Gewurtztraminer

© Altydgedacht Vineyards

Inkcazelo

Gewürztraminer yadaleka ngokujika kwe Roter Traminer nengumdiliya we wayini ekhuliswa e Jamani e Sentyuri ezininzi. Lomdiliya i ‘Gewürtztraminer’ wakhethela ivumba layo lentyatyambo neleziqholo, kwaye yenye yezona ndidi zentyatyambo zibalulekileyo e Alsace, kwelase France. i ‘Gewürtz’ ithetha isiqholo kwaye eligama libhekisele kwincasa enkulu namavumb ezi wayini.

Imvelaphi

eJamani

Amanye Amagama

iGewürztraminer ikwaziwa njenge Roter Traminer ne Traminer (Jamani), iGentil Rose Aromatique (France) kunye ne Clevner.

Imveliso eMzantsi Afrika

Yaziswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1964, linanana nje elingama 106ha le Gewürtztraminer elityaliweyo. Uninzi lwalomdiliya lufumaneka e Stellenbosch (42ha) nase and Robertson (36ha). Ezona bloko zindala ekusatyalwe kuzo, zatyalwa ngomnyaka ka 1981 eZevenwacht. Ngumdiliya ongafane utyalwe, kongezwe nje I 1ha ngo 2016.

Ukukhula

Kunzima kakhulu ukuwukhulisa, iGewürtztraminer ithwala isivuno esincinci (10 – 12t/ha) kunye namagqabi akhula ashinyane njengokuba ikhula ime nkqo nje, ukuphungulwa kwamagqabi kuyafuneka ukuze ilanga libethe kakuhle, ukulungiselela ukuvuthwa kwemidiliya.

Ukuvuthwa

iGewürztraminer ivuthwa kwangethuba, ivuwa kwiveki yokuqala yenyanga ka Februwari.

Amagqabi

Amagqabi eGewürztraminer mancinci arawndi, ayinakona, kwaye achachambe kakhulu.

Amagaqa Omdiliya

Lomdiliya unebhantshi ezincinci zamagaqa amancinci, anamaxolo omeleleyo. Lamagaqa anombala obomvu oxwebileyo xasele evuthiwe.

Izonakalisi Nezifo

Ichaphazeleka lula kukungunda (downy mildew) ne oidium kwaye ingonakaliswa nazintaka ne qabaka ngenxa yomagqabi akhawleza antshule ebusika nokuvuthwa msinya.

Imisebenzi

iGewürztraminer ivelisa iwayini ezimhlophe ezinevumba elipholileyo. Ikakhulu uhlobo oluswitana ukuya kolu switi kakhulu, kodwa ikakhulu njenge wayini e dry.

Incasa

Gewürtztraminer inencasa ecacileyo yentyatyambo irose petal, ivamise nokuba nayo nevumba le lychee. Kunye neqondo le asidi elisezantsi, le wayini inamavumba ahlukeneyo, nencasa ezichazwa njengeyo keyki yobusi, iTurkish Delight okanye ijinja. Xa iveliswe kwingingqi ezipholileyo, eziwayini zingabonakalisa incasa engqindilili ye Muscat neziqholo logama iwayini eyenziwe ngemidiliya evuthwe kakhulu zingahraxa kwaye zibene phenolic, de zibenencasana ye paynapile.Translated by Zizipho Silwana