I-Vredefort kwi Sentyuri yama 20

© David Fleminger

Ummandla wase Vredefort

Emva kokuba kuphele iAnglo-Boer War yesibini, imo yezoshishino yabamaxongo kummandla wase Vredefort. Amafama amaninzi abuyela kwiintsimi ezimnyama luthuthu. Amakhulu-khulu amafama amhlophe ayehlwempuzekile. Ngelinge lokukhawulelana nale meko yalengingqi, uhrulumente waqulunqa amathuba emisebenzi aliqela. Iinkonzo zendlela zaphuculwa ngabasebenzi bakwalapha ekuhlaleni.
Ngomnyaka ka 1915 kwakhiwa ibhulorho phezu komlambo iVaal River e Parys. Iziporo zikaloliwe zandiswa. Kwakhiwa imizi mveliso. Indlela zokunkcenkceshela zakhiwa (Ezifana neVaal Dam kunye ne Barrage). Kancinci kancinci, immo yabangcono lwaze noshishino lwezolimo lwachuma. Namhlanje iParys yenye yezona ngingqi ziphuhlileyo kwezolimo. Le dolophu ivelisa umbona, icuba, amandongomane, sunflowers kunye neenkomo. Ukhenketho nalo yenye yendlela zokungenisa imali kulommandla.

I-Spectra so Calu-calulo

Isentyuri yama 20 nayo yeza ne specter socalu-calulo (apartheid), kwaye abasebenzi basefama abamnyama babanaxesha elinzima kakhulu. Elinye ibali elichukumisayo libandakanya abantu base Machaviestad, kufuphi ne Potchefstroom.
Abahlali base Machaviestad (bayingxenye yohlwanga lwe Barolong) babehlala khona ukusukela kwiminyaka yoo 1840, ngethuba uAndries Potgieter ‘ebanika’ lomhlaba. Kwathi kubayiminyaka yoo 1920, abe amafama amhlophe sele ekruqukile linani elandayo lwabantu abamnyama kwindawo yawo. Iinzame ezininzi zenziwa ukuba bafuduswe. Abarolong babetha ngenyawo phantsi, bala ukufuduka.

Ukufuduswa Ngenkani

Ekugqibeleni,ngomnyaka ka 1971, uhrulumente kunye ne Potch Town Council babagrogrisa ngokubafudusa ngekani. Uhlanga lwe Barolong lwanikezela, baze bafuduselwa e Rooigrond kufuphi nase Mafikeng, kwikhaya lohlanga lwaba Bophuthatswana. Balwa iminyaka engama 30 bezama ukubanga umhlaba wabo wase Machaviestad, kodwa babuya nelize.
Ngovuyo, emva konyulo lika wonke wonke ngomnyaka ka 1994, umba womhlaba wase Machaviestad waphinda wavuswa. Kweli ityeli kwavunyelwana ukuba icouncil izakuwuthenga lomhlaba kubaniniwo abakhoyo (abamhlophe) ze uphindiselwe kubantu bohlanga lwe Barolong. Ngomhla wama 28 Apreli 1995, sele kugqithe unyaka emva konyulo, iintsapho zokuqala ezingama 110 zabuyela eMachaviestad.

Translated by Zizipho Silwana