Gamay Noir

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Gamay noir ngumdiliya omnyama wokwenza iwayini, osetyenziswa ukuvelisa iwayini eziseleka lula zase tafileni. Yaveliswa ngokuditywaniswa iPinot noir kunye nomdiliya wamandulo, iGouais blanc.

Imvelaphi

IGamay noir ludidi oludala olusuka eBurgandy nolwathi lwayekiswa ngu Philip, inkosi yase Burgundy, ngo 1395 kuba isoyikisela ukumosheka kwegama lalengingqi ekwenzeni iwayini ezikwizinga eliphezulu, ingakumbi iPinot noir. Amafama alengingqi ayetyala kakhulu iGamay noir endaweni ye Pinot noir, kuba I Gamay noir le yayithwala isivuno esikhulu kwaye kulula ukuyikhulisa.

Ukuyekiswa kwalomdiliya ukukhuliswa kwasindisa ekugcineni igama lalengingqi lilihle. Kodwa oku kwadala ukuba indlala igqube ngamandla. Amafama bakwi ngingqi ye Beaujolais, kumazantsi eBurgundy, abazange bachatshazelwe koku. Baze baqhubeka nokuvelisa iGamay noir.

Lomdiliya waphetha uyifanele lengingqi, de kwaphela ibangowona mdiliya ubomvu ukhuliswayo e Beaujolais ukusukela kwi centyuri 17. Lomdiliya wafumana udumo ngaphandle kwalengingqi ngeminyaka yo 1980. Abavelisi bebeka iwayini ezitendini ngosuku nje emva kokuvunwa kwawo. Ukusukela ngoko udumo lwalomdiliya lwehlile, kodwa abavelisi baphendule ngokuthi benze iwayini ze Gamay noir ezikwizinga eliphezulu.

Amanye Amagama

Ama French asebenzisa izithetha ntonye i Gamay noir à jus blanc ukuyahlula phakathi kwezinye iindidi ze Gamai.

Imveliso eMzantsi Afrika

Lomdiliya awulibonanga elidlalayo kwi Cinsaut noir, kuba yona ithembekile kwaye ithwala isivuno esikhulu nangakumbi.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Ingingqi ephantsi kwe Gamay noir eMzantsi Afrika yehle yangaphantsi kwe 10 ha ngo 2016. Phantse zonke ezi zityalo zise Stellenbosch.

Ukukhula

Lomdiliya uyachuma olohlotyana. Izityalo ezitsha zichumile, kwaye zibanesivuno esiba phakathi kwe 12t/ha ukuya kwi 15t/ha

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa kwangethuba ekuqalen kwexesha lokuvuna, ukuqala kwisiqingatha sokuqala sika Februwari.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa alomdiliya mancinci, arawnd kwaye anombala omfusa buku luhlaza wasibhakabhaka.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
Amagqabi aphakathi ngokomlinganiselo, avamise ukuba nekona ezintathu kwaye anombala oluhlaza ocacileyo.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya ungenwa lula zizifo zokungunda, kuquka ukungunda okuphuqekayo, nokubola.

Imisebenzi

EMzantsi Afrika isetyenziswa ukwenza iwayini eyenziwe ngohlobo olunye lomdiliya okanye imixube engekho shoqololo, idityaniswe nemidiliya efana ne Zinfandel, Tempranillo, Pinot noir kunye ne Riesling.

Incasa

Uninzi lwencasa yale wayini luphuma kwivumba lwayo lwentyatyambo neziqhamo, namasuntswana eziqhamo ezifana ne plam, amaqunube abomvu, kunye nentyatyambo ezifana ne vayoleti.Translated by Zizipho Silwana