Iingxaki Zesikhumba seeHagu – Ezinye Iincukuthu Zangaphandle

© Glenneis Kriel

Imikhanzi

Imikhanzi ingahlala kwindlwana zeehagu, iinkunzi zehagu okanye amakhaya abantu, logama iincukuthu eziqinileyo zifumaneka emadlelweni. Ziphuma ebusuku ze zifunxe igazi lehagu, abantu nezinye izilwanyana. Apha emini, zizimela kwindawo ezichachambileyo okanye ngaphantsi komhlaba. Aziphelelanga ekwenzeni igazi lingoneli emzimbeni nokutyabuka, konke oko kungenza kubenzima ukutya kwenze usuleleko lwesibini, kodwa zingakhona ezizisa i-African Swine fever.
uNyango
Unyango lwee hagu alonelanga, indawo yazo yokuhlala, kufuneka zitshatyalaliswe iintsholongwane zicocwe. Cela lowo usebenza ngezi lwanyane okanye ugqirha wezilwanyane okokuba akucebise ngohlelo lonyango kwaye ugcine iihagu zivalelekile kude nee ngulube nezinye izilwanyana ezingazisa iintwala.

Izinambuzane

Izinambuzane azidiki nje kuphela, kodwa zingaphatha izifo zenze usuleleko. Iimpukane okanye izinambuzane ezingena bungozi zincinci kwaye ziphile kwimifuno ebolileyo, umanyora okanye ubulongwe. Zihlala kwiihagu, zifunza igazi, kwaye zingayi hambisa i-African Swine fever Phakathi kwee hagu.
Izinambuzane ezaziwa ngokuba zi blowflies ziphakathi ukuya bukhulu ngamanye amaxesha ziya khazimla ngombala blue okanye oluhlaza. Zizalela ebulongweni nalapho kukho khona izinto ezibolileyo, ku quka izilwanyane ezifileyo, zitya emanxebeni ehagu kwaye zenza izilonda zinga pholi.
Izinambuzane zase ndlini zine nwele kwaye ziphakathi ngoko mlinganiselo. Zitya ubulongwe, ezisaphilayo kunye nezibolayo kwaye zihambisa izifo phathi kwehagu.
uNyango
Usuleleko lwezinambuzane kufuneka luthintelwe ngokuthi kugcinwe indawo icocekile apho kuveliswa khona iihagu kuqinisekiswe okokuba azikho iindawo zemveliso ngakwi ndlwana. Kwi qela le South African Pork Producers Organisation incwadi ethi ‘ Pigs for profit ‘ kucetyiswa amafama asebenzise izithsuthsuzi emanxebeni ngoku gxotha izinambuzane okanye kogqunywe amanxeba nge vaselina ukuze akhuseleke kwizinambuzane. Ukuxhoma amagqabi omileyo, imicwe ye plastiki okanye ilaphu elenza umthunzi linganceda ukugcina izinambuzane kude kwiihagu.

Iimbuzane

Iimbuzane zizi nambuzane ezincinci ezixhumayo. Logama izinambuzane zingahlali zizisa izifo, xa zininzi zingenza igazi libe lincinci emzimbeni kuba zitya igazi leehagu. Zizifihla kwindawo eziqhekekileyo apho kuhlala iihagu okanye esantini.
uNyango
Dibana nalowo usebenza ngempilo yezilwanyane okanye ugqirha wezilwanyane malunga nediphu okanye umgubo onokuwusebenzisa ugcine iihagu zikude kwezinye izilwanyane, ezifana nezilwanyane zase khaya ezinokuzisa iimbuzane.

Translated by Zikhona Plaatjie