Chardonnay

© Louise Brodie

Inkcazelo

I-Chardonnay yeyona mveliso eqhelekileyo yesiselo somdiliya esimhlophe emhlabeni. Ingumxube phakathi kosapho lwe Pinot futhi nodidi oluphelayo olubizwa iGouais Blanc.

Imvelaphi

France.

Amanye Amagama

Melon blanc, Pinot blanc Chardonnay, Pinot Chardonnay okanye i Weisser Clevner.

Imveliso e-Mzantsi Afrika

Nangona umlimi wayo ehleli ixesha elide elizweni, imveliso yayo yaqala emva kokuba isityalo esivunyiweyo sifumanekile pha eminyakeni ye-1970s. Phambi kweloxesha, bekusetyenziswa iipisana eziphuma kumdiliya ochatshazelwe kakhulu yintsholongwane. Izinga eliphantsi likarhulumente lokungenisa nokukhupha izinto zokutyala laxhalabisa iqela lamafama alishumi, agqibela sele ethathela izinto ezandleni zawo.

Phakathi konyaka u-1973 ukuya ekuqaleni kwe 1980s, ngobuqhophololo, eliqela langenisa izinto zokutyala e-Mzantsi Afrika, zizifihle kwiimpahla yangaphakathi, kwitasi, kwiimpahla ezimdaka kunye nakwi nqwelomoya ezingaziwayo. Baqokelela izinto zokutyala zesi-French kwisikolo seziselo zomdiliya iGeissenheim e-Germany, apho u-Danie De Wet, inkokheli yabo, waye ngumfundi kwixesha langaphambili.

U-De Wet, onefama e Dewetshof e Robertson, waye ngumntu wokuqala ukungenisa ngobuqhophololo isityalo esitsha se Chardonnay apha elizweni kunyaka ka 1973.

Indawo Yemveliso

Imveliso ye Chardonnay yenzeka kuzo zonke iindawo zesiselo zomdiliya apha e-Mzantsi Afrika, kukhona i Robertson, Paarl, Stellenbosch kunye ne Breedekloof nase Swartland eziqhayisa ngokuba zezona ndawo ezinkulu zemveliso.

Ukukhula

Isilimo sikhula sibesemaphakathini, kuyenzeka ukuba sikhule kangange hektare eziyi 5t ukuya kwi hektare eziyi 9t.

Ukuvuthwa

Ekuqaleni, kwisiqingatha sesibini kweyo Mdumba.

Amaqunube

Amaqunube mancinci, anxazonke abe nombala ombatshileyo oluhlaza aphinde abelubhelu. Isikhumba sinqinile, siqinile futhi simbala ocacileyo. Wona umphakathi uthambile futhi unejusi emnandi.

Amagqabi

Amagqabi aphakathi ngesiqu, anxazonke, angqindilili futhi anemida ephumelayo.

Izinambuzane ne Zifo

I-Chardonnay ayikwazi ukumelana nexoshomba elintofontofo kunye ne-botrytis. Idiliya ziphumelela kumanqanaba apholileyo asebusika nakumanqanaba emozulu asemaphakathini wehlobo. Ukuyihlumisa isaqala inceda ekwehliseni impembelelo yemozulu eshushu pha kwixesha lemveliso.

Intsebenziso

Isetyenziswa njengo didi olulodwa lwesiselo somdiliya esibilisiweyo okanye esingabilisiwanga, okanye kwimveliso yeziselo zomdiliya ezikhanyayo futhi ezihamba phambili e-Mzantsi Afrika. Imane idityaniswa ne Sauvignon blanc.

Incasa

Oluhlobo lwesiselo somdiliya luveliswa sisilomo sayo, apho lixhomekeke kwimeko zemozulu nezomhlaba. Nangona isilimo singakwazi ukumelana neentlobo ezininzi zomhlaba, itshokhwe, udaka kunye namatye wokwakha kuthiwa ngawo abhetele.

Inambitheka njenge siqhamo kunye nemvula, imnandi, ivanilla, ibhotolo kunye nesinamoni. Iziselo zomdiliya zinombala ogolide futhi zivakala ingathi yivelvethi apha emlonyeni.

Translated by Aviwe Damane