Ezinye Iingxaki Zocoleko kwiiHagu

Ukuqunjelwa

Ukuqunjelwa kuvamise ukuhlasela iihagu esele zimithele ukuzala. Iimpawu ziquka ilindle elomileyo noluqinileyo, isifombo okanye iihagu zincwine zintlungu xa zisiya ngasese zibe zingakhuphi nto okanye zikhuphe amasuntswana.
Unyango
Ukuqunjelwa kungathintelwa ngokunyusa ifaybha ekutyeni. Kwiiveki ezimbalwa ngaphambi kokuzala, ondla iihagu ngokutya okuluhlaza kunye okanye ne bran. Ukutya oku loluhlobo kungathintela iimazi ekubeni zingaqunjelwa. Kufuneka kuqinisekiswe ukuba iihagu zihlala zikwazi ukufikelela emanzini ngokwaneleyo.
Umbutho oyi The American Pig Association ucebisa ukuba amafama anyange iihagu eziqunjelweyo ngokuzinika umxube onesiqingatha se apile, iprune okanye ijusi ye cranberry kunye namanzi angama ¾. Kuyanceda nokugalela amathanga okanye iziqhamo ekutyeni.

Ukungahlali Kakuhle kweZiphakathi

©Glenneis Kriel
Ukungahlali kakuhle kweziphakathi kungenzeka nokuba ihagu ingakanani ubudala, kodwwa oku kuvamise ukwenzeka emva kokuzala okanye kumantshontsho xa enobunzima onungama 25 kg kunye nama100 kg. Amathumbu amantshontsho ehagu anokusuka esihlalweni okanye ajijane ukuba ziyahambisa kakhulu.
Iihagu ezichaphazelekileyo zivamisa ukuba nezisu ezidumbileyo, kungade kukrobe negolo ngaphandle. Lo ndawo ichaphazelekileyo isenokudumba okanye igqabhuke, nto leyo inokukhokelela kwingqaqambo, ukothuko kunye nokubhubha ngesiquphe. Ngethuba kuhlolwa unobangela wokufa, umphakathi ochaphazelekileyo, novamise ukuba yinyongo, isisu okanye isibindi uzakuduba kwaye kuzakubakho negazi apha esiswini.
Ngokubhalwe kwi NADIS Animal Health Skills, ukungahlali ngendlela kweziphakathi kunokubangwa kukutya ngokugqithisileyo, ukondliwa ngokutya okumanzi, ukungatyiswa ngamaxesha afanayo, nokutya okuqine kakhulu okanye icolitis.
Unyango
Ulawulo olu lungileyo lokutya kweehagu kunokuthintela ukusuka esihlalweni kweziphakathi zehagu. Ukuthintela ukusuka esihlalweni kweziphakathi, umkhomba ndlela wemveliso, Pigs for Profit obhalwe ngumbutho oyi South African Pork Producers Organisation, ucebisa ukuba kungathintelwa ukusuka esihlalweni kweziphakathi ngokuthi kondliwe iihagu kathathu ngemini. Oku kunciphisa ukuvuya okugqithisileyo ngamaxesha okutya, kwaye kunganceda iimazi zihlale zizolile. Akulunganga nokuba iimazi zixhuma xhume gqitha xa zisandula kuzala.
Utyatyazo kufuneka lunyangwe kwaye lukhuselwe ngokukhawuleza, lungekade lwenze umonakalo.

Ukuphuma kweGolo Ngaphandle

Igolo lingakroba ngaphandle ezimpundwini zehagu. Esi simo sidla ngokubonakala kwiihagu eziselula. Ngokubhalwe kwi Pig for Profit, esi simo sisenokubangelwa luxinzelelo olungaphakathi esiswini. Olu xinzelelo lungabangelwa kukucukana kwamantshontsho amaninzi endaweni enye ngexesha lasebusika. Iityhefu ezifana ne mycotoxins, nezibangelwa kukungunda kokutya kungayenza ukuba ihagu iphunyelwe ligolo ngaphandle.
Unyango
Iihagu ezichaphazelekileyo kufuneka zibekelwe bucala kwaye ziphiwe ukutya okumanzi ukuba kukhona. iPigs for Profit ilumkisa amafama ukuba angazami ukulisusa okanye alibuyisele ngaphakathi eligolo livele ngaphandle: “Livamise ukuvela ngaphandle, kodwa ube ukhona umngxunyana wokukhupha ilindle.” Ubunzima behagu xa sele ixheliwe buzakuchaphazeleka xa ihagu ixhelwe inesi sigulo.

Translated by Zizipho Silwana