Grenache Noir

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

IGrenache noir luhlobo lomdiliya olunemisebenzi emininzi. Ingasetyenziswa ukuvelisa iwayini ebomvu, enencasa eswiti, ehlwahlwazayo nevundisiweyo. Akukho siqiniseko ngonozala wayo.

Imvelaphi

Lomdiliya kukrokreleka ukuba waqala ukukhukula e Carinena, e Aragon kumntla ntshona we Spain. UKusuka apho yanwenwela kumanye amazwe apho kwakusebuskhosini, kuquka iSardinia, Sicily nase Naples kunye Roussilon nase Corsia e France ngokunjalo, lendawo yayisakuba yinxalenye yalomandla.

Nge 18 Sentyuri, lomdiliya wawusewuzinzile e Languedoc, eMazantsi Rhone nase Provence. I phylloxera epidemic yasekupheleni kwe 19 Sentyuri nayo yathi yanceda ekukhuleni kwezityalo.

Amafama babethanda ukutshintsha izityalo ezonakeleyo bafake I Grenache endaweni yazo, kuba yona yayichuma kwaye kwakulula ukuyilondoloza. Ekuhambeni kwethuba lomdiliya ibengowona mdiliya utyalwa kakhulu, ingakumbi kwi Mediteranean nakwi ndawo ezingqongileyo.

Amanye Amagama

Maninzi amanye amagama ohlukileyo nabizwa ngawo lomdiliya, kuquka iAlicante eFrance, iGranaccia eItaly kunye ne Garnacha eSpain.

Imveliso eMzantsi Afrika

Akukho siqiniseko sokuba iGrenache yafika nini eMzantsi Afrika. Kukholeleka ukuba u James Busby, indoda yase Scotland ebonwa njengo “tata” weshishini le wayini e Australia, washiya esi sityalo apha ngethuba ehamba ngenqanawa ukusuka e Perpignan, France ukuya e Australia pha ngeminyaka ye 1830.

Yayisele isaziwa, ngethuba uprof Abraham Izak Perold wabonisa ubungqina ngo 1907 bokuba iGrenacha awayenze nayo e Rioja, eSpain ukuba iyafana ne Grenache noir yase Montpellier eFrance. IGrenache blanc kubonakala ukuba yafika eMzantsi Afrika ngeminyaka ye 1970, logama izixhobo zokutyala iGrenache Gris ziqale ukufumaneka pha ekupheleni kweminyaka ye 1990.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Imveliso yalo mdiliya isabaleka eMzantsi Afrika, kodwa oko ibikhula ithe chu kuleminyaka ilishuma igqithileyo. Phakathi ko 1999 no 2016, ingingqi ephantsi kwe Grenache blanc ikhule ngesibalo esisuka kwi 28ha ukuya kwi 110ha, logama leyo iphantsi kwe Genache noir ikhule ngesibalo esisuka kwi 42ha ukuya kwi 340ha.

Ingingqi ekhulisa iGrenache gris yona ihlale isezantsi, ibikade ingakhuliswa kwaphela, ze yaqala seyikhuliswa kumhlaba ongaphantsi nje kwe 3ha ngexesha elinye.

Zonke ifama ezityala iGrenache gris zise Paarl. IGrenache noir ifumaneka kuzo zonke indawo ezikhulisa imidiliya ye wayini kweli lizwe. I Swartland kunye ne Paarl ziphala phambili, ngesibalo esingapha kwesiqingatha somhlaba okhuliswa kuwo lomdiliya. Kukwanjalo nakwi Grenache blanc, ntonje yona ayityalwanga e Mntla Koloni.

Ukukhula

IGrenache noir iyachuma olohlotyana, ifanelwe zimo zezulu ezifudumileyo nezomileyo. Lomdiliya usenokuvelisa isivuno esikhulu, isivuno sawo singaphakathi kwe 15t/ha ukuya kwi 20t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ye Grenache noir ivuthwa phakathi kwixesha lokuvuna, ukuqala kwisiqingatha sokuqala sika Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya we Grenache noir aphakathi ngokomlinganiselo, arawndi ukuya ovali ukumila, nombala opinki ocacileyo ojika ube luhlaza-mnyama xa sele evuthiwe. Ixolo lomelele neyama yangaphakathi inamanzi amaninzi.

Amagqabi

Amagqabi ayamenyezela kwaye anombala omthubirha luhlaza. Imile okwe ntso kwaye unintsi lwawo lunekona ezintathu.

Izonakalisi nezifo

Lomdiliya uyakhawuleza ukufunyanwa sisifo sokungunda, nokubola. Isifo sokufelwa ngamasebe nay kusenobayingxaki.

Imisebenzi

Lomdiliya usetyenziswa kakhulu kwimixube yohobo lwe Rhône, udityaniswe ne Shiraz, iMourvèdre, Carignan kunye ne Cinsaut okanye uxutywe njenge wayini ye rosé ngohlobo lwe Provence okanye olwe Tavel, ivamise ukuxutywa nayo ne Cinsaut, Shiraz, Mourvèdre, Clairette, Grenache Blanc kunye ne Chenin blanc. Uninzi lwabavelisi be wayini seluqalile ukuvelisa iwayini ezinika umdla ezenziwe ngalomdiliya kuphela.

Incasa

Iwayini ezenziwe ngalomdiliya zikholisa ukuba nencasa nevumba yamaqunube ne zinambithisi eziqhwethayo.Translated by Zizipho Silwana