iTillage

© Francois Viljoen Wineland
Here weeds are removed and soil leveled with a simple mulch finisher dragged behind a tractor.

iTillage kukuphehluzeliswa komhlaba wentsimi yemidiliya, kwaye uvamise ukuyanyaniswa nokuvunguzwa nokuphethula umhlaba. Iqinisekisa ucoceko ngaphezu komhlaba ojikeleze iingcambu kwaye isusa nokhula. Emva kwe tillage, umgquba ne manyore zivutyelwa emhlabeni.

Apha ekuhambeni kweminyaka abalimi baye besondela kwi minimum tillage. Ukukhathelelwa komhlaba kufuneka kuhlelwe ngendlela ukuze kukhuselwe ubume bomhlaba ekonakaleni. Ezi zilandelayo zezinye zezizathu ze tillage kwintsimi yomdiliya emva kokuba sele ilinyiwe. Ukususa ukhula: Ukula olukhulayo lusebenzisa amanzi nezinongo zomhlaba ezikhoyo nezenzelwe imithi yemidiliya.

Iingcambu zokhula oluninzi zikhula zibemalunga nama 15cm-40cm ubunzulu; obu bubunzulu obulingan ne ngcambu ezininzi zemithi yemidiliya. Ukukhulula umhlaba apho ulimo lwenze umhlaba waqina khona: Ukuhamba hamba kwe trekhthara kungawuqinisa umhlaba ze oku kwenze udodobalo kukukhula kwengcambu. iTillage ivunguza umhlaba ukuze umoya ungene kakuhle.

Ukonga amanzi angaphantsi komhlaba: Amanzi awatshi msinya kumhlaba ongaqinanga kwaye itillage yenza kubelula ukuba amanzi atshone xa kunetha imvula okanye xa kunkcenkceshelwa. iTillage ilungiselela umhlaba wokuhlwayela imbewu yokutyalwa kwezityalo zokusitha. iTillage ingenisa imoya emhlabeni: Izityalo zokusitya, umgquba nezichumiso zivutyelwa ukuze zichumise izityalo.

Ikwhekeza zi microbes zomhlaba ukuze zenze ihumus (uhlobo oluthile lomgquba ovundileyo). Umoya ojikeleza kakuhle entsimini yemidiliya: Ukhula olude oluxineneyo lwenza kubenzima ukuba kungene umoya phakathi kwemithi yemidiliya. Oku kungenza le mithi ihlale imanzi ixesha elide. Oku kungenza kubelula ukuba ihlaselwe zizifo zokunguda.

Translated by Zizipho Silwana