I-Artificial Insemination Kwii Hagu

©Glenneis Kriel
Keeping a boar for breeding can be expensive and increase the risk of diseases.
i-AI ayifani nokumithisana njengesiqhelo apho inkunzi ifakwa nee mazi ukuze izale, i-artificial insemination iquka ukufakwa kwencindi yenkunzi kwimazi, kwaye akunyanzelekanga oko kwenzeke efama.
Lendlela yokumithisa ihagu yenza umfuyi weehagu akwazi ukufumana iinkunzi ezomeleleyo, logama ihlisa izinga lomgcipheko oludibene nokumithisana kweehagu njenge siqhelo, ezifana nokonzakala, ukosuleleka kwe mazi izifo ezisuka kwinkunzi, njalo njalo. Nokusetyenziswa kakhulu kwee nkunzi zeehagu kwaye oko kungenza incindi emithisayo ingabinawo amandla okumithisa. Eneneni, izinga lencindi yemazi iyakwazi ukuhlolwa ivavanywe phambi kokusetyenziswa kwi Artificial Insemination.
Ngaphandle koku, i-Artificial Insemination ixabiso layo liphantsi kunendleko zokufuya nokutyisa imazi ‘ekudidi oluphezulu’ emithisayo efama kwaye yehlisa nezinga lokuba iintlobo ezingafaniyo zehagu zimithisane, kuba ifana zineentlobo ezininzi zokukhetha. I-AI yenza okokuba kumithe iihagu ezininzi kwixesha elifutshane, inikeza umvelisi ulawulo olungcono lweentsuku zokuzala, kunye nolawulo lweehagu.

Impawu Zokulungela Ukumithiswa

©Glenneis Kriel
Keeping a Boar in the vicinity of a Sow during artificial insemination will help to ease the process.
Amafama angathenga incindi yenzala okanye ayiqokelele kwii nkunzi efama. Lencindi yenzala iphilile yaye kufuneka iphathwe kakuhle. Kufuneka igcinwe kubushushu obuphakathi ko 16℃ ukuya ku 18℃ ukususela ngexesha eqokelelwa ngalo ukuya kwixesha efakwa ngalo kwii mazi, kuba xa ubushushu bungaphezu kobu bukhankanyiweyo incindi yenzala ayisayi kubanamandla okumithisa.
Ukuze ufumane iziphumo ezingcono nokwehlisa ukukhathazwa ngoku banjwa, i-Artificial Insermination kufuneka yenziwe ngabasebenzi abaqeqeshiweyo ngoku yenza. Inyathelo lokuqala kukuqaphela okokuba imazi ikulungele ukumitha. Emveni kokulumla amantshontsho imazi iye idityaniswe nenkunzi ixesha elisisiqingatha seyure mihla le kwaye xa imela inkunzi, kuye kuthiwe ‘inobushushu’.
Amafama amaninzi asebenzisa inkunzi ezimithisayo asebenzisa isixhobo esithile okanye I pheronomes ukujonga okokuba imazi ikulungele ukumitha. Impawu zokuba imazi inobushushu okanye ilungele ukumitha, ngokwe ncwadi ka Daniel Visser, ethi Modern Pig Production kuquka indlele ezima nkqo, indawo yokuchama ibe bomvu idumbe, kuphuma amanzana ancangathi ngaphantsi kwaye xa uyicinezela ngemva, imazi imangxi logama ngesiqhelo iyabaleka. umdla wokudibana ne mazi uye usanda de iqale ukukhwela ezinye iimazi. Ukulungela ukudibana nenkunzi kuye kuhlale ixesha leyure ezingama 36 ukuya ku 72.

Indlela Yokumithisa

©Glenneis Kriel
The catheter should be left in the sow for another five minutes after insemination.
Kuyanceda ukugcina inkunzi ecaleni kwe mazi ngexesha loku mithisa imazi nge Artificial Insemination. Ngokwe Pork Industry Centre, oku komeleza ukukwazi inkunzi imane idibana ne mazi ngocantsi kwaye inceda kulomsebenzi wokumithisa nge insermination ngokuthi yenze imazi izise incindi ye nkunzi kumhlaba ongezantsi kuyo ukuze incindi ingaphumi sele ifakiwe.
i-Modern Pig Production icebisa okokuba amafama asule konke ukungcola acoce unodese ngetawuli eyomileyo yephepha. Vula imilebe ka nodese ngesandla sase khohlo ufake umbhobho onencindi kancinci ngesandla sase kunene, ukuze ijonge phezulu ku 45° ukuze ingangeni kwisingxobo somchamo. Emveni koko mawonyuswe lombhobho ufikelele kwindawo yenzala de kuvakale kuqinile. Eminye imibhobho ke ifuna ukujikeleziswa ukuqinisekisa iyangena kakuhle kwindawo yokumithisa.

Xa incindi sele idibene nalombhobho, incindi kufanele ikwazi ukungena lula kwindawoyokumitha icervix ngaphandle kokuba lombhobho ufuna ibhotile yencindi icinezelwe ukuze iphume. Unyamezelo okanye ukungenzeki kungenziwa kukumane kudibana isibeleko kwaye xa kunjalo kufuneka ikhutshwe. Konke oku kuthatha imizuzu emibini ukuya kwemithathu, kodwa kungathatha ixeshana.

Lombhobho kufuneka uyekwe kwi mazi imizuzu emihlanu emveni kokufakwa incindi yenkunzi, ukuqhubeka ukulungisa isibeleko, qinisekisa ngokulumisa isisu uqiniseke ngokufaka incindi yemazi. Xa ugqibile ukufaka incindi lombhobho kufuneka upindapindwe ubotshwe, ngoku wusonga uvale umgxuma ongemva ombaca, ukuthintela incindi ingaphumi.
Ixesha, lowo ufaka incindi, kunye lomgangatho wokufaka incindi konke oku kufuneka kushicilelwe phantsi ukuze mva kujongwe okokuba yonke into ihambe kakuhle na ngoko msebenzi. Konke okungaqhelekanga, okufana nokopha ngaphantsi kufuneka nako kushicilelwe phantsi.
Imazi ingaphinda imithiswe ngokufaka incindi ye nkunzi kwakhona xa isenobushushu okanaye isalungele ukumithiswa.

Translated by Zikhona Plaatjie