Colombar

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

I-Colombar ludidi olumhlophe lwesiselo somdiliya esaziwa ngemveliso yeziselo zomdiliya ezibilisiweyo ezifana ne-branti kunye ne-khonyak. Iyeyona ntlobo etyalwa kakhulu e-Mzantsi Afrika kwaye yenziwe ngokudibanisa iChenin blanc kunye ne Heunisch Weiss (eyaziwa njenge Gouias blanc).

Imvelaphi

Iphuma e-Bordeaux eFrance. Oludidi, pha kwiminyaka ye-1970’s, lwaphelelwa yincasa eFrance, lonto yaphumela ngaphezu kwesiqingatha yezityalo yaso zihluthiwe emhlabeni.

Amanyeamagama

Bon-blanc, Colombard, Colombier (France), French Colombard (Khalifoniya).

Imveliso e-MzantsiAfrika

Apha e-Mzantsi Afrika ityalwe ukusuka kwiminyaka ye-1920s, futhi yayisetyenziswa njengo ndoqo wesiselo somdiliya kwimveliso ye-branti ukufika pha kwiminyaka ye-1970’s, apho abadiliyi base Kapa bafumana ukuba ingasetyenziswa nakwi mveliso yeziselo zomdiliya ezimnandi kakhulu.

Indawo Yemveliso

Oludidi luphuma bhetele kumanqanaba ashushu emozulu. Ityalwe kuzo zonke iindawo zemveliso yesiselo somdiliya apha e-Mzantsi Afrika, umlambo wase Olifant, eMntla Kapa, eRobertson kunye nase Breedekloof zizibala njengezona ndawo ezinkulu kwimveliso yeziselo zomdiliya.

Ukukhula

Ikhula ngamanda kakhulu, inomlinganiselo osuka pha kwi hektare eziyi 15t/ ukuya kwezi 20t. Isivuno esininzi siyafumaneka kweminye imimandla.

Ukuvuthwa

Idiliya zivuthwa pha ekupheleni komphakathi wesizini, ukusuka kwisiqingatha sokuqala kweyo Kwindla.

Amaqunube

Amaqunube anxazonke, aphakathi ngesiqu abelubhelu luhlaza, abambala omfusa xa sele evuthiwe. Isikhumba sinqinile kwaye siqinile, wona umphakathi unzima, une jusi, aphinde abenamazinga aphezulu we asidi xa evuthiwe.

Amagqabi

Amagqabi amnyama luhlaza, aphakathi ngesiqu, anxazonke aphinde akhiwe oku kwe-sintso.

Izinambuzanene Zifo

Oludidi lusengozini kumonakalo womoya, nakwixesha lokuvuna, nakwiqabaka yase ntwasahlobo. Liyakwazi ukumelana ne-bortytis, ixoshombe elintofontofo kunye nelinomgubo. Iziphumo ezingcono zifumaneka xa idiliya igqityiwe.

Intsebenziso

Ingasetyenziswa kwimveliso yohlobo olulodwa lwewayini, ezibilisiweyo, ezifana ne-branti, iwayini ehlwahlwazayo kunye newayini edityanisiweyo.

Incasa

Oludidi luvelisa ibranti ebhethele kunye newayini enencasa yeziqhamo.Translated by Aviwe Damane