Ezinye Iintlobo zeeHagu

iKolbroek

©Jens-Birger Gielbelmann of Zenzele Farm
Ihagu yohlobo lwe Kolbroek, luhlobo lwalapha eMzantsi Afrika. Luninz uqikelelo malunga nemvelaphi yalehagu, kunye nentsusa yegama layo. Bambi bathi eligama libhekisele kumachokoza ale hagu, kuba eligama lolwimi lithi “Kolbroek” ngolwimi lwe Afrikaans lithetha “Iblukhwe enamachokoza ngesiXhosa.
Le ndidid ilungele kanye imveliso yaphandle, kuba yomelele, ayinazimfuno zininzi, iyakazwi ukuziphandela ukutya kwaye ingaphila ngokutya okuncinci kakhulu. Ngokwe ncwadi ka David Visser, ethi Modern Pig Production, ezi hagu zitya nantoni na etyekayo. Isenokuba sisiqhamo esiwileyo emthini, iintsalela zemifuno ezisuka kwigumbi lokutyela, okanye imvuthuluka yezityalo esuka esitiyeni. Izikhumba zazo ezimnyama ziyazikhusela ekutshisweni lilanga, ngoko ke azikho semngciphekweni wokutshiswa lilanga njengeentlobo ezimhlophe.
Iimazi zizimathele kwaye zibangoomama abalungileyo kumantshontsho azo. Zizala amantshontsho aphakathi kwesi 6 kunye nesi 9. Xa kudityaniswe iimazi ze Duroc okanye eze Large kuphuma amantshontsho akhawulezayo ukukhula, nacola msinyane ukutya esiswini. Umgangatho wenyama nawo uyaphucuka.
Inyama yehagu yohlobo lwe Kolbroek ayithandwa ngabantu abaninzi ngenxa yendlela eyiyo kwakunye nokunyenjwa kwayo. Kodwa sele ikhula imakethi yabathengi abathenga lenyama, ukusukela kwabo bayithengela ukuyipheka njengesiqhelo, kunye nabo bathenga inyama enophawu lwe free range.

iPiètrain

©Liezel Grobler, SA Stud Book
The Piètrain are primarily crossed with other breeds to improve meat yield.
Lehagu imhlophe inamachokoza amnyama ngombala nephakathana ngokomlinganiselo, yaqala ukubakho kwilali yase Piètrain, kwilizwe lase Belgium. Inemilenze emifutshane kunee ndidi ezininzi zeehagu, kwaye inkulu yaze yanomqolo ovulekileyo. Uboya bayo obumnyama abumnyamanga kakhulu njengezinye iintlobo ezimnyama okanye ezinamachokoza amnyama.
IiPietrains zaqala ukuziswa eMzantsi Afrika ngomnyaka ka 1997. Iinkunzi ziyomelela kwaye zikulungela ukukhwela zivelise amanye amantshontsho, xa zineenyanga ezisibhozo. Ubukhulu becala zidityaniswa nezinye iintlobo ukuze kuphucuke umgangatho wenyama. Iimazi ke zona, nangona zizala amantshontsho aliqela zivamise ukungakwazi ncam ukukhathalela amantshontsho azo.

iLarge Black

©Liezel Grobler
There are hardly any purebred Large Black pigs still available.
iLarge Black ihagu enkulu emnyama umzimba wonke, eneendlebe ezinkulu, yaqala ukubakhona kwinkampani ebizwa nge Old English Hog. Lenkampani yasekwa ngeminyaka yeesentyuri ze 16 kunye ne ze 17. Yaqala ukuziswa eMzantsi Afrika ngeminyaka yoo1910, kwaye yayiyeyona ntlobo ixhaphakileyo nethandwayo kweli lizwe de kwafika iintlobo zehagu ezimhlophe ezi phuculweyo. Kunqabile ukufane ufumane iintlobo zalehagu ezingangxengwanga nezinye kweli lizwe.
Le hagu ilungele iimveliso zaphandle, kuba yomelele, ayisokolisi kwaye iyakwazi ukuziphandela ukutya. Ayitshiswa msinya lilanga. Iimazi zizimathele, zizala amantshontsho aliqela kwaye ziyakwazi ukukhathalela amantshontsho azo. Ziyehlisa kakhulu, kwaye zinakho ukuncancisa zoneze amantshontsho azo onke.
Apha eminyakeni, inyama yalehagu ihambe ayacaceleka ngenxa yesikhumba sayo esimnyama. Kwaye isikhumba sayo esimnyama senze ukuba ingacaceleki mpela kubavelisi be bacon. Lisekhona ke iqaqobana labantu abathanda ukuthenga kanye yona lehagu iloluhlobo.

iHampshire

©Joy Schoenberger
The Hampshire has lost favour because of it carrying a gene that negatively affects meat quality.
iHampshire yaphuma kwiintlobo zehagu zamaNgesi. Yihafu emnyama enesikhumba noboya obumhlophe obujikeleze amagxa, maxa wambi lombala uye uhambe uyokufika nasemanqineni angaphambili. Intamo yalehagu inde kunezinye iihagu ezenzelwe ukuthengiswa.
Lehagu yaqala ukuziswa eMzantsi Afrika ngeminyaka yoo 1980, ukuze idityaniswe neezinye iintlobo. Nangona isekhona kwiifama ezininzi zase Melika, lentlobo yehagu ayisacacelekanga kumazwe ase Europe, Canada nkqu nase Mzantsi Afrika. Oku kungenxa yombala wesikhumba sayo esimnyama, kwaye umgangatho wenyama yayo awukho phezulu.

Translated by Zizipho Silwana