Flame Lily
iFlame Lily yase Afrika

© Graham Cooke

Igama

iFlame Lily yase Afrika

Igama lesi Latin

Gloriosa Superba

Inkangeleko

Isityalo ezinyukayo esinamagqabi amenyezelayo anencam ejijekileyo egobekela emahlahleni akufuphi, ngalendlela esi sityalo singasebenzisa ezinye ukoyama. Esi sityalo sikhula kwingqakumba ephantsi komhlaba, kwaye iyakwazi ukuphila nakwi xesha elomileyo lokunqongophala kwemvula. Iziqu zayo ziyafa tuu emva kokupha zivelise iziqhamo. Intyatyambo yesisityalo inwebekile kwaye inombala onga ngumlilo.

Amagqabi wentyatyambo agudile apha emacaleni aze agobele ngasemva. Xa eme ngoluhlobo akhangeleka okwe kheyji. Umbala wale ntyatyambo yehlukile ukuqala ku luhlaza omthubirha ukuya kubomvu oqaqambileyo ize ijikelezwe ngumbala oomthubi. I Flame Lily ikhula ifikelele kubude obuyi yi 1 m.

Apho ikhula khona

IFlame Lily ikhula phezu kwamatye okanye amahlahla amafutshane. Ichuma kwi ndawo ezinengca (savanna) ezifana nempuma yo Mzantsi Afrika ukuya e Zimbabwe nase mpuma Afrika. Ikhula kwi Phondo loMntla koloni nase Kruger National Park.

Amanqaku asendle

IFlame Lily yintyatyambo yesizwe yase Zimbabwe kwaye ipini yedayimani ayakhiwe okwe Flame Lily yathi yanikwa Inkosazana (Eyi Kumkanikazi ngoku) Elizabeth ngethuba etyelele e Zimbabw ngo 1947. Le ntyatyambo ibonwa njengefunxa amanzi neyingozi kwezinye kumhlaba wase Australia nalapho inwenwe ngamandla. Esi sityalo sinethyefu kwaye sibulala imfuyo eninzi minyaka le.