iMinimum Tillage

© Francois Viljoen Wineland

Ngokuhamba kweminyaka, kubekho intshukumo ye minimum tillage kwintsimi zemidiliya. iMinimum tillage ayiwuphazamisi umhlaba ngezinto ezinkulu ezifakwa emasimini. Oku kunokuthetha ukuba umhlaba wonke onezityalo zokusitha utshiziwe waze wagangathwa kanye phambi kokuba imithi yemidiliya idubule.

iMinimum tillage isenokuthetha ukuba akuzuhlakulwa umhlaba ngemitshini ngaphantsi komhlaba okanye phakathi kwemithi, okanye ukhula lungasuswa nge rhenqe kuphela. Ikhemikhali ezilwa nokhula zingasetyenziswa endaweni yemitshini yokhula okanye eyezityalo zokusitha.

Uphando lufumanise ukuba iziphumo ze iminimum tillage, ibakukuphuhla kwe microbes zomhlaba kwindawo apho ungaphazanyiswanga khona ngaphantsi; ukodlula intsimi apho imiqolo yemithi ibicocwe khona. Kukwafunaniswe ukuba ukusetyenziswa kwezibulali zonakalisi kwenza umhlaba wome uqine apha ngaphezulu. Oku kuneziphumo ezibi kwindlela umhlaba olwa ngayo ukubola.

Translated by Zizipho Silwana