Damara Tern

© Shem Compion

Igama

iDamara Tern

Igama lesi Latin

Sterna balaenarum

Usapho

Rynchopidae

Ubude

23 cm

Intlalo

Amaqela amancinci kunxweme lwe Atlantic,litya kude nase nyeleni.

Isikhalo sentaka

Isandi sayo ngu 'tsit-tit' okrasayo nophindwa-phindwa kaninizi. Kunye nesandi esithi 'tit-tit'.

Ukuzala

Zizala kumanxweme e Namibiya nakufuphi ne Table Bay, Isandula kubonwa ngapha kwe Rocky Point, ukuya kutsho e Cunene. Izalela ezidulini sesanti nasemihlabeni ene grabile, kumgama ofikelela ku 1-5 km ukusuka elwandle. Iqanda liba 1-2 mhlotshana.

Inkangeleko yamantshontsho

Intshontsho linamaphawu abuku mdaka ngebala apha ezimpikweni.

Inkangeleko yezindala

Inomzinjana omncinci nentloko emnyama apha ebuchotsheni. Lombala ubonakalisa ukuba iyakwazi ukuzala. Maxa wambi iyohluka kwi Little Tern ngobude, nokugobeka kancinci komlomo nomhlana ongwevu, ukumila komzimba kubukutyeba, xa ijongelwe kude ikhangeleja imhlophe. Ezingazaleliyo iintaka zinebunzi elimhlophe nentloko emhlophe yonke.

Isibalo

Ayixhaphakanga

Apho ifumaneka khona

Ibakho kuphela kumanxweme oMzantsi Ntshona we Afrika nase Koloni. Iwashiya amanxweme ethu olwandle ngeyeKhala.