Cinsaut

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

ICinsaut noir ngumdiliya we wayini osetyenzisa kakhulu ukuvelisa iwayini ezibomvu kunye neze rosé, kodwa uyasetyenziswa nasekwenzeni I branti ne port. Intlolo ye DNA ibonakalise ukuba kusenokwenzeka ukuba yinzala ye Rivairenc. Unozala wayo ke akukho siqinisekiso naye.

Imvelaphi

ICinsaut noir ludidi ulusuka e Mediterranea. Iveliswe kumazantsi e France, ingakumbi kwingingqi ye-anguedoc-Rousillon, ukusukela esiphakathini seminyaka ye 1600, yayiqale yasetyenziswa njengomxube odityaniswa neminye imidiliya ukuvelisa iwayini.

Amanye Amagama

Inothotho lwamanye amagama, i Cinsault lelona gama layo lesibini elisetyenziswayo. Yayisaziwa njene Hermitage eMzantsi Afrika, de ngo 1927 u Dr Abraham Izak Perold we Dyunivesithi yase Stellenbosch wabonisa ubungqina bokuba lomdiliya ludidi olunye ne Cinsaut noir yakumzantsi France.

Imveliso eMzantsi Afrika

Lomdiliya uveliswe apha eMzantsi Afrika ukusuka ngeminyaka ye 1850 ukuya kwiminyaka ye 1960, waye waba ngowona mdiliya usetyenziswayo kwezoshishino lwe wayini ebomvu. Oku kungenxa yokukwazi kwawo uvelisa isivuno esikhulu. Ekuqaleni oludidi lwalusetyenziswa ukuvelisa iwayini ezisisixa, kwathi emva kwethuba lomdiliya wasetyenziselwa ukuvelisa ezinye zemixube ephezulu ye wayini eMzantsi Afrika. Ixesha elide lomdiliya ubomvu wawuyeyona ndidi ityalwa kakhulu. Ngo 1976 yayinomlinganiselo ongapha kwesithandathu se fama ze wayini xa ithelekiswa nezinye indidi ezibomvu. Naxa kunjalo oludidi lwayeka ukuthandwa ngeminyaka ye 1990, kuba abavelisi be wayini babekhuthalele ukuvelisa iwayini ezikumgangatho ophezulu. Oku kwabangela ukuba iCabernet Sauvignon, Shiraz kunye ne Pinotage zodlule iCinsaut noir kwisikhundla sayo sokuba ngowona mdiliya utyalwa kakhulu. Lomdiliya uphinde wanika umtsalane kuleminyak imbalwa igqithiliye, njengoko isizululwana esitsha sabavelisi be wayini saqala ukuzama indlela ezintsha zokuvelisa I wayini ze Cinsaut. Babonakalisa ubungqina bokuba lomdiliya unganakho ukukhuba I wayini ezikwizinga eliphezulu xa uphethwe ngendlela efanelekileyo. Nangona kunjalo ingingqi apho omdiliya utyalwa khona uyaqhubeleka nokwehla. Namhlanje I Cinsaut ithathe ipesenti engaphantsi kwesibini, yomhlaba ekutyalwa kuyo imidiliya. Ngonyaka ka 1925, yaxutywa ne Pinot Noir ukuvelisa udidi olwahlukileyo lwase Mzantsi Afrika. Ulididi lwaze lwabizwa nge Pinotage.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

IPaarl kunye ne Breedekloof zinezona ngingqi zinkulu eziphantsi kwemveliso yeCinsaut noir. Zilandelwe yi Swartland, apho ithiywe ngegama eliyi “Pint noir” ngenxa ye wayini ezikwizinga ezikwizinga eliphezulu ezenziwa ngalomdiliya kulengingqi.

Ukukhula

Lo mdiliya uyachuma olohlotyana, isityalo sawo siyanaba kwaye sinamagqabi epece-pece. Isenikukhuliselwa kunoxhaka owenziwe ngecingo okanye ebufuku-fukwini betyholo. Inesivuno esikhulu, esiqala kwi 16t/ha ukuya kwi 20t/ha, kodwa inani elilinywayo kufuneka lincitshiswe ukuba kufunuwa ukuvelisa iwayini yomgangatho.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa phakathi ngethuba lokuvunwa, ukuqala kwisiqingatha sokuqala sika Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa alomdiliya makhulu kunamanye weminye imidiliya ebomvu. Anombala oluhlaza wesibhaka bhaka ocacilyo/ onfusa. Ingakumbi xa ekhuliswe kumhlaba ochumileyo. Abamnyaba nangakumbi, de abengathi amnyama xa ekhuliswe kwindawo ezingakuthinteliyo ukukhula kwawo. Ixolo liqinile kwaye lomelele, logama inyama yawo inamanzi amaninzi.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
Amagqabi arawndi, anekona ezintlanu kwaye anombala oluhlaza okhanyayo ukuya kophakathi

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya awufuni kutshiswa lilanga nobushushu obuninzi bungabangela amagaqa ukuba aqhekeke.

Imisebenzi

Lomdiliya usetyenziselwa ukuvelisa iwayini ezenziwe ngohlobo olunye lomdiliya, ikakhulu usetyenziswa ukongeza ukuthamba nencasa kwimixube efana ne Carignan, Shiraz kunye ne Grenache.

Incasa

Lomdiliya uvelisa iwayini ezinevuma elipholileyo nelinuka iziqhamo ukuqala kwi ziqhamo ezingamagaqa ukuya kuma qunube. Lewayini ikulungela ukuselwa isentshaTranslated by Zizipho Silwana