawulo lwenkosi yesizwe samaZulu. Kwelinye icala leli khaka kukho inqu (Connochætes gnu), neyayikade iinxalenye yophawu lwePhondo kunye ne Koloni yase Natal ukusuka ngeminyaka yama 1870.

Yayikwayinxalenye ye coat of arms ukusukela ngomnyaka ka 1907. Kwi Coat of Arms entsha,inqu ibonakaliswe njenge chumileyo, ayibaleki njengakwi coat of arms endala. Entla kweli khaka kukho isacholo esimile okuka ngqu phantsi. Le yindlela ekwakusakhiwa ngayo izindlu zesizwe samaNguni. Ezi zakhiwo zazixhaphakile nakwizizwe zamaNguni asemazantsim, kwiindawo ezazisaziwa nge Transkei kunye ne Ciskei. Amakhaya aloluhlobo ayeye abenaba ngqu phantsi babe baninzi.

Omnye yayiba ngowo tata wekhaya oyintloko yekhaya aze umfazi ngamnye abeneyakhe indlu kunye nabantwana bakhe. Le ndlela yokwakha ngoku sele yayekwa ngabantu abaninzi, kodwa isekhona kwiilali ezindala kufutshane nobuhlanti buka Shaka.

i-Emblem yeKhaka – iKhaka labeNguni

©Roger DelaHarpe

Ukusetyenziswa kwe khaka kufanelekile njengoko ibonakalisa izithethe zamakroti amaZulu kunye nabalandela emva kwabo. Eli khaka laqala lasetyenziswa sisizwe sabeNguni ukuzikhusela emfazweni. Lali malunge nge 2m ubude, kwaye ikroti lalizimela emva kwalo xa ligityiswelwa ngemikhonto emide.

uShaka wayiphelisa lentlobo yekhaka kunye nalo mikhonto mide na kakade. Endaweni yazi weza nekhaka elifutshane elimalunga ne 1m ubude, ukuze liphathwe ngesandla emfazweni kunye nomkhonto omfutshane. Kulemihla kusetyenziswa amakhaka amafutshane nangakumbi kwimilo yeentonga yabafana abaselula bama Nguni.

La makhaka enziwe ngeemfele zenkomo, aze afakwe kwiintonga, ezintonga zingakhutshwa ukuze kubelula ukuwaphatha xa engasetyenziswa ekulweni okanye emicimbini. Ezi ntonga zibotshelelwa ngeentambo, nezivamise ukuba nemibala eyahlukileyo kuleyo yekhaka.

i-Emblem yeNtyatyambo - Bird of Paradise (Strelitzia reginae)

Intyatyambo ebizwa nge bird of paradise (S reginæ) yayisakuba yi emblem esesikweni yePhondo lase Natal. Le ntyatyambo yinzalelwane yeentili zase Zululand kufuphi nase lunxwemeni, kodwa ayifumaneki kwi Koloni yase Natal endala, ezantsi komlambo iTugela.

Noxa kunjalo ingafumaneka ikhula eTranskei kunye nase Ntshona Koloni, kwaye ixhaphake ukufumaneka kwiigadi kwiphondo jikelele. Yintyatyambo esesikweni ye Dolophu yase Los Angeles eCalifornia, kwaye izikhulela nasendle phaya. Kungenzeka ukuba isuka kwimbewu ezisuka kwiigadi zasemakhayeni abantu.

Translated by Zizipho Silwana