iTrellising

Inkcazelo nge Trellising

©Louise Brodie

Umthi womdiliya sisityalo esinwenwayo ukukhula. Ubuchule be trellis kufanele busetyenziswe ukuze kuphunyezwe isivuno esiphezulu sentsimi yomdiliya we wayini. Okanye ukuvelisa imveliso esemgangathweni ophezulu nokwenza lulo ulimo lwentsimi yomdiliya we wayini. Imivuzo ye trellis iquka ukungena kokukhanya okwaneleyo emithini nokuphucuka kwendlela ethwala ngayo isivuno.

Oku kukhokelela ekwandeni kwamagqabi. Ikwancedisa nasekulimeni kubelula. Ukusebenzisa ukukhanya kwelanga kangangoko kubalulekile. Amagqabi amakhulu ancedisa kwi photosynthesis. Ukwenza imiqolo ejongisa emntla-ntshona kokona kwenza ilanga likhanye ngcono, kodwa kwingingqi efudumele kakhulu oku kusenokuba nobungozi bokonakalisa.

Zahlukile iintlobo zobuchule be trellis ezisetyenziswayo kolushishino. Ekulimeni imidiliya ye wayini indidi ezisetyenziswayo zezi zine: ipergola, ihedge, imechanical kunye nezinye. Ubuchule be trellis obusetyenziselwa imidiliya yokutyiwa buvamise ukubaphezulu kuba zidinga umsebenzi omninzi wezandla ngoko ke kufuneka benzelwe ukuba abasebenzi bakwazi ukuhamba hamba phantsi kwayo.

Ubukhulu be trellis buxhomekeke kubungakanani be wayini obufunwayo: Kwakhiwa eziphakathi ukuya kwezincinci itrellis xa kuveliswa imidiliya ekumgangatho ophezulu nesivuno esincinci kwimo zezulu ezipholileyo.

Ze ibe zi trellis ezinkulu ukuvelisa iwayini eninzi kwimo zezulu ezifudumeleyo. Eyona mpazamo iqhelekileyo ethi yenziwe kukwakha itrellis encinci kakhulu exabisa kancinci nengazukwazi ukumela namandla okukhula kwemithi.

Ukwakha Ubuchule be Trellis

©Louise Brodie

Emveni kwamalungiselelo omhlaba nokutyalwa kwemithi yemidiliya, kuyakwazeka ukuqala ukwakha ubuchule be trellis. Oku ngcono kukuqala kufakwe iipali kwandulwe ukutyalwa imithana. Iipali zomthi nezecingo azisoloko zifumaneka ngoko ke kufuneka zi odwe kwangethuba.

eMzantsi Afrika, iipali ezikhethekileyo zomthi (pressure treated) zezona zisetyenziswayo eMzantsi Afrika. Kulemihla kukho isimbo sokuzicwezela ezipali. Abanye abavelisi sebeqalise ukusebenzisa iipali ezenziwe nge samente enamatyana (concrete), iplastiki okanye ngentsimbi. Imingcxuma iqale iphawulwe emva koko ezipali zibotshwe ze zigrunjelwe.

Apho imimoya ibhudlayo, iipali kufuneka zigrunjelwe emingxunyeni enzulu. Eyona njongo yoku kukubophelela ezipali zingawi namacingo angabiyekeyeke. Ibloko ye concrete okanye ipali yentsimbu ifakwa kwimihlaba enamatye.

Emva kokuba yonke imingxunya igrunjelwe ezipali, kungaqaliswe ukufakwa iipali zemiqolo engaphandle kuqala. Ipali ebambayo ifakwa ekupheleni komqolo kwaye ivamise ukufakwa ijonge ngaphandle.

Ezi pali ze trellis kufanele zityalwe zibebunzulu obuphakathi kwama 45cm-60cm; ze umgama phakathu ungadluli kwi mitha ezisi 7. Ukuze kubelula ukulungiselela isigqumathelo ekuhambeni kwethuba, umcu we sigqumathelo (icingo) usetyenziswa ukuze amagqabi namasebe avele elangeni.

Lomcu we sigqumathelo ubotshelelwa ngamacingo afakwe emngxunyeni omncinci wepali okanye nge steypla (staple) kwaye akufanelanga atsalwe aqine kakhulu de kube kanti ezi pali zisekuqaleni nasekupheleni zibopheleleke kakuhle kuqala. Amacingo entsimbi kufanele abotshelelwe emva kwemini okanye xaku tshisa kuphela.

Oku kungakhusela amacingo ekutyibilikeni xa kutshisa. Amacingo amahlahla okanye we sigqumathelo ahlohlwa phakathi kwe pali ze trellis. Imithana yemidiliya namasebe abotshelelwa kulamacingo ukuze iibhantshi zemidiliya zivele kakuhle emoyeni nasekukhanyeni kwelanga.

Translated by Zizipho Silwana